1WAZA uyehova wateta ku‐Mosesi ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko, esiti: 2Yalela usapo luka‐Sirayeli, ukuba lubanike aba‐Levi, kulo ilifa lemfuyo yalo, izixeko zokuhlala; nobanika aba‐Levi nenqele ezixekweni ezizingqongayo. 3Boba nezixeko ezo ukuba bahlale kuzo; nenqele zazo zoba zezenkomo zabo, nezempahla yabo, nezazo zonke izilo zabo. 4Kanjalo inqele zezixeko, eniya kuzinika kuba‐Levi, zoqala eludongeni lwesixeko ziye nangapandle kude kube liwaka lekubite ngento engqongayo. 5Naniya kulinganisa ngapandle kwesixeko, ngecala lasempumalanga ikubite ezingamawaka mabini, nangecala lasesuyide ikubite ezingamawaka mabini, nangecala lasentshonalanga ikubite ezingamawaka mabini, nangecala lasenode ikubite ezingamawaka mabini, isixeko sipakati nje: zoba njalo kubo inqele zezixeko. 6Napakati kwezixeko eniya kuzinika kuba‐Levi kwobako izixeko zesipepelo ezitandatu, eniya kuzinika ukuba kusabele kona umbulali; napezu kwazo ezi niya kunika izixeko ezingamashumi mane enazibini. 7Zonke izixeko eniya kuzinika kuba‐Levi zoba zizixeko ezingamashumi mane anesibozo; kwa zona nenqele zazo. 8Nezixeko eniya kuzinika zivela kwimfuyo yosapo luka‐Sirayeli, abo banezininzi niya kutabata kubo ezininzi, nabo banezincinane niya kutabata kubo ezincinane; abanye ngabanye, ngokwelifa labo balidlayo, bonika ezixekweni zabo kuba‐Levi.
9Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 10Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni niweleyo i‐Yoredane ukuya elizweni le‐Kanane; 11niya kwandula nizidalele izixeko ezifanelekileyo, eziya kuba zizixeko zesipepelo kuni, ukuba kusabele kona umbulali, lowo obuleleyo umntu ngesiposo. 12Zoba zizixeko zesipepelo kuni ngenxa yompindezeli; ukuze umbulali angafi, engekemi ebusweni bentlanganiso ekugwebeni. 13Nezixeko ezo eniya kuzinika, zizixeko zesipepelo ezitandatu niya kuba nazo. 14Izixeko zitatu niya kuzinika nganeno kwe‐Yoredane, nezixeko zitatu niya kuzinika ezweni le‐Kanane, eziya kuba zizixeko zesipepelo. 15Ezizixeko zitandatu zoba yindawo yokupepela, kwa kulo usapo luka‐Sirayeli, nakuye owasemzini nakuye oliṙanuka pakati kwalo; ukuze kusabele kona osukuba ebulele umntu ngesiposo.
16Kodwa ukuba umbetile ngento yesincete, wada wabuba, ungumbulali yena; uya kufiswa ngenyaniso lombulali. 17Nokuba umbetile ngokuposa ilitye, abengafayo ngalo, wada wabuba, ungumbulali yena; uya kufiswa ngenyaniso lombulali. 18Nokuba umbetile ngempahla yomti epetwe ngesandla, abengafayo ngayo, wada wabuba, ungumbulali yena; uya kufiswa ngenyaniso lombulali. 19Umpindezeli wegazi nguye oya kufisa umbulali: akufumanana naye, uya kumfisa. 20Ukuba kanjalo umsunduzile ngotiyo, umhlaumbi umjulele ngabomi, wada wabuba; 21umhlaumbi umbetile ngesandla ngobutshaba, wada wabuba; uya kufiswa ngenyaniso umbeti lowo; ungumbulali yena: umpindezeli wegazi uya kumfisa lombulali, akufumanana naye.
22Kodwa ukuba umsunduzile ngebaqo kungeko butshaba, umhlaumbi umjulele ngenye impahla engenzi ngabomi, 23umhlaumbi ngelinye ilitye, abengafayo ngalo, engambonanga, waliwisa pezu kwake, wada wabuba, engabanga lutshaba kuye, engafunanga ukwenzakala kwake kanjako; 24yoti intlanganiso igwebe pakati kwombulali lowo nompindezeli wegazi, njengezigwebo ezi. 25Yaye intlanganiso iya kuhlangula umbulali esandleni sompindezeli wegazi; kanjalo intlanganiso iya kumbuyisela esixekweni sesipepelo sake, apo abesabele kona; waeya kuhlala kuso kude kufe umperisite omkulu, lowo otanjisiweyo ngeoli eyingcwele.
26Kodwa ukuba umbulali lowo woka apume ngapandle kwomda wesixeko sesipepelo sake, apo abesabele kona; 27ati umpindezeli wegazi amfumane pandle kwomda wesixeko sesipepelo sake; ukuba umpindezeli wegazi uya kumbulala umbulali lowo, akuyi kubako kuye ityala legazi: 28ngokuba ange ehleli esixekweni sesipepelo sake, kwada kwafa umperisite omkulu. Kodwa emveni kwokufa kwomperisite omkulu umbulali angabuyela elizweni lemfuyo yake.
29Ezi zinto ke zoba ngummiselwa wesiko kuni, ngezizukulwana zenu, kuzo zonke intlalo zenu.
30Osukuba ebulala umntu, umbulali lowo uya kufiswa ngomlomo wamanqi̔na; kodwa inqi̔na linye aliyi kunqi̔na ngasemntwini, ukuba afe ngalo. 31Aniyi kwamkela isizi ngenxa yobomi bombulali, onetyala lokufa; koko aya kufiswa ngenyaniso. 32Aniyi kwamkela isizi ngenxa yalowo wesabeleyo esixekweni sesipepelo sake, sokuba abuye ukuya kuhlala elizweni, engekafi umperisite omkulu. 33Kwa njalo aniyi kudyoba ilizwe enikulo: ngokuba ligazi elidyoba ilizwe; kanjako akungexoliselwe ilizwe ngenxa yegazi elipaleleyo kulo, kupela ngegazi lalowo owalipalazayo. 34Ize ninganco̔lisi ilizwe eniya kuma kulo, endiya kuhlala mna pakati kwalo: ngokuba mna Yehova ndihleli pakati kwosapo luka‐Sirayeli.