Amaculo 141
ICULO CXLI.
Iculo lika‐Davide.
1Yehova! ndiyabiza kuwe; kauleza ukuza kum: pulapula ilizwi lam, ndakubiza kuwe. 2Umtandazo wam maulungiselelwe pambi kwako njengesiqu̔miso; nokupakanyiswa kwezandla zam njengomnikelo wokuhlwa.
3Misa umlindo, Yehova! ngasemlonyeni wam; gcina umnyango womlomo wam. 4Intliziyo yam ungayitobeli entweni engalungileyo, ukwenza izenzo ezikohlakeleyo kunye namadoda akwenzayo okungendawo: mandingadli nezimnandi zawo.
5Olungileyo makandibete, kwoba bubele oko; makandohlwaye kanjalo, kwoba yioli yentloko, engayi kwaliwa yintloko yam: ngokuba kuseko nomtandazo wam ngasebubini bawo. 6Abagwebi bawo bakahlelwa pantsi emacaleni eliwa; kwaza kwaviwa amazwi am, ukuba amnandi.
7Amatambo etu atiwe sa ngasemlonyeni wencw̔aba, njengokungati bekunqunyulwe kwacandwa inkuni emhlabeni.
8Koko amehlo am angakuwe, Yehova oyinkosi! nditembile wena; zungahlubi umpefumlo wam. 9Ndigcine ezibateni banditiyele ngazo, nasemigibeni yabenzi bokungendawo. 10Abakohlakeleyo mabawe kwezabo intambo, nxa ndidlula kanye mna.
Bible Society of South Africa 1902