1KWAYE kute emveni kwesibulalo eso, watsho uyehova ku‐Mosesi, naku‐Elezari, unyana ka‐Arone umperisite, esiti: 2Tabatani inani layo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, elabaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, ngendlu zoyise zabo, bonke abapumayo nomkosi kwa‐Sirayeli. 3Baza u‐Mosesi no‐Elezari umperisite bateta nabo ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko, besiti: 4Tabatani inani labaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo; njengokuba uyehova ebeyalele u‐Mosesi, nosapo luka‐Sirayeli olwapumayo ezweni le‐Jipete.
5U‐Rubene, owamazibulo ka‐Sirayeli: onyana baka‐Rubene: ku‐Hanoki kwavela isizalwane sama‐Hanoki; ku‐Palu, isizalwane sama‐Palu; 6ku‐Hetserone, isizalwane sama‐Hetserone; ku‐Kami, isizalwane sama‐Kami. 7Zezi izizalwane zama‐Rubene: nabalweyo awo ebengamawaka angamashumi mane enamatatu, anamakulu asixe̔nxe, anamashumi matatu. 8Nonyana baka‐Palu; ngu‐Eliyabe. 9Nonyana baka‐Eliyabe; ngu‐Nemuweli, no‐Datane, no‐Abirame, Ngulo‐Datane no‐Abirame, abadumileyo entlanganisweni, abebepika no‐Mosesi no‐Arone embutweni ka‐Kora, bakupika noyehova; 10wada umhlaba wavula umlomo wawo, wabaginya bona no‐Kora, kwakububa imbuto leyo, okuya umlilo wadlayo amadoda angamakulu mabini anamashumi mahlanu, aza aba ngumqondiso. 11Kodwa onyana baka‐Kora bebengafi bona.
12Onyana baka‐Simone, ngezizalwane zabo: ku‐Nemuweli kwavela isizalwane sama‐Nemuweli; ku‐Yamine, isizalwane sama‐Yamine; ku‐Yakine, isizalwane sama‐Yakine; 13ku‐Zera, isizalwane sama‐Zera; ku‐Saule, isizalwane sama‐Saule. 14Zezi izizalwane zama‐Simone: engamawaka angamashumi mabini enamabini, anamakulu mabini.
15Onyana baka‐Gadi, ngezizalwane zabo: ku‐Tsefone kwavela isizalwane sama‐Tsefone; ku‐Hagi, isizalwane sama‐Hagi; ku‐Shuni, isizalwane sama‐Shuni; 16ku‐Ozeni, isizalwane sama‐Ozeni; ku‐Heri, isizalwane sama‐Heri; 17ku‐Arodi, isizalwane sama‐Arodi; ku‐Areli, isizalwane sama‐Areli. 18Zezi izizalwane zama‐Gadi, ngabalweyo awo: engamawaka angamashumi mane, anamakulu mahlanu.
19Onyana baka‐Juda bebengu‐Here no‐Onane; kodwa babuba u‐Here no‐Onane elizweni le‐Kauane. 20Baye onyana baka‐Juda ngezizalwane zabo bengaba: ku‐Shela kwavela isizalwane sama‐Shela; ku‐Faretse, isizalwane sama‐Faretse; ku‐Zera, isizalwane sama‐Zera. 21Nonyana baka‐Faretse bebengaba: ku‐Hetserone kwavela isizalwane sama‐Hetserone; ku‐Hamule, isizalwane sama‐Hamule. 22Zezi izizalwane zika‐Juda, ngababalweyo babo: bengamawaka angamashumi asixe̔nxe enamatandatu, anamakulu mahlanu.
23Onyana baka‐Yisakare, ngezizalwane zabo: ku‐Tola kwavela isizalwane sama‐Tola: ku‐Puwa, isizalwane sama‐Puwa: 24ku‐Yashube, isizalwane sama‐Yashube; ku‐Shimrone, isizalwane sama‐Shimrone. 25Zezi izizalwane zika‐Yisakare, ngababalweyo babo: bengamawaka angamashumi matandatu enamane, anamakulu matatu.
26Onyana baka‐Zebulone, ngezizalwane zabo: ku‐Serede kwavela isizalwane sama‐Serede; ku‐Eloni, isizalwane sama‐Eloni; ku‐Yaheleli, isizalwane sama‐Yaheleli. 27Zezi izizalwane zama‐Zebulone, ngabalweyo awo: engamawaka angamashumi matandatu, anamakulu mahlanu.
28Onyana baka‐Josefe, ngezizalwane zabo, bebengu‐Manase no‐Frayime. 29Onyana baka‐Manase: ku‐Makire kwavela isizalwane sama‐Makire: wati u‐Makire wazala u‐Gileyadi: ku‐Gileyadi kwavela isizalwane sama‐Gileyadi. 30Ngaba onyana baka‐Gileyadi: ku‐Yihezere kwavela isizalwane sama‐Yihezere; ku‐Heleki, isizalwane sama‐Heleki; 31naku‐Asiriyeli, isizalwane sama‐Asiriyeli; naku‐Shekeme, isizalwane sama‐Shekeme; 32naku‐Shemida, isizalwane sama‐Shemida; naku‐Hefere, isizalwane sama‐Hefere 33Kodwa u‐Tselofehadi, unyana ka‐Hefere, ebengenabo onyana, wanentombi kupela; namagama entombi zika‐Tselofehadi, ngu‐Mahala, no‐Noha, no‐Hogela, no‐Mileka, no‐Tiretsa. 34Zezi izizalwane zika‐Manase: nababalweyo babo bebengamawaka angamashumi mahlanu enamabini, anamakulu asixe̔nxe.
