1Ungabi namona ngabantu abangalungileyo, kanjalo ungakanuki ukuba nabo. 2Ngokuba intliziyo yabo icamanga ubandezelo, nomlomo wabo uyateta ububi.
3Indlu iyakiwa ngobulumko; nangengqondo iyaqiniswa: 4kanjalo ngokwazi inkambili ziya kuzaliswa ngobutyebi bonke obunqabileyo obuhle.
5Umuntu olumkileyo unamandla; ewe, umntu onokwazi uyomeleza amandla. 6Ngokuba ngawo amaqinga alumkileyo uya kuzenzela imfazwe; kanjalo kuko ingciniso ebuninzini babacebisi.
7Ubulumko buyinto epezulu kwihilihili; alivuli umlomo walo esangweni.
8Ocingayo ukwenza ububi, uya kubizwa ngokuba ngumntu wamaqinga akohlakeleyo.
9Iqinga lobuhilihili lisisono; kanjalo umgxeki uyintshontsho ebantwini.
10Ukuba uyacubuka emhleni wobunzima, amandla ako axinene.
11Ukuba uyalandula ukusindisa abo bar̔olelwayo ekufeni, nabo bahexelayo ekubulaweni; 12nxa utshoyo ukuti: Bona ke, besingakwazi oku; olinganisa intliziyo, akaqondi na yena? ogcinayo umpefumlo wako, akazi na yena? kanjalo akayi kuvuza abantu njengokwemisebenzi yabo na?
13Nyana wam! yidla ubusi, ngokuba bumnandi; nencindi, eyolileyo ekuhlangubo lako. 14Kwoba njalo ke ukwaziwa kwobulumko empefumlweni wako: nxa ubufumeneyo, kwandul’ ukubako umvuzo, netemba lako ahyi kunqunyulwa.
15Musa, wena mntu okohlakeleyo! ukulalela ikaya lolungileyo; ungaciti indawo yake yokupumla: 16ngokuba olungileyo esiwa kasixe̔nxe, abuye avuke; kodwa abakohlakeleyo baya kukubekela engozini.
17Nxa utshaba lwako luwayo, ungavuyi; naxeshekweni luku̔bekayo, mayingagcobi intliziyo yako; 18hleze abone uyehova, kube kubi emehlweni ake, aze anqande kulo umsindo wake.
19Ungaziqumbisi pezu kwabenzi bokungalungileyo; ungabi namona pezu kwabakohlakeleyo; 20ngokuba kungayi kubako umvuzo kuye ongalungileyo; isibane sabakohlakeleyo siya kucinywa.
21Nyana wam yoyika uyehova nokumkani; ungadibani nabo baguquguqukayo; 22ngokuba ilishwa labo liya kuvuka ngebaqo; nentshabalaliso yabo bobabini, ngubanina oyaziyo?
23LAMAZWI nawo ngawabalumkileyo.
Ukugqalisela ubuso ekugwebeni, akulungile. 24Otshoyo kokohlakeleyo ukuti: Ulungile; abantu baya kumnywebelela, izizwe ziya kumzonda: 25kodwa kubo abamohlwayayo, kwoba mnandi; napezu kwabo kwoza itamsanqa elilungileyo.
26Kuya kwangwa umlomo walowo owenza impendulo ngamazwi asekuhleni.
27Lungisa umsebenzi wako pandle, uwulungiselele entsimini yako; wandule ukwaka indlu yako.
28Ungabi linqi̔na ngakuye ummelwane wako kungeko tuba; uya kuhanahanisa ngomlomo wako yinina? 29Ungatsho ukuti: Njengokuba enze kum, ndiya kwenje njalo kuye; ndopindezela emntwini njengokwomsebenzi wake.
30Ndadlula ngasentsimini yomutu olivila, nangasemyezweni womntu oswele ingqondo: 31kekaloku, bona ke, ubumilelwe upela ngamakakakaka; ubuso bawo bebugujungelwe ngamaṙau; notango lwamatye lwawo lube lucitekile. 32Ndaza ndawukangela, ndawubekela intliziyo yam; ndawubonela, ndamkela ululeko: 33Ibe yintwana yobutongo, ibe yintwana yokunqenqa, ibe yintwana yokuxabanisa izandla kuze kulalwe, 34bandul’ ukuza ubuhlwempu bako njengomhambi, nokuswela kwako njengoxo̔bileyo.