1KWAZA kwati, ngomhla wokuba ebegqibile u‐Mosesi ukupakamisa itabanakele, nokuba ebeyitambisile, wayingcwalisa, nazo zonke impahla zayo, nesibingelo, nazo zonke impahla zaso, wazitambisa, wazingcwalisa; 2kwanikela inkosi zakwa‐Sirayeli, intloko zendlu zoyise zazo, ezibe zizinkosi zezizwe, ezongama pezu kwabo ababalweyo: 3zaye zizisa umnikelo wazo pambi kwoyehova, inqwelo ezintandatu zinentente, nenkabi ezilishumi linambini: yanye inqwelo kwezimbini inkosi, yanye inkabi kwenye ngenye; zazisondeza pambi kwayo itabanakele. 4Waza uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 5Zamkele kuzo, ukuba zibe zezokwenza inkonzo yentente yentlangano; wauya kunika zona kuba‐Levi, abanye ngabanye njengenkonzo yabo. 6Waza u‐Mosesi watabata ezonqwelo nezonkabi, wazinika kuba‐Levi. 7Inqwelo ezimbini, nenkabi ezine, wazinika konyana baka‐Gereshone, njengenkonzo yabo; 8nenqwelo ezine, nenkabi ezisibozo, wazinika konyana baka‐Merari, njengenkonzo yabo; ngapantsi kwesandla sika‐Yitamare, unyana ka‐Arone umperisite. 9Kanti onyana baka‐Kohati akanikanga kubo; ngokuba inkonzo yeyingcwele indawo ibipezu kwabo, abatyatayo ngegxalaba.
10Zaza inkosi zanikela umnikelo wokutwasiswa kwesibingelo, ngomhla wokutanjiswa kwaso; zaye inkosi zinikela umnikelo wazo pambi kwesibingelo. 11Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Inye inkosi ngemini yayo, inye inkosi ngemini yayo, ziya kunikela umnikelo wazo ngenxa yokutwasiswa kwesibingelo.
12Kekaloku lowo obenikela umnikelo wake ngemini yokuqala wayengu‐Nahashone, unyana ka‐Haminadabi, owesizwe sika‐Juda. 13Waye umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 14inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 15inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 16linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 17nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka‐Nahashone, unyana ka‐Haminadabi.
18Ngemini yesibini wanikela u‐Netaneli, unyana ka‐Tsuhare, inkosi yo‐Yisakare. 19Yena wanikela umnikelo wake, ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 20inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 21inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 22linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 23nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka‐Netaneli, unyana ka‐Tsuhare.
24Ngemini yesitatu yanikela inkosi yonyana baka‐Zebulone, u‐Eliyabe, unyana ka‐Heloni. 25Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 26inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 27inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 28linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 29nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka‐Eliyabe, unyana ka‐Heloni.
30Ngemini yesine yanikela inkosi yonyana baka‐Rubene, u‐Elitsure, unyana ka‐Shedeyure. 31Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 32inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 33inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 34linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 35nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka Elitsure, unyana ka‐Shedeyure.
36Ngemini yesihlanu yanikela inkosi yonyana baka‐Simone, u‐Shelumiyele, unyana ka‐Tsurishadai. 37Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 38inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 39inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 40linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 41nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye; nguwo lo umnikelo ka‐Shelumiyele, unyana ka‐Tsurishadai.
42Ngemini yesitandatu yanikela inkosi yonyana baka‐Gadi, u‐Eliyasafa, unyana ka‐Dehule. 43Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sesilivere sokufefela esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo: ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 44inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso: 45inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 46linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 47nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka‐Eliyasafa, unyana ka‐Dehule.
48Ngemini yesixe̔nxe yanikela inkosi yonyana baka‐Frayime, u‐Elishama, unyana ka‐Hamihude. 49Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 50inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 51inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 52linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 53nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka‐Elishama, unyana ka‐Hamihude.
54Ngemini yesibozo yanikela inkosi yonyana baka‐Manase, u‐Gamaliyeli, unyana ka‐Pedatsure. 55Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 56inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 57inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 58linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 59nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka‐Gamaliyeli, unyana ka‐Pedatsure.
60Ngemini yesitoba yanikela inkosi yonyana baka‐Benjamine, u‐Abidane, unyana ka‐Gideyoni. 61Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 62inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 63inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 64linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 65nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka‐Abidane, unyana ka‐Gideyoni.
66Ngemini yeshumi yanikela inkosi yonyana baka‐Dane, u‐Ahihezere, unyana ka‐Hamishadai. 67Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 68inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso: 69inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 70linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 71nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka‐Ahihezere, unyana ka‐Hamishadai.
72Ngemini yeshumi linesinye yanikela inkosi yonyana baka‐Ashere, u‐Pagiyeli, unyana ka‐Okerane. 73Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 74inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 75inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 76linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 77nangenxa yombingo, woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka Pagiyeli, unyana ka‐Okerane.
78Ngemini yeshumi linesibini yanikela inkosi yonyana baka‐Nefatali, u‐Ahira, unyana ka‐Henani. 79Umnikelo wake ubusinye isikotile sesilivere silikulu linamashumi matatu leshekele ukuba nzima kwaso, sinye isitya sokufefela sesilivere esishekele zingamashumi asixe̔nxe, ngeshekele yeyingcwele indawo; ezi zozibini zazizele ngumgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla; 80inye igxebeka yeshumi leshekele zegolide, izele sisiqumiso; 81inye inkunzana elitole lenkomo, inye inkunzi yegusha, inye imvana yomnyaka mnye, libe lidini lokutshiswa; 82linye itakane lebokwe, libe lidini lesono; 83nangenxa yombingo woxolo, zimbini inkomo, zintlanu inkunzi zegusha, zintlanu ibokwe, zintlanu imvana zomnyaka mnye: nguwo lo umnikelo ka‐Ahira, unyana ka‐Henani.
84Oku kukokwokutwasiswa kwesibingelo, ngomhla wokutanjiswa kwaso, zinkosi zakwa‐Sirayeli; ishumi linesibini lezikotile zesilivere, ishumi linesibini lezitya zokufefela zesilivere, ishumi linesibini legxebeka zegolide, 85izikotile zesilivere zazilikulu linamashumi matatu leshekele ngazinye; izitya zokufefela zazingamashumi asixe̔nxe eshekele ngazinye: yonke isilivere yezimpahla yangamawaka mabini anamakulu mane eshekele, ngeshekele yeyingcwele indawo. 86Igxebeka zegolide ezilishumi linesibini, zizele sisiqumiso, ezinye ngezinye zazilishumi leshekele, ngeshekele yeyingcwele indawo: yonke igolide yazo igxebeka yalikulu linamashumi mabini leshekele. 87Zonke inkomo zedini lokutshiswa zazilishumi linambini lenkunzana, inkunzi zegusha zalishumi linambini, imvana zomnyaka mnye zalishumi linambini, kunye nomnikelo wokudla wazo; namatakane ebokwe alishumi linamabini, awedini lesono. 88Kanjalo zonke inkomo zombingo woxolo zazingamashumi mabini anane enkunzana, inkunzi zegusha zangamashumi matandatu, ibokwe zakwa ngamashumi matandatu, imvana zomnyaka mnye zangamashumi matandatu nazo. Oku kukokwokutwasiswa kwesibingelo, emveni kwokutanjiswa kwaso.
89Wati akungena u‐Mosesi ententeni yentlangano ukuza kuteta naye, wandula weva ilizwi liteta kuye, lipezulu pezu kwesihlalo sofefe esisetyeyeni yesinqino, kwa pakati kwazo ikerubime zombini: waza wateta kuye.