1WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Yalela usapo luka‐Sirayeli, ukuba malundulule emnqubeni onke amaleperi, nabo bonke abanegqita, nosukuba enco̔lisiwe ngofileyo. 3Kwa namadoda namankazana nowandulula; niya kuwandululela ngapandle kwomnquba; ukuze angayinco̔hsi iminquba yawo, endihlala mna pakati kwayo. 4Lwenje njalo ke usapo luka‐Sirayeli, lwawandululela ngapandle kwomnquba: njengoko abetetile uyehova ku‐Mosesi, lwenza kwa ngokunjalo usapo luka‐Sirayeli.
5Wateta kanjako uyehova ku‐Mosesi, esiti: 6Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Indoda umhlaumbi umfazi xeshekweni baya kwenza ngaso esinye isono sabantu, begqita ngesigqito ngakuye uyehova, ade abe netyala umpefumlo lowo; 7baya kwandula baxele isono sabo basenzileyo: waeya kubuyekezela ityala lake ngenani lalo, asongeze pezu kwalo esesihlanu isiqingata salo, anike kulowo unetyala kuye. 8Kodwa ukuba umntu lowo akanaye osisalamane, ukuze kubuyekezelwe ityala kuye, maliti elotyala libuyekezelwe kuyehova, kumperisite; ngapandle kwenkunzi yegusha yokuxolisa, ekuya kumxoliselwa ngayo. 9Kanjalo yonke iminikelo yokufunqufunqulwa yakuzo zonke izinto ezingcwele zosapo luka‐Sirayeli, oluyizisayo kumperisite, yoba yeyake. 10Olunye ngolunye izinto ezingcwele zalo zoba zezake: oko kusukuba kunikwa ngumntu kumperisite, kwoba kokwake.
11Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 12Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Nxa aya kupambuka umfazi wendoda, enze ngakuyo ngobumenemene; 13iti enye indoda ilale naye ngokulalela inzalo, kuze kufihlelwe amehlo eyake indoda, ati yena anco̔liswe ngasese, kungeko inqi̔na ngakuye, engatiwanga xafu kanjalo; 14ukuba uyadlula pezu kwayo umoya wobukwele, ide ibe nobukwele pezu kwomfazi wayo, ngokuba enco̔lisiwe; umhlaumbi uyadlula pezu kwayo umoya wobukwele, ide ibe nobukwele pezu kwomfazi wayo, nakuba enganco̔liswanga: 15iya kwandula indoda leyo imzise umfazi wayo kumperisite, iti kanjalo imzisele umnikelo wake, eseshumi isiqingata seyefa yomgubo weṙalasi; ayiyi kugalela pezu kwawo ioli, ayiyi kubeka pezu kwawo intlakamhlope kanjalo; ngokuba ungumnikelo wobukwele wona, umnikelo wenkumbuzo, okumbuzayo inkohlakalo.
16Waye umperisite eya kumsondeza, ammise pambi kwoyehova. 17Waye umperisite kanjalo eya kutabata amanzi angcwele empandeni wodongwe; nakulo utuli olusemhlabeni wetabanakele uya kutabata, alubeke emanzini lawo: 18andule umperisite ammise umfazi ebusweni bukayehova, ayihlubulule intloko yomfazi, awubeke ezandleni zake umnikelo wenkumbuzo, onguwo umnikelo wobukwele; nasesandleni somperisite kwobako lamanzi aṙaṙa asenzayo isiqalekiso. 19Waye umperisite eya kumfungisa, ati emfazini: Ukuba akulalanga ndoda nawe, nokuba akupambukelanga ekunco̔leni upantsi kweyako indoda, yiba ukululeka kulamanzi aṙaṙa asenzayo isiqalekiso: 20koko ukuba upambukile upantsi kweyako indoda, nokuba unco̔lisiwe, ekubeni kuleleyo indoda nawe, ngapandle kweyako indoda: 21(uya kwandula umperisite amfungise lomfazi ngesifungo sokuqalekisa, aze umperisite ati emfazini:) Wanga uyehova angakwenza ube sisiqalekiswa nesifungelwa pakati kwabantu bako, akuba uyehova esenza itanga lako linqi̔ne, nesisu sako sidumbe; 22ati lamanzi, asenzayo isiqalekiso, angene ematunjini ako, adumbise isisu sako, anqi̔nise netanga lako! Waeya kuti umfazi lowo: Amene, amene! 23Wosuka umperisite aziba̔le eziziqalekiso encwadini, azisulele emanzini aṙaṙa: 24aze amseze umfazi lowo lomanzi aṙaṙa, asenzayo isiqalekiso: aeya kungena kuye lamanzi asenzayo isiqalekiso abe buṙaṙa.
25Kanjalo umperisite uya kwamkela esandleni salomfazi umnikelo wobukwele, awushukushukumise umnikelo lowo pambi kwoyehova, awunikele pezu kwesibingelo: 26andule umperisite abambe kuwo umnikelo ngento ezalisa isandla isikunjuzelwa sawo, asitshise pezu kwesibingelo; ati kamva amseze umfazi amanzi lawo.
27Akuba selemsezile amanzi lawo, kuya kuti, ukuba unco̔lisiwe, nokuba enzile ngobumenemene ngakuyo indoda yake, aya kwandula angene kuye lamanzi asenzayo isiqalekiso, abe buṙaṙa, siti isisu sake sidumbe, netanga lake linqi̔ne: waye lomfazi eya kuba sisiqalekiswa pakati kwabantu bake. 28Kodwa ukuba umfazi akanco̔lisiwe, koko ecocekile, woba ekululekile, akaule nokukaula inzalo.
29Nguwo lo umteto wobukwele, okuya umfazi apambuka upantsi kweyake indoda, anco̔liswe; 30umhlaumbi okuya umoya wobukwele udlula pezu kwendoda, ide ibe nobukwele pezu kwomfazi wayo, ize immise umfazi lowo pambi kwoyehova, ati umperisite enze kuye ngawo wonke lomteto. 31Kwa njalo indoda yoba msulwa enkohlakalweni; kanti lomfazi wotwala inkohlakalo yake.