1KEKALOKU kwakuvakala kum‐Kanane, kukumkani we‐Haradi, obehlala esuyide, ukuba kuyeza o‐Sirayeli ngendlela yase‐Atarime, wasuka walwa no‐Sirayeli, watimba kubo amatinjwa. 2Waza wabambisa u‐Sirayeli ngesibambiso kuyehova, wati: Ukuba uya kunika ababantu esandleni sam ngenyaniso, sendiya kuzilahlela ekutshatyalalisweni izixeko zabo. 3Wapulapula uyehova ilizwi lika‐Sirayeli, wanika aba‐Kanane; wada walahlela ekutshatyalalisweni bona nezixeko zabo; ngako igama lalondawo walibiza nge‐Horema.
4Kwaza kwandulukwa entabeni ye‐Hore ngendlela yaselwandle olubomvu, ukuya kuzekelela ilizwe le‐Edome: koko umpefumlo wabantu ubudanile ngenxa yendlela. 5Basuka bateta abantu ngakuye utixo nangakuye u‐Mosesi, bati: Kunganina lento nisinyusileyo e‐Jipete ukuza kufa kulentlango? ngokuba kungeko isonka, kungeko namanzi; uti umpefumlo wetu usitiye esisonka silikapukapu.
6Waza uyehova watuma inyoka ezibumliloṙa pakati kwabantu, ezibe ziluma abantu; bafa ke abantu abaninzi bakwa‐Sirayeli. 7Ngako abantu beza ku‐Mosesi, bati: Sonile, ngokuba sitetile ngakuyehova nangakuwe; tandaza kuyehova, ukuba asuse kuti ezinyoka. Waza u‐Mosesi wabatandazela abantu. 8Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Yenza inyoka ebumliloṙa, umise yona pezu kwesibonda eside; kwakuya kuti, osukuba elunyiwe, akuyibonela, wopila. 9Wandula u‐Mosesi wenza inyoka yexina, wayimisa pezu kwesibonda eside; kwaye kute, nxa inyoka ilumile umntu, waza wakangela enyokeni yexina, wapila ke.
10Lwabuya lwanduluka usapo luka‐Sirayeli, lwaya lwati waca e‐Obote.
11Lwaza lwanduluka e‐Obote, lwaya lwati waca e‐Hiyi‐habarime, entlango engapambi kwe‐Mowabi, ngasekupumeni kwelanga.
12Lwanduluka kona, lwaya lwati waca entilini ye‐Zerede.
13Lwanduluka kona, lwaya lwati waca nganeno kwe‐Arenone, esentlango, epumayo emdeni waba‐Amori: ngokuba i‐Arenone ingumda we‐Mowabi, pakati kwe‐Mowabi naba‐Amori. 14(Ngako oko kutshiwo encwadini yemfazwe zikayehova, ukuti: Ngase‐Vahebi e‐Sufa, nangasemilanjaneni ye‐Arenone, 15nasemfuleni wemilanjana, otambekela entlalweni ye‐Hari, wayame emdeni we‐Mowabi.)
16Lwesuka nakona lwaya e‐Bere: liqula elo ekungalo wabesiti uyehova, ku‐Mosesi: Hlanganisa abantu, ndandiya kubanika amanzi. 17(Okuya bavuma o‐Sirayeli lengoma: Mpompoza, mtombo! vumani kuwo ngokuguqulelana! 18Umtombo inkosana zawupandayo, amanene abantu awumba, ngomnikamteto, ngemisimelelo yawo.)
Lwesuka nasentlango lwaya e‐Matana; 19lwesuka nase‐Matana lwaya e‐Nahaliyeli; lwesuka nase‐Nahaliyeli lwaya e‐Bamote; 20lwesuka nase‐Bamote lwaya esihlanjeni, esisezindle zase‐Mowabi, engcotsheni ye‐Pisega, esibeka ngasebugxwayibeni.
21Waza u‐Sirayeli wasusa izigidimi ukuya ku‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, ukuti: 22Mandicande elizweni lako: asiyi kupambukela emasimini, nasezitiyeni zemiti yeveyine; asiyi̔ kusela amanzi amaqula kanjako: siya kuhamba ngendlela yokumkani, side sidlule imida yako. 23Kodwa u‐Sihone ebengavumeli u‐Sirayeli acande emideni yake; waza u‐Sihone wahlanganisa bonke abantu bake, wapumela ngakuye u‐Sirayeli, ngasentlango, wada wafika e‐Yahetsa, walwa no‐Sirayeli. 24Koko u‐Sirayeli wambeta ngohlangoti lweṙele, wabamba ilizwe lake kwa se‐Arenone kwada kwase‐Yaboki, kwada kwakulo usapo luka‐Hamoni: ngokuba umda wosapo luka‐Hamoni ubunqabile. 25Waye u‐Sirayeli watabata zonke ezizixeko: wandula u‐Sirayeli wahlala kuzo zonke izixeko zaba‐Amori, e‐Heshebone, nakuwo onke amagxamesi ayo. 26Ngokuba i‐Heshebone ibisisixeko sika‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, obelwile nowapambili ukumkani wase‐Mowabi, waza watabata lonke ilizwe lake esandleni sake, kwada kwase‐Arenone. 27Ngako oko kutiwa ngabateta imizekeliso: Yizani e‐Heshebone; masakiwe siqiniswe isixeko sika‐Sihone! 28Ngokuba kupumile umlilo e‐Heshebone, ilangatye esixekweni sika‐Sihone; udlile i‐Hari yase‐Mowabi, nabanumzana basemantla ase‐Arenone. 29Kwoba nzima kuwe, Mowabi! nitshabalele, bantu baka‐Kemoshe! unikile onyana bake abasindileyo, nentombi zake, ekutinjweni, kukumkani waba‐Amori, ku‐Sihone. 30Sibatolele; i‐Heshebone itshabalele kwada kwase‐Dibone; sasicitakalisile kwada kwase‐Nofaki, efikela e‐Medeba.
31Kwa njalo o‐Sirayeli bahlala ezweni laba‐Amori. 32Wandula u‐Mosesi watuma ukuba kuhlolwe i‐Yahezere; basuka babamba amagxamesi ayo, bagqogqa aba‐Amori ababekona.
33Bada bajika benyuka ngendlela yase‐Bashane; waza u‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, wapumela ngakubo, yena nabo bonke abantu bake, kuliwe e‐Edrehi. 34Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Ungoyiki yena; ngokuba ndimnikile esandleni sako, nabo bonke abantu bake, nelizwe lake; wauya kwenza kuye, njengokuba ubusenza ku‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone. 35Baza bambeta, kwa nonyana bake, nabo bonke abantu bake, kwada akwabi samshiyelwa namnye oseleyo: babamba ilizwe lake kanjalo.