Kwaye kute ngenyanga yo‐Kisilevu, ngomnyaka wamashumi mabini, nxa bendiko e‐Shushane kwomkulu, 2kwafika u‐Hanani, omnye kubazalwana bam, yena namadoda atile akwa‐Juda; ndaza ndababuza ngama‐Juda abesindile, lawo abesele kubatinjwa, nange‐Yerusaleme. 3Baye besiti kum: Abaseleyo, abo basele kubatinjwa kona elizwaneni, baselishweni elikulu nasekudelekeni: kanjalo udonga lwe‐Yerusaleme lucitiwe, namasango ayo atshisiwe ngomlilo.
4Kwaza kwati, ndakuva lamazwi, ndahlala pantsi, ndalila, ndalusizi imihla etile, ndazila ukutya, ndatandaza pambi kwotixo wezulu, 5ndati: Ndiyakukunga, Yehova, Tixo wezulu, utixo omkulu owoyikekayo, obagcinela ucebano nobubele abamtandayo nabayigcinayo imiyalelo yake! 6maike indlebe yako ipulapuleke, namehlo ako avuleke, ukuba uyive intandazo yesicaka sako, endiyitandazayo ebusweni bako namhla, imini nobusuku, ngenxa yosapo luka‐Sirayeli izicaka zako, ndizixela izono zosapo luka‐Sirayeli, esonileyo ngakuwe ngazo: sonile nati, mna nendlu kabawo. 7Senzile ngokwonakeleyo kakulu ngakuwe, singagcinanga imiyalelo, nezimiselo, nezigwebo, obumyalela u‐Mosesi isicaka sako ngazo. 8Kumbula ke ilizwi owamyalelayo u‐Mosesi isicaka sako, usiti: Nxa nisenza ngobumenemene, ndoniti sa pakati kwentlanga; 9Kodwa nxa niguqukela kum, nigcine imiyalelo yam, niyenze, ukuba kwobako abagxotiweyo benu esipelweni sezulu, ndobabuta kwa lapo, ndibazise kulondawo ndiyinyulileyo ukuba ndimise igama lam kona. 10Kekaloku aba bazizicaka zako nabantu bako, abo ubakululeyo ngamandla ako amakulu, nangesandla sako esomeleleyo. 11Ndiyakukunga, Nkosi! maike indlebe yako ipulapuleke kuyo intandazo yesicaka sako, nakuyo intandazo yezicaka zako, ezinqwenayo ukwoyika igama lako: uke usitamsanqelekise isicaka sako namhla, usinike ububele ebusweni balendoda. Ngokuba bendingumncamli kukumkani.