Amaculo 56
ICULO LVI.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu, ngokwe‐Yonate?-?eleme‐rekokime, imikitame ka‐Davide, okuya wabanjwa ngama‐Filistiya e‐Gate.
1YIBA nofefe kum, Tixo! ndinxanyelwe ngumntu; esilwa imihla yonke nje, uyandincinezela. 2Abandihlolayo bandinxamele imihla yonke: ngokuba bebaninzi abalwayo nam ngoqanqalazo. 3Mhlana ndoyikayo, ndiya kutembela kuwe. 4Kutixo ndiya kudumisa ilizwi lake; nditembele kutixo, andiyi kwoyika; inyama ingenza nto nina kum?
5Imihla yonke bayawajika amazwi am: onke amaqinga abo angawobubi ngakum. 6Bayabutelana, bayazifihla, bayahlola imikondo yam, ekubeni balinda ubomi bam. 7Baya kusinda ngenkohlakalo na? kahlela abantu ngengqumbo, Tixo! 8Imbadulo zam uzibalile wena: faka inyembezi zam entsubeni yako; aziko encwadini yako na? 9Mhlana ndibizayo, oko intshaba zam ziya kubuya ngomva: oku ndiya kwazi; ngokuba utixo engecala lam. 10Kutixo ndiya kudumisa ilizwi lake; kuyehova ndiya kudumisa ilizwi lake. 11Nditembele kutixo, andiyi kwoyika; umntu angenza nto nina kum?
12Izibambiso zako zipezu kwam, Tixo! ndiya kuhlaula kuwe ngemibulelo. 13Ngokuba uhlangule umpefumlo wam ekufeni: akuyi kuhlangula inyawo zam ekuweni na, ndize ndihambe ebusweni botixo ekukanyeni kwabahleliyo?
Bible Society of South Africa 1902