1KEKALOKU emveni kwentsuku mbini bekuko ipasika nomtendeleko wezonka ezingenagwele: baza bafuna abaperisite abakulu nababa̔li ukuba bangati nina ukumbamba ngenkohliso bambulale. 2Bebesiti kodwa: Makungabi semtendelekweni, hleze kubeko isipitipiti ebantwini.
3Kekaloku ese‐Betaniya, endlwini ka‐Simone ileperi, xa abehleli pantsi, kweza umfazi eneqaka leyalabastere linamafuta mnandi enadusi anqabileyo kunene, waliqekeza iqaka leyalabastere, wawagalela amafuta entloko yake. 4Kwaye kuko abatile bequmbile kunene pakati kwabo, besiti nokuti: Kwenzelwe nina okukuci̔takala kwamafuta mnandi? 5ngokuba kunge kutengiwe ngawo la okupezulu kwamakulu amatatu edenari, kwaza kwapiwa amahlwempu. Baṙoṙa ngaye ke. 6Kodwa u‐Yesu wati: Myekeni; yinina ukuba nimkataze? umsebenzi olungileyo uwenzile kum. 7Ngokuba ninawo amahlwempu futi ekuni; kanjalo wona ningawenzela okulungileyo, nxa nitanda ukwenje njalo; kanti aninam futi. 8Oko wabenako lo, wenzile ngako; umzimba wam uwutambisele ukuncw̔atywa kwam ngokupangela. 9Ngokwenene nditi kuni: Apo kusukuba kushunyayelwa kona ivangeli le kulo lonke ilizwe, kuya kutyelwa nalento ayenzileyo lo, ibe sisikumbuzo sake.
10Waza u‐Jude Sikariyoti, owabalishumi linababini, wemkela kubaperisite abakulu, ukuze amnikele kubo. 11Bati ke bona bakuva, bavuya, bambekela ngedinga lokuba baya kumnika imali. Waza wafuna ukuba angati nina ukumngcatsha ngexesha elifanelekileyo.
12Kekaloku ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, okuya bekubingwa ipasika, bati kuye abadisipile bake: Utanda ukuba siye silungiselele pina ukuze utye ipasika? 13Waza wasusa isibini sabadisipile bake, wati kubo: Yiyani esixekweni, naniya kukaulelwa ngumntu etwele umpanda wamanzi; mlandeleni yena; 14nalapo asukuba engena kona, niti kumninindlu: Uti umfundisi: Ipina inkambili yendwendwe, apo ndingayityela kona ipasika kunye nabadisipile bam? 15Waeya kunibonisa inkambili yapezulu enkulu eyandlalelweyo elungisiweyo: silungiseleni kona apo. 16Baza bapuma abadisipile bake, bangena esixekweni, bafumana njengokuba ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.
17Wati kwakuhlwa weza nabalishumi linababini. 18Kekaloku nxa babe behleli pantsi besitya nokutya, wati u‐Yesu: Ngokwenene nditi kuni: Omnye wakuni wondingcatsha, lowo utyayo kunye nam. 19Baqala ukuba lusizi ke, nokuti kuye omnye ngomnye: Ndim na? wati nomnye: Ndim na? 20Waza wapendula wati kubo: Ngowabalishumi linababini, lowo ufaka isandla esityeni kunye nam. 21Unyana wesintu uyemka okunene, njengokuba kuba̔liwe ngaye; kodwa kwoba nzima kulowamntu unyana wesintu ungcatshwa nguye? bekumlungele, ukuba ebengazalwanga lowamntu.
22Kekaloku nxa bebesitya, watabata u‐Yesu isonka, wabulela, waqezula, wabanika, wati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam. 23Kanjalo watabata indebe, wabulela, wabanika: baza basela kuyo bonke. 24Wayesiti kubo: Le iligazi lam, elocebano olutsha, elipalazelwa abaninzi. 25Ngokwenene nditi kuni: Andisayi kuba sasela kwisiqa̔mo somti weveyine, kude kube yimini leyo, okuya ndisiselayo sisitsha ebukumkanini bukatixo.
26Baza bati, bakuba bevumile iculo, bapuma baya entabeni yeminquma. 27Wayesiti kubo u‐Yesu: Nina nonke niya kuxakaniswa ngam ngobubusuku; ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Ndiya kubeta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha. 28Koko emveni kwokuvuka kwam, ndiya kunandulela ukuya e‐Galili.
29Waza u‐Petrosi wati kuye: Nokuba bonke baya kuxakaniswa, andiyi kuxakaniswa mna noko. 30Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Namhla nje, kwa ngobubusuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikanyela katatu. 31Kodwa waqinisa ngakumbi ukuti: Nakuba kundifanele ukuba ndife ndawonye nawe, andisayi kukukanyela. Batsho nabo bonke kwa ngokunjalo.
32Baye besiza entsimini egama liyi‐Getesemane; waza wati kubadisipile bake: Hlalani pantsi apa, ndide ndibe nditandazile.
33Waza watabata u‐Petrosi no‐Yakobi no‐Johane kunye naye, waqala ukubetwa livuso nokudandateka kakulu. 34Wayesiti kubo: Umpefumlo wam ulusizi kakulu kude kube sekufeni; hlalani apa, nilinde. 35Waza waya umganyana ngapambili, wawa pantsi emhlabeni, watandaza ukuba makuti, ukuba kungenzeka, kudlule kuye loyure. 36Wabesiti: Aba, Bawo! zonke izinto ziyenzeka kuwe; susa lendebe kum: kodwa makungabi ngokutanda kwam, makube ngokwako. 37Wayesiza ke wabafumana belele, wati ku‐Petrosi: Simone! ulele na? ubungelinde iyure ibe nye na? 38Lindani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni: umoya okunene uyavuma, kodwa inyama ibutataka.
