1KWANDULA kwasondela intombi zika‐Tselofehadi, unyana ka‐Hefere, unyana ka‐Gileyadi, unyana ka‐Makire, unyana ka‐Manase, kuzo izizalwane zika‐Manase, unyana ka‐Josefe: namagama entombi zake ngawo la: ngu‐Mahala, no‐Noha, no‐Hogela, no‐Mileka, no‐Tiretsa. 2Zaza zema ebusweni buka‐Mosesi, nasebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni bazo inkosi nayo yonke intlanganiso, ngasemnyango wentente yentlangano, zisiti: 3Ubawo wafela entlango, waye yena engeko pakati kwembuto yabo ababezihlanganisela ngakuye uyehova embutweni ka‐Kora; kodwa wafa ngesake isono, engabanga nabo onyana ke. 4Kunganina ukuba kususwe igama lobawo pakati kwesizalwane sake, ngokuba kungeko kuye unyana? Sinike imfuyo pakati kwabazalwana bobawo wetu.
5Waye u‐Mosesi wasondeza ityala lazo pambi kwoyehova. 6Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 7Intombi zika‐Tselofehadi zilungisile ukuteta: uya kuzinika ngenyaniso imfuyo yelifa pakati kwabazalwana boyise wazo; wanya kwenza ilifa loyise lidlulele kuzo. 8Nakulo usapo luka‐Sirayeli uya kuteta, usiti: Nxa kufayo umntu, engenaye unyana, niya kulenza ilifa lake lidlulele kwintombi yake. 9Naxeshekweni angenayo intombi, niya kunika ilifa lake kubaninawe bake. 10Kodwa ukuba akanabo abaninawe, niya kunika ilifa lake kubaninawe boyise. 11Ukuba kanjalo uyise akanabaninawe, niya kunika ilifa lake kumlamane wake okufupi kuye pakati kwesizalwane sake, oya kudla lona. Oku kwoba ngummiselwa wesiko elusatsheni luka‐Sirayeli, njengokuba uyehova ebemyalela u‐Mosesi.
12WANDULA wati uyehova ku‐Mosesi: Nyukela kulentaba ye‐Habarime, uze ubone elozwe ndilinikileyo elusatsheni luka‐Sirayeli. 13Nxa ulibonileyo, uya kwandula ubutelwe ebantwini bako nawe, njengokuba ebebutelwa u‐Arone umkuluwe wako: 14ngokokuba nibe nivukela ilizwi lam entlango ye‐Tsine, ekupikeni kwentlanganiso, ukundingcwalisa ngasemanzini pambi kwamehlo abo. Lawo ngamanzi e‐Meriba yase‐Kadeshe entlango ye‐Tsine.
15Waza u‐Mosesi wateta kuyehova, esiti: 16Makati uyehova, utixo wemimoya yoluntu lwonke, ongamise indoda pezu kwalentlanganiso, 17eya kupuma pambi kwabo, neya kungena pambi kwabo, eya kubapumisa kanjalo, neya kubangenisa; ukuze intlanganiso kayehova ingabi njengegusha ezingenamalusi.
18Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Tabatela kuwe u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, indoda ekukuyo umoya, ulalise isandla sako pezu kwake; 19uze ummise ebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni bayo yonke intlanganiso: umyalezele kwa semehlweni abo. 20Wauya kubeka kubungangamsha bako pezu kwake, ukuze beve ke, kwa yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli. 21Waeya kuma pambi kwo‐Elezari umperisite, oya kumbuzela ngokugweba kwe‐Urime ebusweni bukayehova: ngelizwi lake baya kupuma, nangelizwi lake baya kungena, yena, nalo lonke usapo luka‐Sirayeli kunye naye, kwa yonke intlanganiso.
22Wenza u‐Mosesi njengokuba uyehova ebemyalele: wayetabata u‐Yoshuwa, wammisa ebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni bayo yonke intlanganiso; 23waza walalisa izandla zake pezu kwake, wamyalezela; njengokuba uyehova ebetetile ngesandla sika‐Mosesi.