Amaculo 52
ICULO LII.
Elika‐Davide, lokuqondisa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, okuya u‐Dowegi um‐Edome waya waxela ku‐Saule, wati kuye: u‐Davide uze endlwini ka‐Ahimeleki.
1YININA ukuba uziqa̔yisele ngenkohlakalo, ṙotindini? ububele bukatixo buko imihla yonke. 2Uyaqinga izinto zobumenemene ngolwimi lwako, njengesitshetshe sokuguya esibukali, usenza ngenkohliso. 3Uyatanda okukohlakeleyo ngapezu kwokulungileyo; nokuxoka ngapezu kwokuteta ubulungisa. Sela. 4Uyatanda onke amazwi entshabalaliso, wena lwimi lwenkohliso.
5Kanjalo utixo wokucita kude kube ngunapakade; wokubamba, akuncotule ententeni yako, akudonyule emhlabeni wabahleliyo. Sela. 6Baye abalungileyo beya kubona, boyike, bahleke pezu kwake, besiti: 7Nanku umntu ongamenzanga amandla ake utixo, kodwa watemba ubuninzi bezake indyebo; wazomeleza ebumenemeneni bake.
8Kodwa mna ndinjengomnquma oluhlaza endlwini katixo: ndiyatembela ebubeleni bukatixo ngonapakade kanapakade. 9Ndokudumisa kude kube ngunapakade, ngokuba ukwenzile oku; ndolinda nokulinda igama lako; ngokuba kulungile ebusweni babangcwele bako.
Bible Society of South Africa 1902