Amaculo 115
ICULO CXV.
1MAKUNGABI kuti, Yehova! makungabi kuti, makube kwigama lako ekunikelwa ubungcwalisa, ngenxa yobubele bako, nangenxa yenyaniso yako. 2Yinina ukuba abaheyideni babe nokuti: Upina ke utixo wabo? 3Kodwa utixo wetu usezulwini: konke akutandayo uyakwenza.
4Izitixo zabo zezesilivere negolide, umsebenzi wezandla zabantu. 5Zinemilomo, kanti aziteti; zinamehlo, kanti aziboni; 6zinendlebe, kanti aziva; zinempumlo, kanti azijoji; 7zinezandla, kanti azipati; zinenyawo, kanti azihambi; azivakalisi ngomqala wazo. 8Abo bazenzayo bayafana nazo; nabo bonke abatembela kuzo.
9Sirayeli! tembela kuyehova; ungumncedi wabo yena, nekaka labo. 10Ndlu ka‐Arone! tembelani kuyehova; ungumncedi wabo yena, nekaka labo. 11Nina bamoyikayo uyehova! tembelani kuyehova; ungumncedi wabo yena, nekaka labo.
12Uyehova usikumbule; uya kutamsanqelisa: uya kutamsanqelisa indlu ka‐Sirayeli; uya kutamsanqelisa indlu ka‐Arone. 13Uya kutamsanqelisa abamoyikayo uyehova, kwa abancinane nabakulu. 14Uyehova uya kwongezelela pezu kwenu; pezu kwenu napezu kwabantwana benu. 15Ningabatanyusanqelweyo nguyehova, owenzayo izulu nomhlaba.
16Okwezulu, izulu le likayehova; kodwa umhlaba uwunikile konyana babantu. 17Abafileyo abadumisi uyehova, kwa nabo bonke abehlele ekutini cwaka. 18Kodwa tina siya kubonga uyehova, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade. — Dumisani uyehova!
Bible Society of South Africa 1902