ICULO CVI.
1DUMISANI uyehova! — Bulelani kuyehova, ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade. 2Ngubanina ongaxela izenzo zamandla zikayehova? ngubanina ongavakalisa lwonke udumo lwake? 3Hai itamsanqa labagcina ubugwebo, nelowenza okulungileyo ngamaxesha onke! 4Yehova! zundikumbule ngokutandwa kwabantu bako; uze kum unosindiso lwako; 5ukuba ndibone ubutamsanqa babaqashwa bako, ndivuye ngovuyo lwesizwe sako, ndiziqa̔yisele ndawonye nelifa lako.
6Sonile kunye nobawo betu, senzile ngobugwenxa, senza okukohlakeleyo. 7Obawo betu abaqondanga imimangaliso yako e‐Jipete; abakumbulanga ubuninzi bezibele zako: bavukela ngakuye elwandle, elwandle olubomvu. 8Wabasindisa noko ngenxa yegama lake, ukuze abonakalise amandla ake. 9Walutetisa ulwandle olubomvu, lwada lwoma; waza wabahambisa ezinzulwini njengasentlango. 10Wabasindisa esandleni sobatiyileyo, wabakulula esandleni sotshaba. 11Amanzi aselela ababandezeli babo; bekungeko namnye wakubo owasalayo. 12Bandula ukukolwa ngamazwi ake; bavuma indumiso yake.
13Bahla balibala imisebenzi yake; abalindanga icebo lake; 14bakanuka kakulu entlango, balinga utixo ebugxwayibeni. 15Waza wabapa isicelo sabo; kodwa watuma ubityo empefumlweni wabo. 16Baba nomona ngaku‐Mosesi emnqubeni, nangaku‐Arone oyingcwele kayehova. 17Umhlaba wavuleka, waginya u‐Datane, waselela umhlambi ka‐Abirame. 18Kwapenjwa umlilo emhlambini wabo; ilangatye latshisa abakohlakeleyo. 19Benza itole e‐Horebe, bazitoba pambi kwomfanekiso otyityishiweyo. 20Kwa njalo baguqula ubungcwalisa babo bube kokufana nenkabi edla inca. 21Balibala utixo umsindisi wabo, obezenzile izinto ezinkulu e‐Jipete; 22imimangaliso ezweni lakwa‐Hame, izinto ezoyikekileyo ngaselwandle olubomvu. 23Wati ngoko ebeya kubatshabalalisa, ukuba u‐Mosesi umqashwa wake ebengemanga esiṙotyeni pambi kwake, ukupambukisa umsindo wake, aze angabubisi.
24Kanjako badela ilizwe elinqwenelekayo; abakolwanga lilizwi lake; 25beya ezintenteni zabo; abapulapulanga ilizwi likayehova. 26Wati ngoko wapakamisa isandla sake ngakubo, ukuba abawise entlango; 27nokuba awise inzalo yabo pakati kwabaheyideni, abati sa emazweni. 28Bazibandakanya no‐Bali‐pehori, badla amadini abafileyo. 29Baza bamqumbisa ngezenzo zabo: sada isibulalo satyobozela pakati kwabo. 30Wandula wesuka u‐Finehasi, wenza umgwebo: sati isibulalo sanqamka. 31Kwaza oko kwabalelwa kuye ukuba bubulungisa, kwisizukulwana ngesizukulwana kude kube ngunapakade. 32Bamqumbisa kanjalo emanzini e‐Meriba, kwaza kwaba nzima pezu kwo‐Mosesi ngenxa yabo: 33ngokuba bacapukisa umoya wake, wada wateta ngomlomo wake ngokunxama.
34Abatshabalalisanga izizwe uyehova wabebaxelela ngazo; 35badibanisana nabaheyideni, bafunda imisebenzi yabo. 36Basuka bakonza izitixo zabo: zaza zaba ngumgibe kubo. 37Ewe, onyana babo nentombi zabo babenza amadini kuzo idemoni, 38bapalaza igazi elingenatyala, igazi lonyana babo nelentombi zabo, ababebenzile amadini kwizitixo zase‐Kanane: waza umhlaba wadyojwa ngegazi. 39Kwa njalo bazinco̔lela ngemisebenzi yabo, baṙexeza ngezenzo zabo. 40Yati ngoko ingqumbo kayehova yavuta ngakubo abantu bake, wada wazonda ilifa lake. 41Wabanikela esandleni sabaheyideni; baza bapatwa ngababatiyileyo. 42Intshaba zabo zabancinezela; batotyiswa pantsi kwesandla sazo. 43Wabahlangula amaxesha amaninzi; koko bamcapukisayo ngecebo labo, baza bagotywa ngenxa yenkohlakalo yabo.
44Kodwa wabona ubunzima babo, akuva ukukala kwabo. 45Waza wabakumbulela ucebano lwake, waba nosizi njengobuninzi bezibele zake. 46Wenza nokuba bazuze inceba ebusweni babo bonke ababebatimbile. 47Sisindise, Yehova, Tixo wetu! sibute sipume pakati kwabaheyideni, size sibulele egameni lako elingcwele, siqa̔yise eludunyweni lwako.
48Makabongwe uyehova, utixo wo‐Sirayeli, kwa kunapakade kude kube ngunapakade: mabati bonke abantu: Amene. — Dumisani uyehova!