1NGAKO kaloku akuko kugwetywa kwabo bakuye u‐Kristu Yesu, abati bangahambi ngokwenyama, koko bahambe ngo kwomoya. 2Ngokuba umteto womoya wobomi kuye u‐Kristu Yesu undikululekisile kuwo umteto wesono nowokufa. 3Ngokuba oko umteto ubungenamandla ukukwenza, ekubeni ububutataka ngayo inyama, utixo etumile owake unyana ekufaneni kwenyama yesono, nangenxa yesono, wagweba isono enyameni; 4ukuze ummiso womteto uzalisekiswe kuti, tina siti singahambi ngokwenyama, koko sihambe ngo kwomoya. 5Ngokuba abo banjengokwenyama benyamekela izinto zenyama; kodwa abo banjengo kwomoya banyamekela izinto zomoya. 6Ngokuba inyamekelo yenyama ikukufa; kodwa inyamekelo yomoya ibubomi noxolo. 7Ngokokuba inyamekelo yenyama ibutshaba ngakuye utixo: ngokuba ingalulameli emtetweni katixo, ingenje njalo kambe kanjako. 8Abo basenyameni ke abangemkolise utixo. 9Kodwa nina anisenyameni, koko ni kumoya, ukuba ke umoya katixo umi kuni. Kodwa ukuba umntu akanaye umoya ka‐Kristu, yena lo akangowake. 10Kekaloku ukuba u‐Kristu ukuni, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa umoya ububomi ngenxa yobulungisa. 11Nokuba umoya walowo wamvusayo u‐Yesu ekufeni umi kuni, yena owavusa u‐Kristu ekufeni woyidlisa ubomi kwa imizimba yenu enokufa ngaye umoya wake omiyo kuni.
12Ngako ke, bazalwana! singabanetyala, kungekuyo inyama, ukuba sihlale ngokwenyama. 13Ngokuba niza kuti, ukuba niyahlala ngokwenyama, nife; kodwa, ukuba niti ngomoya nibulale izenzo zomzimba, niya kudla ubomi. 14Ngokuba bonke abakokelwayo ngumoya katixo, bona aba bangonyana bakatixo. 15Ngokuba ningawamkelanga umoya wobukoboka kubuye koyikwe; koko nawamkelayo umoya wobunyana, esiti kwa kuwo sibize ngokuti: Aba. Bawo! 16Yena umoya ngokwake uyanqi̔nelana nomoya wetu, okokuba silusapo lukatixo. 17Kekaloku ukuba silusapo, sizindlalifa kanjalo; sizindlalifa katixo, nendlalifa kunye no‐Kristu; ukuba ke siyeva intlungu kunye naye, ukuze senzelwe ubungcwalisa kwa kunye naye.
18Ngokuba nditelekelelisa ukuba intlungu zelixesha lakaloku nje aziluto zakulinganiswa nobobungcwalisa buza kutyilwa kuti. 19Ngokuba ukulangazelela kwokudalwa kulinda ukutyilwa kwonyana bakatixo. 20Ngokuba ukudalwa bekubekwa pantsi kwokungendawo, (bekungengokuvuma kwako, bekungenxa yalowo wakubekayo pantsi,) ngetemba, 21ukuba kwa kona ukudalwa kuya kukululekiswa ebukobokeni bolwonakalo, kungeniswe kuyo inkululeko yobungcwalisa bosapo lukatixo. 22Ngokuba sisazi ukuba konke ukudalwa kugula kunenimba kwa kunye kude kube kaloku nje. 23Kungenjalo ke kodwa, koko kanjako tina ngokwetu, esinalo ulibo lwomoya, kwa tina ngokwetu siyagula pakati kwetu, silinda ukumiswa kwobunyana, ukukululwa kwomzimba wetu. 24Ngokuba sisindiswe ngetemba: kodwa itemba elibonwayo alililo itemba; ngokuba oko akubonayo umntu, kuyinina ukuba unako nokukutembela? 25Kodwa ukuba oko esingakuboniyo siyakutembela, siyakulinda ngomonde.
26Ngokunjalo ke nomoya uyanceda izilwelwe zetu: ngokuba singazi ukuba singe sitandazela nto nina njengoko kufanelekileyo; kodwa yena umoya ngokwake uyasitetelela ngezigulo ezingatetekiyo. 27Naye lowo uzipengululayo intliziyo uyazi into iyiyo inyamekelo yomoya, ukuba ebatetelela abangcwele njengako ukutanda kukatixo.
28Kanjako siyazi ukuba kwabo batanda utixo zonke izinto ziyasebenza kunye kube kokulungileyo, kwabo bangababiziweyo ngokwemvume yake. 29Ngokuba abo wabaziyo pambili, wabamisela kwa pambili ukuba bafane nomfanekiso wonyana wake, ukuze abe ngowamazibulo pakati kwabazalwana abaninzi: 30nabo wabamiselayo pambili, bona aba wababiza kanjalo: nabo wababizayo, bona aba wabagwebela kanjalo: nabo wabagwebelayo, bona aba wabenzela ubungcwalisa kanjalo.
31Soti nina ngoko ngezizinto? Ukuba utixo ungecala letu, ngubanina oya kwalana nati? 32Lowo ke ongamyekanga owake unyana, koko wamnikelayo ngenxa yetu sonke, kungati nina ukuba akayi kusipa nakunye naye izinto zonke? 33Ngubanina oya kumisa ityala ngakubo abaqashwa bakatixo? Utixo nguye ogwebelayo; 34ngubanina lowo ugwebayo? U‐Kristu nguye owafayo, ewe pezu kwoku, obuye wavuka kanjalo, okwa ngasekunene kwotixo, ositetelelayo kanjako. 35Ngubanina oya kusahlula elutandweni luka‐Kristu? yimbandezelo na, bubunzima na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuzé na, yingozi na, liṙele na? 36Njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ngenxa yako siyabulawa imini yonke; sasibalwa ngokuba zigusha zokuxe̔lwa. 37Kuloko kwezizinto zonke sigqitisile nasekwoyiseni ngaye lowo wasitandayo. 38Ngokuba ndikoliwe ukuba kwa nokufa, nobomi, nengelosi, nabanegunya, nabanamandla, nezinto ezikoyo, nezinto eziza kubako, 39nobude, nobunzulu, nesinye isidalwa esisimbi, aziyi kuba nako ukuba zingasahlula elutandweni lukatixo, olukuye u‐Kristu Yesu inkosi yetu.