Amaculo 132
ICULO CXXXII.
Iculo lezinyuko.
1YEHOVA! kumbula u‐Davide, nako konke ukubandezelwa kwake; 2okokuba wafunga uyehova, wenza isibambiso kusomandla ka‐Yakobi: 3Ngenyaniso andiyi kungena ententeni yendlu yam, andiyi kunyukela ekoyeni yesilili sam, 4andiyi kunika amehlo am ubutongo, nenkope zam ukwozela, 5ndide ndifumanele uyehova indawo, nosomandla ka‐Yakobi itabanakele.
6Kangela, sayiva e‐Eferata; sayifumana ezindle zasehlatini. 7Masingene etabanakeleni yake, sibedeshe esitulweni senyawo zake. 8Pakama, Yehova! uze ekupumleni kwako, wena netyeya yamandla ako: 9abaperisite bako mabambate ubulungisa, nabangcwele bako mabadanduluke ngovuyo. 10Ngenxa ka‐Davide, isicaka sako, zungasongi ubuso bomtanjiswa wako.
11Uyehova ufungile ngenyaniso ku‐Davide; akayi kuguquka kuyo: owenzalo yomzimba wako ndiya kumbeka eteroneni yako. 12Nxa onyana bako baya kugcina ucebano lwam, nesinqi̔nelo sam endiya kubafundisa sona, onyana babo nabo bohlala eteroneni yako kude kube ngunapakade. 13Ngokuba uyehova eqashile i‐Ziyone; uyinqwenele ibe yindawo yake yokuhlala, esiti: 14Yeyokupumla kwam le kude kube ngunapakade: ndohlala apa, ngokuba ndiyinqwenele. 15Ukudla kwayo ndokutamsanqelisa kakulu; amahlwempu ayo ndowakolisa ngesonka. 16Kanjalo abaperisite bayo ndobavatisa ngosindiso; nabangcwele bayo bodanduluka kakulu ngovuyo. 17Apo ndiya kuhlumisa upondo luka‐Davide: ndilungisele umtanjiswa wam isibane. 18Intshaba zake ndozivatisa ngedano; kodwa pezu kwake siya kutyatyamba isitsaba sake.
Bible Society of South Africa 1902