1Kekaloku u‐Bilame, akubona ukuba kulungile emehlweni kayehova ukutamsanqela u‐Sirayeli, wabengayi njengakuwo amanye amaxesha ukufuna ngezinto zokunyanga, koko wabekisa ngasentlango ubuso bake. 2Waye u‐Bilame epakamisa amehlo ake, wabona o‐Sirayeli bemi ngezizwe zabo; wandul’ ukumhlela umoya katixo. 3Waza wapimisela umzekeliso wake, wati:
Utsho u‐Bilame, unyana ka‐Behori; itsho indoda egatyuliwe amehlo; 4utsho lowo ovileyo amazwi katixo, owabona umboniso wosomandla, esiwa pantsi, kanti etyiliwe amehlo, ukuti: 5Hai ukuba ntle kwazo intente zako, Yakobi! nentlalo zako, Sirayeli! 6Njengentili zitwabulukile, njengezitiya ngasemlanjeni, njengemiti emnandi ayityalileyo uyehova, njengemiti yesedare ngasemanzini. 7Kuya kwela amanzi emipandeni yake, nembewu yake yoba ngasemanzini amaninzi; ukumkani wake woba mkulu pezu kwo‐Hagagi, nobukumkani bake buya kupakanyiswa. 8Utixo wampumisa e‐Jipete; unamendu njengawenyati; uya kuzidla intlanga, intshaba zake, awanqabe amatambo azo, azityumze ngentolo zake. 9Watoba, wati butu njengengonyama, nanjengengonyamakazi; ngubanina oya kumvusa? okutamsanqelisayo uya kutanyusanqelwa, nokuqalekisayo uya kuqalekiswa.
10Yandula yavuta ingqumbo ka‐Balaki ngakuye u‐Bilame, wenza intlombe ngezandla; waye u‐Balaki esiti ku‐Bilame: Bendikubiza ukuba uziqalekise intshaba zam, kanti, bona ke, ugqibele ukuzitamsanqelisa lamaxesha omatatu. 11Ngako kaloku, sabela endaweni yako: bendite ndiya kukwenzela imbeko enkulu; kodwa, bona ke, uyehova ukunqandile embekweni.
12Waza u‐Bilame wati ku‐Balaki: Bendingateti na nakuzo izigidimi zako, owabuzituma ukuza kum, ndisiti: 13Nakuba u‐Balaki abeya kundinika indlu yake izele yisilivere negolide, andingegqite elizwini likayehova, ukuba ndenze okulungileyo umhlaumbi okukohlakeleyo ngokweyam intliziyo; oko aya kukuteta uyehova, ndiya kuteta kwa kona? 14Nakaloku, bona ke, ndiya ebantwini bam: yiza, ndokushumayeza oko abantu aba baya kukwenza kubantu bako emihleni yasemva. 15Waza wapimisela umzekeliso wake, wati:
Utsho u‐Bilame, unyana ka‐Behori; itsho indoda egatyuliwe amehlo; 16utsho lowo ovileyo amazwi katixo, owaziyo ukwaziwa kwopezu konke; owabona umboniso wosomandla, esiwa pantsi, kanti etyiliwe amehlo, ukuti: 17Ndiya kumbona, kungengoku kodwa; ndiya kumkangela, kungekufupi kodwa: kuya kuvela inkwenkwezi kwa‐Yakobi, kwovuka intonga kwa‐Sirayeli; eya kuwatyumza amacala omabini ase‐Mowabi, ilucite lwonke usapo lwembutumbutu. 18Kanjalo u‐Edome woba yimfuyo; u‐Sehire naye woba yimfuyo yentshaba zake; kanti u‐Sirayeli uya kwenza ngobuṙoti. 19Waeya kuba nobukosi ovela kwa‐Yakobi, atshabalalise abaseleyo esixekweni.
20Nxa abebona u‐Amaleki, wandula wapimisela umzekeliso wake, wati: Usisiqalo sentlanga u‐Amaleki, kodwa ukupela kwake woda atshabalale.
21Nxa abebona ama‐Keni, wandula wapimisela umzekeliso wake, wati: Intlalo yako inqabile, nendlu yako uyibekile eweni. 22Noko ke um‐Keni uya kucitakaliswa, ade u‐Ashure akutimbe.
23Walekela wapimisela umzekeliso wake, wati: Au! ngubanina oya kubudla ubomi, nxa utixo aya kukwenza oku! 24Inqanawa zovela ecaleni lama‐Kiti, zibandezele u‐Ashure, zibandezele no‐Hebere; naye yena woda atshabalale.
25Waza wesuka u‐Bilame, waya wabuyela endaweni yake; wemka no‐Balaki ngendlela yake.