Imibalo 12
1KWANDULA kwateta u‐Miriyame no‐Arone ngakuye u‐Mosesi, ngetuba lomfazi, lom‐Kushekazi, owabemzekile: ngokuba ebemzekile umfazi ongum‐Kushekazi. 2Baye besiti: Kanene kungaye u‐Mosesi yedwa na uyehova atetileyo? akatetile nangati yinina? Weva ke uyehova. 3(Kekaloku indoda engu‐Mosesi ibilulamile kakulu, ngapezu kwabo bonke abantu ababesebusweni bomhlaba.)
4Waza uyehova watsho ngesiqipu ku‐Mosesi, naku‐Arone, naku‐Miriyame, ukuti: Pumani nobatatu nize ententeni yentlangano. Baye bepuma ke bobatatu. 5Waye uyehova esihla ngentsika yelifu, wema emnyango wentente, wabiza u‐Arone no‐Miriyame: baza bapuma bobabini. 6Wayesiti: Yivani ke amazwi am: Ukuba kubako umprofite pakati kwenu, mna Yehova ndiya kuzazisa ngomboniso kuye, ngepupa ndiya kuteta naye. 7Asinjalo isicaka sam u‐Mosesi; onyanisekile kuyo yonke indlu yam; 8umlomo kumlomo ndiya kuteta naye, kwa sekuhleni, kungabi ngamazwi okuntsonkota: nomfanekiselo kayehova wowukangela: yinina ke ukuba nibe ningoyiki ukuteta ngakuso isicaka sam, ngaku‐Mosesi? 9Yaza yavuta ingqumbo kayehova ngakubo, wada wemka ke.
10Kanjako ilifu lesuka kuyo intente; kekaloku, bona ke, u‐Miriyame ebenesilepero, emhlope njengengqweqwe: waye u‐Arone wabeka ngakuye u‐Miriyame, kekaloku, bona ke, waenesilepero. 11Waza wati u‐Arone ku‐Mosesi: Au, nkosi yam! zungabeki pezu kwetu isono, esenze ngobudenge ngaso, nesonileyo ngaso. 12Makangabi njengofileyo, oti ekupumeni kwake esizalweni sonina seidliwe inxenye yenyama yake. 13Wandul ukukala u‐Mosesi kuyehova, esiti: Tixo! zumpilise ke! 14Wati uyehova ku‐Mosesi: Ukuba uyise ebeke wamtshicela ubuso, ange engadani na imihla isixe̔nxe? makatshixelwe imihla ibe sixe̔nxe ngapandle kwomnquba, ati kamva abuye amkelwe. 15Waza u‐Miriyame watshixelwa ngapandle kwomnquba imihla yasixe̔nxe: baye abantu benganduluki kwada kwamkelwa u‐Miriyame.
16Kodwa kamva, kwanduluka abantu e‐Hatserote, baya bati waca entlango ye‐Parane.
Bible Society of South Africa 1902