1WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 2Teta no‐Arone, uti kuye: Nxa umisayo izibane, ziya kukanyisa malungana nekandelare izibane zosixe̔nxe. 3Wenje njalo ke u‐Arone; malungana nekandelare wamisa izibane zayo, njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi. 4(Elisetyenzwa lekandelare belilelegolide ekandelweyo; kwa kuso isikondo sayo, kwada kwakuzo intyatyambo zayo, ibilisetyenzwa elikandelweyo; njengesimilo uyehova wambonisayo u‐Mosesi, wabeyenzile ikandelare kwa ngokunjalo.)
5Waza uyehova wateta ku‐Mosesi esiti: 6Tabata aba‐Levi pakati kwosapo luka‐Sirayeli, ubacokise. 7Uya kwenje njalo kubo, ukubacokisa: Tshiza pezu kwabo amanzi okuhlambulula; bati bona badlulise isitshetshe sokuguya pezu kwayo yonke inyama yabo, bahlanze izivato zabo, bazicokise. 8Bandule batabate inkunzana elitole lenkomo, nomnikelo wokudla wayo, umgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli; nenye inkunzana elitole lenkomo uya kuyitabata ibe lidini lesono. 9Wauya kusondeza aba‐Levi pambi kwentente yentlangano; uze uhlanganisele ndawonye yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli. 10Wauya kusondeza aba‐Levi ebusweni bukayehova; luti usapo luka‐Sirayeli lulalise izandla zalo pezu kwaba‐Levi. 11Kanjalo u‐Arone wonikela aba‐Levi babe ngumnikelo ebusweni bukayehova uvela kulo usapo luka‐Sirayeli, ukuba babe ngabokwenza inkonzo kayehova. 12Baye aba‐Levi beya kulalisa izandla zabo pezu kwentloko zenkunzana ezo; uze wena wenze enye ibe lidini lesono, nenye ibe lidini lokutshiswa, kuyehova, ukuxolisela aba‐Levi.
13Wauya kumisa aba‐Levi ebusweni buka‐Arone, nasebusweni bonyana bake, ubanikele babe ngumnikelo kuyehova. 14Uya kubahlula njalo aba‐Levi pakati kwosapo luka‐Sirayeli, ukuba aba‐Levi babe ngabam. 15Nasemva kwoku baya kungena aba‐Levi ukuya kukonza ententeni yentlangano; wauya kubacokisa, ubanikele babe ngumnikelo. 16Ngokuba bona begqityelwe ukunikwa kum pakati kwosapo luka‐Sirayeli; esikundleni sabo bonke ekuzityulwa ngabo, samazibulo alo lwonke usapo luka‐Sirayeli, ndizitabatele bona. 17Ngokuba onke amazibulo pakati kwosapo luka‐Sirayeli engawam, awabantu nawezilo: umhla ndandibeta onke amazibulo ezweni le‐Jipete ngawo, ndawenza ngcwele wona kum. 18Naba‐Levi ndibatabatile esikundleni sawo onke amazibulo pakati kwosapo luka‐Sirayeli. 19Kanjalo ndibanikile aba‐Levi, abanikiweyo ku‐Arone nakonyana bake kwa pakati kwosapo luka‐Sirayeli, ukuyenza inkonzo yosapo luka‐Sirayeli ententeni yentlangano, nokwenzela usapo luka‐Sirayeli uxoliso, ukuba kungabiko pakati kwosapo luka‐Sirayeli isibulalo, lwakusondela usapo luka‐Sirayeli kweyingcwele indawo.
20Bati ke u‐Mosesi, no‐Arone, nayo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, benzela aba‐Levi njengako konke uyehova abemyalele u‐Mosesi pezu kwaba‐Levi, lwenje njalo ke kubo usapo luka‐Sirayeli. 21Baza aba‐Levi bazihlambulula, bahlanza izivato zabo; waye u‐Arone wabanikela babe ngumnikelo ebusweni bukayehova: wati kanjalo u‐Arone wabenzela uxoliso ukubacokisa. 22Nasemveni kwoku bangena aba‐Levi ukuya kuyenza inkonzo yabo ententeni yentlangano, ebusweni buka‐Arone, nasebusweni bonyana bake; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi pezu kwaba‐Levi, benje njalo kubo.
23Waye uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 24Oku kukokwaba‐Levi: Abaminyaka ingamashumi mabini anesihlanu nabapezulu, ubudala babo, baya kungena ukwenza ubukonzo, emsebenzini wentente yentlangano: 25nominyaka ingamashumi mahlanu, ubudala bake, uya kupuma ebukonzweni balomsebenzi, aze angabuyi asebenze; 26koko eya kukonza nabazalwana bake ententeni yentlangano, ukuba kugcinwe isigcinelo; kodwa umsebenzi abasayi kuwenza. Kunjengokunjalo uya kwenza kuba‐Levi ngako ukugcina kwabo.