1KWANDULA kwesuka u‐Eliyashibe umperisite omkulu, nabazalwana bake abaperisite, balaka isango legusha; balenza ngcwele, bamisa ingcango zalo; baye belenza ngcwele kwada kwakuyo inqaba ye‐Meha, kwada kwakuyo inqaba ye‐Hananele. 2Nakufupi naye kwaka amadoda ase‐Jeriko. Nakufupi nawo kwaka u‐Zakure unyana ka‐Yimri.
3Nesango lentlanzi lwalaka usapo lwase‐Senaha; lwalihlanganisa, lwamisa ingcango zalo, nezitshixelo zalo, nemivalo yalo. 4Nakufupi nalo kwalungiswa ngu‐Meremote, unyana ka‐Huriya, unyana ka‐Kotse. Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Meshulame, unyana ka‐Berekiya, unyana ka‐Meshezabele. Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Tsadoki, unyana ka‐Bahana. 5Nakufupi nabo kwalungiswa ngaba‐Tekoha; kodwa imiduna yabo ayangenisa intamo zayo emsebenzini wenkosi yayo.
6Nesango elidala balilungisa u‐Yoyada unyana ka‐Paseha, no‐Meshulame unyana ka‐Besodiya; balihlanganisa, bamisa ingcango zalo, nezitshixelo zalo, nemivalo yalo. 7Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Melatiya um‐Gibeyone, no‐Yadoni um‐Meronote, namadoda ase‐Gibeyone, nawase‐Mitsipa, kwada kwakuyo iterone yenkosi yelicala lomlambo. 8Kufupi naye kwalungiswa ngu‐Huziyeli unyana ka‐Harehaya, owencibi zegolide. Nakufupi naye kwalungiswa ngu‐Hananiya unyana wowabenzi bezimnandi; bayinqabisa i‐Yerusaleme kwada kwaseludongeni olubanzi. 9Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Refaya unyana ka‐Hure, inkosi yesiqingata sesahlulo sase‐Yerusaleme. 10Nakufupi nabo kwalungiswa ngu‐Yedaya unyana ka‐Harumafi, kwa malungana nendlu yake. Nakufupi naye kwalungiswa ngu‐Hatushe unyana ka‐Hashabiniya. 11Enye indawana elinganisiweyo, nenqaba yamaziko, wazilungisa u‐Malekiya unyana ka‐Harime, no‐Hashube unyana ka‐Pahati‐mowabi. 12Nakufupi naye walungisa u‐Shalume unyana ka‐Haloheshe, inkosi yesinye isiqingata sesahlulo sase‐Yerusaleme, yena nentombi zake.
13Isango lesihlambo walilungisa u‐Hanune, nabemi base‐Zanoha; balaka, bazimisa ingcango zalo, nezitshixelo zalo, nemivalo yalo, newaka lekubite zodonga kwada kwakulo isango lenkunkuma. 14Nesango lenkunkuma walilungisa u‐Malekiya unyana ka‐Rekabe, inkosi yesahlulo sase‐Bete‐kereme; walaka, wazimisa ingcango zalo, nezitshixelo zalo, nemivalo yalo. 15Nesango lomtombo walilungisa u‐Shalune unyana ka‐Kole‐hoze, inkosi yesahlulo sase‐Mitsipa; walaka, waligubungela, wazimisa ingcango zalo, nezitshixelo zalo, nemivalo yalo; walungisa nodonga lwecibi le‐Siloha ngasentsimini yokumkani, nakude kwakuzo izinyukelo ezihlayo esixekweni sika‐Davide.
16Emva kwake kwalungiswa ngu‐Nehemiya unyana ka‐Hazebuke, inkosi yesiqingata sesahlulo sase‐Bete‐tsure, kwada kwamalungana namancw̔aba ka‐Davide, nakude kwakulo icibi elibe lenziwe, nakude kwakuyo indlu yamagoṙa. 17Emva kwake kwalungisa aba‐Levi, u‐Rehumi unyana ka‐Bani. Kufupi naye kwalungiswa ngu‐Hashabiya, inkosi yesiqingata sesahlulo sase‐Kehila, esahlulweni sake. 18Emva kwake kwalungisa abazalwana babo, u‐Bavai unyana ka‐Henadade, inkosi yesinye isiqingata sesahlulo sase‐Kehila. 19Nakufupi naye walungisa u‐Hezere unyana ka‐Yoshuwa, inkosi ye‐Mitsipa, enye indawana elinganisiweyo, malungana nendawo enyukayo ngasendlwini yezixo̔bo, ekujikeni kwodonga. 20Emva kwake wanyameka ukulungisa u‐Baruke unyana ka‐Zabai enye indawana elinganisiweyo, kwa sekujikeni kwodonga kwada kwaselucangweni lwendlu ka‐Eliyashibe umperisite omkulu. 21Emva kwake kwalungisa u‐Meremote, unyana ka‐Huriya, unyana ka‐Kotse, enye indawana elinganisiweyo, kwa selucangweni lwendlu ka‐Eliyashibe kwada kwasencameni yendlu ka‐Eliyashibe. 22Nasemva kwake kwalungisa abaperisite, amadoda asetafeni. 23Emva kwake kwalungisa u‐Benjamine no‐Hashube malungana nendlu yabo. Emva kwake kwalungiswa ngu‐Hazariya, unyana ka‐Mahaseya, unyana ka‐Hananiya, ngasendlwini yake. 24Emva kwake kwalungisa u‐Binuwi unyana ka‐Henadade enye indawana elinganisiweyo, kwa sendlwini ka‐Hazariya kwada kwasekujikeni kwodonga, nakude kwakulo igumbi. 25U‐Palale unyana ka‐Uzai walungisa malungana nokujika kwodonga, nenqaba epuma ngapandle kwendlu ende yokumkani, ebikufupi nenkundla yentolongo. Emva kwake kwalungisa u‐Pedaya unyana ka‐Paroshe.
26Kanjalo aba‐Netini, abebehlala e‐Hofeli, balungisa kwada kwamalungana nesango lamanzi ngasempumalanga, nenqaba epumayo. 27Emva kwabo kwalungisa aba‐Tekoha enye indawana elinganisiweyo, malungana nenqaba enkulu epumayo, kwada kwaseludongeni lwe‐Hofeli.
28Entla kwesango lamahashe kwalungisa abaperisite, abanye ngabanye malungana nezindlu zabo. 29Emva kwabo kwalungisa u‐Tsadoki unyana ka‐Yimeri malungana nendlu yake. Nasemva kwake kwalungiswa ngu‐Shemaya unyana ka‐Shekaniya, umgcini wesango lasempumalanga. 30Emva kwake kwalungisa u‐Hananiya unyana ka‐Shelemiya, no‐Hanune owesitandatu unyana ka‐Tsalafe, enye indawana elinganisiweyo. Emva kwake kwalungisa u‐Meshulame unyana ka‐Berekiya malungana nenkambili yake. 31Emva kwake kwalungiswa ngu‐Malekiya unyana wencibi yegolide, kwada kwakuyo indawo yaba‐Netini, neyabatengi, malungana nesango le‐Mifekade, nakude kwakuyo inkambili yapezulu yegumbi. 32Napakati kwenkambili yapezulu yegumbi nesango legusha, kwalungisa incibi zegolide nabatengi.