Amaculo 103
ICULO CIII.
Elika‐Davide.
1MBONGE uyehova, mpefumlo wam! nako konke okupakati kwam, libonge igama lake eliyingcwele! 2Mbonge uyehova, mpefumlo wam! ungalibali zonke izincedo zake: 3oxolela zonke inkohlakalo zako; opilisa zonke izifo zako; 4okulula ubomi bako ekutshabalaleni; okupahlayo ngezibele nangenceba; 5okolisa umlomo wako ngokulungileyo; bude ubutsha bako buhlaziywe njengobokozi.
6Uyehova uyenzela bonke ababandezelweyo ubulungisa nobugwebo. 7Wazisa indlela zake ku‐Mosesi, nezenzo zake elusatsheni luka‐Sirayeli. 8Uyehova unenceba nofefe; uqumba kade, enobubele obuninzi. 9Akayi kupika ngamaxesha onke; akayi kubamba ingqumbo kude kube ngunapakade. 10Akenzanga kuti njengokwezono zetu; akasivuzanga njengokwenkohlakalo zetu. 11Ngokuba njengobude bezulu pezu kwomhlaba, bungako ubukulu bobubele bake pezu kwabamoyikayo. 12Njengokuba kude kwelokupuma kwelanga nelokutshona, uyazibeka kude nati izigqito zetu. 13Njengenceba yoyise pezu kwabantwana bake, injalo inceba kayehova pezu kwabamoyikayo. 14Ngokuba ekwazi ukudalwa kwetu, ekumbula ukuba silutuli. 15Umntu imihla yake injengenca; njengembali yasendle, uyatyatyamba njalo. 16Ngokuba umoya udlula pezu kwayo, ibe selingaseko ke; iti indawo yayo ingabuyi yazane nayo. 17Kodwa ububele bukayehova bukwa kunapakade kude kube ngunapakade pezu kwabamoyikayo, nobulungisa bake bukwabantwana babantwana: 18kwabo bagcina ucebano lwake, nakwabo bakumbula ingxelo zake bazenze.
19Uyehova umisile iterone yake ezulwini; ubukumkani bake bupete pezu konke. 20Bongani uyehova, nina zingelosi zake! nina bakulu ngamandla, enilenza ilizwi lake, ekuveni intlokoma yelizwi lake. 21Bongani uyehova, nonke nina mikosi yake! nina bakonzi bake niyenzayo intando yake! 22Bongani uyehova, nonke nina misebenzi yake! kuzo zonke indawo zokupata kwake. Mbonge uyehova, mpefumlo wam!
Bible Society of South Africa 1902