35Ngaba onyana baka‐Frayime, ngezizalwane zabo: ku‐Shutela kwavela isizalwane sama‐Shutela; ku‐Bekere, isizalwane sama‐Bekere; ku‐Tahane, isizalwane sama‐Tahane. 36Ngaba nonyana baka‐Shutela: ku‐Herani kwavela isizalwane sama‐Herani. 37Zezi izizalwane zonyana baka‐Frayime, ngababalweyo babo: bengamawaka angamashumi matatu enamabini, anamakulu mahlanu. Ngaba onyana baka‐Josefe, ngezizalwane zabo.
38Onyana baka‐Benjamine, ngezizalwane zabo: ku‐Bela kwavela isizalwane sama‐Bela; ku‐Ashebele, isizalwane sama‐Ashebele; ku‐Ahirame, isizalwane sama‐Ahirame; 39ku‐Shufame, isizalwane sama‐Shufame; ku‐Hufame, isizalwane sama‐Hufame. 40Nonyana baka‐Bela bebengu‐Aredi no‐Nahamane: ku‐Aredi kwavela isizalwane sama‐Aredi; ku‐Nahamane, isizalwane sama‐Nahamane. 41Ngaba onyana baka‐Benjamine, ngezizalwane zabo: nababalweyo babo bebengamawaka angamashumi mane enamahlanu, anamakulu matandatu.
42Ngaba onyana baka‐Dane, ngezizalwane zabo: ku‐Shuhame kwavela isizalwane sama‐Shuhame. Zezi izizalwane zika‐Dane, ngezizalwane zabo. 43Zonke izizalwane zama‐Shuhame, ngabalweyo awo, ebengamawaka angamashumi matandatu enamane, anamakulu mane.
44Onyana baka‐Ashere, ngezizalwane zabo: ku‐Yimna kwavela isizalwane sama‐Yimna; ku‐Yishevi, isizalwane sama‐Yishevi; ku‐Beriha, isizalwane sama‐Beriha: 45konyana baka‐Beriha; ku‐Kebere kwavela isizalwane sama‐Kebere; ku‐Makiyeli, isizalwane sama‐Makiyeli. 46Negama lentombi ka‐Ashere lalingu‐Sera. 47Zezi izizalwane zonyana baka‐Ashere, ngababalweyo babo: bengamawaka angamashumi mahlanu enamatatu, anamakulu mane.
48Onyana baka‐Nefatali, ngezizalwane zabo: ku‐Yatsiyeli kwavela isizalwane sama‐Yatsiyeli; ku‐Guni, isizalwane sama‐Guni; 49ku‐Yetsere, isizalwane sama‐Yetsere; ku‐Shileme, isizalwane sama‐Shileme. 50Zezi izizalwane zika‐Nefatali, ngezizalwane zabo: nababalweyo babo bebengamawaka angamashumi mane enamahlanu, anamakulu mane.
51Ngaba ababalweyo bosapo luka‐Sirayeli: bengamawaka angamakulu matandatu enewaka linye ngapandle, anamakulu asixe̔nxe, anamashumi matatu.
52Waza uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 53Kubo aba ilizwe liya kwabiwa libe lilifa, ngombalo wamagama. 54Abo baninzi uya kubandisela ilifa labo, nabo bancinane uya kubancipisela ilifa labo; ngento elingana nababalweyo babo baya kunikwa ilifa labo abanye ngabanye. 55Kodwa ilizwe liya kwabiwa ngeqashiso noko; ngamagama ezizwe zoyise babo baya kulidla ilifa. 56Njengokuti kweqashiso kuya kwabiwa ilifa lalo, pakati kwabaninzi nabancinane.
57Ngaba nababalweyo babo aba‐Levi, ngezizalwane zabo: ku‐Gereshone kwavela isizalwane sama‐Gereshone; ku‐Kohati, isizalwane sama‐Kohati; ku‐Merari, isizalwane sama‐Merari. 58Zizo ezi izizalwane zaba‐Levi: isizalwane sama‐Libeni, isizalwane sama‐Hebrone, isizalwane sama‐Mahali, isizalwane sama‐Mushi, isizalwane sama‐Kora. Wati u‐Kohati wazala u‐Hamerame. 59Nomfazi ka‐Hamerame igama lake lalingu‐Yokebedi, intombi ka‐Levi, owati unina wamzalela u‐Levi e‐Jipete; waye yena ezalela u‐Hamerame u‐Arone no‐Mosesi, no‐Miriyame udade wabo. 60No‐Arone kwazalelwa yena u‐Nadabi no‐Abihu, u‐Elezari no‐Yitamare. 61Kodwa babuba u‐Nadabi no‐Abihu, bakunikela umlilo wasemzini pambi kwoyehova. 62Baye ababalweyo babo bengamawaka angamashumi mabini enamatatu, bengawo onke amadoda abudala buyinyanga nye nobupezulu: ngokuba bona bebengabalwa pakati kwosapo luka‐Sirayeli, ngenxa yokuba bebenganikwa lifa pakati kwosapo luka‐Sirayeli.
63Aba bangabo babalwayo ngu‐Mosesi no‐Elezari umperisite, ababala usapo luka‐Sirayeli ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko. 64Kodwa pakati kwabo aba, bekungeko namnye wababebalwa ngu‐Mosesi no‐Arone umperisite, okuya babebala usapo luka‐Sirayeli entlango ye‐Sinai. 65Ngokuba uyehova ebete ngabo: Baya kufa ngenyaniso entlango. Kwada akwabiko oseleyo kubo namnye, kupela ngu‐Kalebi, unyana ka‐Jefune, no‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune.