Amaculo 135
ICULO CXXXV.
1DUMISANI uyehova! — Dumisani igama likayehova; dumisani, nina zicaka zikayehova! 2nina nimiyo endlwini kayehova, nasemakusini endlu yotixo wetu! 3Dumisani uyehova, ngokuba uyehova elungile; culani kwigama lake, ngokuba limnandi.
4Ngokuba uyehova eqashile u‐Yakobi abe yeyake, no‐Sirayeli abe yinto enqabileyo kuye. 5Ngokuba ndisazi ukuba uyehova umkulu, nokuba inkosi yetu ipezu kwotixo bonke. 6Konke owakutandayo uyehova ukwenzile, ezulwini nasemhlabeni, elwandle nasezinzulwini zonke. 7Uyenyusa amafu esipelweni somhlaba; uyenza imibane kunye nemvula; uyavelisa umoya ezimbekelweni zake.
8Owabeta amazibulo ase‐Jipete, nawabantu nawenkomo: 9watuma imiqondiso nemimangaliso pakati kwako, Jipete! pezu kwo‐Faro, napezu kwazo zonke izicaka zake. 10Owabeta izizwe ezikulu, wabulala okumkani abanamandla: 11u‐Sihone ukumkani waba‐Amori, no‐Hogi ukumkani we‐Bashane, nabo bonke ubukumkani base‐Kanane; 12wanika umhlaba wabo ube lilifa, ube lilifa ko‐Sirayeli abantu bake.
13Igama lako, Yehova! lingunapakade; isikumbuzo sako, Yehova! sikwisizukulwana ngesizukulwana. 14Ngokuba uyehova eya kutetelela abantu bake, abe nosizi pezu kwezicaka zake.
15Izitixo zabaheyideni zezesilivere negolide, umsebenzi wezandla zabantu. 16Zinemilomo, kanti aziteti; zinamehlo, kanti aziboni; 17zinendlebe, kanti aziva; kanjako akuko umpefumlo emilonyeni yazo. 18Abo bazenzayo bayafana nazo; nabo bonke abatembela kuzo.
19Bongani uyehova, ndlu ka‐Sirayeli! bongani uyehova, ndlu ka‐Arone! 20bongani uyehova, ndlu ka‐Levi! bongani uyehova, nina nimoyikayo uyehova! 21Makabongwe uyehova kwa se‐Ziyone, omiyo e‐Yerusaleme. — Dumisani uyehova.
Bible Society of South Africa 1902