Amaculo 147
ICULO CXLVII.
1DUMISANI uyehova! ngokuba kulungile ukucula kutixo wetu; ngokuba kumnandi; indumiso yinto efanelekileyo. 2Uyehova uyaka i‐Yerusaleme; abalahliweyo bakwa‐Sirayeli uyababuta. 3Uyapilisa abantliziyo zigqobokileyo; uyazibopa intlungu zabo. 4Uyabala inani lenkwenkwezi; uyazibiza zonke ngamagama. 5Inkosi yetu inkulu, inamandla amakulu; ingqondo yayo ipezu kwembaliso. 6Uyehova uyapakamisa abalulamileyo; uyatobisa abakohlakeleyo kude kube semhlabeni.
7Hlabelanani kuyehova ngombulelo; culani kutixo wetu ngekinore; 8osibekelisa izulu ngamafu, olungisela umhlaba imvula, ohlumisa utyani ezintabeni. 9Uyamkelisa inkomo ukutya kwazo, namatole onomyai alilayo. 10Akavuyi ngamandla ehashe; akakoliswa yimilenze yendoda. 11Uyehova uyakoliswa ngabamoyikayo, ngabatembayo ebubeleni bake.
12Bonga uyehova, Yerusaleme! dumisa utixo wako, Ziyone! 13Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango ako, watamsanqelisa usapo lwako pakati kwako. 14Uyenza uxolo emideni yako; uyakukolisa ngenqolowa etyebileyo. 15Uyatuma isiteto sake emhlabeni; ilizwi lake liyabaleka ngokunxama kakulu. 16Uyanika ingqweqwe njengoboya; uyahlwayela ingqele emhlope njengotutu. 17Uyaposa iliqwa lake njengamaqekeza: ngubanina onokuma pambi kwengqele yake? 18Uyatuma ilizwi lake, zinyibilike; uyavutelisa umoya wake, ele amanzi. 19Uyaxela amazwi ake ku‐Yakobi, imimiso yake nezigwebo zake ku‐Sirayeli. 20Akenjanga njalo kwesinye isizwe: nezigwebo zake abazazanga. — Dumisani uyehova!
Bible Society of South Africa 1902