39Wemka kanjako, waya watandaza, eteta wona lomazwi. 40Waza wabuya, wabafumana belele kanjako; ngokuba amehlo abo ebenzima; bebengazi ukuba boti nina ukumpendula kanjalo.
41Wayesiza ngokwesitatu, wati kubo: Lalani ixesha eliseleyo, nipumle; kukolisekile; iyure ifikile: bona ke, unyana wesintu uyanikelwa ezandleni zaboni: 42vukani, sihambe; nanku ondingcatshayo esel’ ekufupi.
43Kekaloku kwa oko, nxa abesateta, kwasondela u‐Jude, engowabalishumi linababini, nesihlwele esikulu kunye naye sineziṙele nenduku, sivela kubo abaperisite abakulu, nababa̔li, nabadala. 44Wayete obemngcatsha wabanika isiqondiso, esiti: Lowo endiya kumanga, ukwa nguye; mbambeni yena, nimr̔ole ngokuqinisekileyo. 45Wati akufika, waselesiza kuye, wati: Rabi, Rabi! wamanga ke. 46Baza babeka izandla zabo pezu kwake, bambamba.
47Kekaloku omnye wakubo ababemi kufupi war̔ola isiṙele sake, wabeta isicaka somperisite omkulu, wasinqumla indlebe.
48Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Nipumile neziṙele nenduku ukuza kundibamba na, njengokungati nibe nipuma ngakulo ibada? 49Ndandikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba ke. Kodwa kwenzekile oku, ukuze zizaliseke iziba̔lo. 50Baza bamshiya bonke, babaleka.
51Kekaloku indodana etile yamlandela, ineqiya etwe tyu emzimbeni; aza ati amadodana ayibamba; 52kodwa yayishiya iqiya, yabaleka zé kuwo.
53Baza bamr̔olela u‐Yesu kumperisite omkulu: kwaye kubutana kuye bonke abaperisite abakulu, nabadala, nababa̔li.
54Waza u‐Petrosi wamlandela ekude, kwada kwapakati ekusini lendlu yomperisite omkulu; waye ehleli pantsi ndawonye namadindili, esota ngasemlilweni.
55Kekaloku abaperisite abakulu, nayo yonke intlanganiso yamapakati, bebefuna ubunqi̔na ngakuye u‐Yesu, ukuze bamfise; kanti abafumana ke. 56Ngokuba abaninzi bebenqi̔na ngakuye ngobuxoki, kanti ukunqi̔na kwabo bekungalungelelani. 57Baza besuka abatile banqi̔na ngakuye ngobuxoki, besiti: 58Samva tina esiti: Mna ndiya kuci̔ta letempile eyenziweyo ngezandla, ndize nditi ngentsuku zibe ntatu ndake enye ingenziwanga ngezandla. 59Kwaye kungalungelelani nangokunjalo ukunqi̔na kwabo. 60Waza wesuka umperisite omkulu wema pakati, wambuza u‐Yesu, esiti: Akupenduli nto na? banqi̔na nto nina ngakuwe aba? 61Kuloko wati tu, engapendulanga nto.
Wabuya umperisite omkulu wambuza, wati kuye: Unguye na u‐Kristu, unyana wodumisekileyo? 62Wayesiti u‐Yesu: Ndinguye: naniya kubona unyana wesintu ehleli ngasekunene kwamandla, esiza nokuza namafu ezulu.
63Waza umperisite omkulu waṙazula ingubo zake, wati: Sisafunela nina amanqi̔na? 64nikuvile ukugxeka kwake; niti nina ke? Baza bonke bamgweba ngokuti unetyala lokuba afe. 65Baza baqala inxenye ukumtshicela, nokugubungela ubuso bake, nokumntliteka, nokuti kuye: Laula. Kanjalo amadindili amtywakaza ngezandla.
66Kwati kekaloku, nxa u‐Petrosi ebesekusini ngasezantsi, kweza esinye sezicakazana zomperisite omkulu; 67esati sakumbona u‐Petrosi esota, samkangela sati: Nawe ubuno‐Yesu um‐Nazarete. 68Koko wakanyelayo, esiti: Andimazi, andiqondi into oyitetayo kanjalo. Waza wapumela pandle emnyango wekusi; yalila ke inkuku. 69Saza isicakazana sabuya sambona, saqala ukuti kwabo babemi kufupi: Lo ungowakubo. 70Kodwa wabuya wakanyela. Kwaza kwati kwakuba mzuzwana, abo babemi kufupi babuya bati ku‐Petrosi: Ngenyaniso ungowakubo; ngokuba nawe ungum‐Galili, nokuteta kwako kuyafana nokwabo. 71Kuloko waqala ukuqalekisa nokufunga, esiti: Andimazi lomntu eniteta ngaye. 72Yalila inkuku ngokwesibini ke. Waza u‐Petrosi wakumbula ilizwi u‐Yesu wabelitshilo kuye ukuti: Ingekalili inkuku kabini, uya kundikanyela katatu. Wati akuligqala, walila.