1KEKALOKU akuzibona izihlwele, wenyukela entabeni; kwati akuba ehleli pantsi, beza kuye abadisipile bake. 2Waza wavula umlomo wake, wabafundisa, esiti:
3Banetamsanqa ababuhlwempu ngomoya; ngokuba bubobabo ubukumkani bezulu. 4Banetamsanqa abalusizi; ngokuba bona beya kututuzelwa. 5Banetamsanqa abalulamileyo; ngokuba umhlaba uya kuba lilifa labo. 6Banetamsanqa abanokulambela nokunxanelwa ubulungisa; ngokuba bona beya kuhlutiswa. 7Banetamsanqa abanofefe; ngokuba bona beya kupatwa ngofefe. 8Banetamsanqa abacocekileyo ngentliziyo; ngokuba bona beya kubona utixo. 9Banetamsanqa abangabaxolelanisi; ngokuba bona beya kubizwa ngokuba lusapo lukatixo. 10Banetamsanqa abatshutshisiweyo ngenxa yobulungisa; ngokuba bubobabo ubukumkani bezulu. 11Ninetamsanqa, nxa abantu baya kunituka, banitshutshise, batete into zonke ezikohlakeleyo ngakuni ngokuxoka, ngenxa yam: 12vuyani nigcobe, ngokuba umvuzo wenu umkulu ezulwini; ngokuba benje njalo ukubatshutshisa abaprofite ababepambili kuni.
13Nina niyityuwa yomhlaba: kodwa xeshekweni ityuwa ingabi nasongo, iya kuvakaliswa nganina? ayisafanelekele nto, kupela ukuba ilahlelwe pandle, inyatelwe ngabantu. 14Nina nilukanyiso lwelizwe; isixeko esimiyo pezu kwentaba asingefihleke. 15Kanjako abantu abasibaneki isibane, basibeke pantsi kwento yokulinganisa, koko basibeka pezu kwekandelare, size sikanyele bonke abasendlwini. 16Kwa njalo makukanye ukukanya kwenu pambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu elungileyo, badumise uyihlo osezulwini.
17Ningabi ndeza ukutshabalalisa umteto, umhlaumbi abaprofite; andizanga ukutshabalalisa, koko ndize ukuzalisekisa. 18Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Kude kudlule izulu nomhlaba, alisayi kuza lidlule nalinye iganyana umhlaumbi namnye umgcanyana emtetweni, kungekenzekanga konke. 19Ngako osukuba ewutshitshisa omnye walemiyalelo noko umncinane kuyo yonke, afundise abantu ngokunjalo, uya kubizwa ngokuba ngomncinane kubo bonke ebukumkanini bezulu; kodwa osukuba eyenza, eyifundisa nokuyifundisa, lowo uya kubizwa ngokuba ngomkulu ebukumkanini bezulu. 20Ngokuba ndisiti kuni: Xeshekweni ubulungisa benu bungagqitisanga kwo?-?bababa̔li nabafarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bezulu.
21Nivile ukuba kwatiwa kubo abakudala: Akuyi kubulala; woti osukuba ebulala amelwe ngamatyala amancinane. 22Mna kanti nditi kuni: Osukuba equmbela umzalwana wake kungeko nto, uya kumelwa ngamatyala amancinane; nosukuba esiti kumzalwana wake: Geza! uya kumelwa ngamatyala amakulu; kodwa osukuba esiti: Nkewundini! uya kumelwa kukuposwa esihogweni somlilo. 23Ngako xeshekweni uwuzisa umnikelo wako esibingelweni, uti ulapo ukumbule ukuba umzalwana wako unendawo ngakuwe; 24wushiye apo umnikelo wako pambi kwesibingelo, uhambe ke, uti kuqala uxolelane nomzalwana wako, wandule uze unikele umnikelo wako. 25Nxa̔ma ukuvumelana nalowo ukumangeleleyo, nxa usenaye endleleni; hleze omangeleyo akunikele emgwebini, ati umgwebi akunikele emsileni, uze uposwe entolongweni. 26Ngokwenene nditi kuwe: Akusayi kuza upume kona, ungekahlauli imalana yokugqibela.
27Nivile ukuba kwatiwa kubo abakudala: Akuyi kuṙexeza. 28Mna kanti nditi kuni: Osukuba ekangela umfazi ngokunga angamkanuka, usele wenzile uṙexezo naye ngentliziyo yake. 29Ukuba ngoko iliso lako lokunene liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo. 30Kanjalo ukuba isandla sako sokunene siyakuxakanisa, sinqumle, usilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo.
31Kwatwa ke: Osukuba elahla umfazi wake, makamnike isiba̔lo sokwahlukanisa. 32Mna kanti nditi kuni: Osukuba elahla umfazi wake, engamlahli ngenxa yombulo kupela, uyamṙexezisa; nosukuba ezeka umfazi olahliweyo, uyaṙexeza naye. 33Kanjako nivile ukuba kwatiwa kubo abakudala: Akuyi kwapula ukufunga kwako; uya kufezela uyehova izifungo zako. 34Mna kanti nditi kuni: Ningake nifunge; ningalifungi izulu, ngokuba liyiterone katixo; 35nomhlaba ngokuba usisitulo senyawo zake; ne‐Yerusaleme, ngokuba isisixeko sokumkani omkulu. 36Kanjalo intloko yako akuyi kuyifunga, ngokuba ungenamandla okwenza nalunye unwele lube mhlope, umhlaumbi lube mnyama. 37Maliti kodwa ilizwi lenu libe lelokuti, ewe, ewe; hai, hai; ngokuba oko kugqitileyo koku kuvela kokukohlakeleyo.
38Nivile ukuba kwatiwa: Iliso ngenxa yeliso, nezinyo ngenxa yezinyo. 39Mna kanti nditi kuni: Musani ukumelana nokohlakeleyo; kodwa Osukuba ekutywakaza esidleleni sako sokunene, mnikele esinye naso 40Kanjalo osukuba efuna ukukumema, nokuhluta isivato sako sapantsi, myekele nengubo. 41Nosukuba ekunyanzela uye imeyile ibe nye, hamba naye zibe mbini. 42Yipa lowo ucelayo kuwe; nalowo ofuna ukuboleka kuwe, ungapambuki kuye.
43Nivile ukuba kwatiwa: Uya kutanda umhlobo wako, utiye utshaba lwako. 44Mna kanti nditi kuni: Tandani intshaba zenu, tamsanqelisani abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banitiyayo, nitandazele abo banipata kakubi nabanitshutshisayo; 45ukuze nibe lusapo lwoyihlo osezulwini; ngokuba ilanga lake elipumisa pezu kwabakohlakeleyo nabalungileyo, nemvula eyinisa pezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. 46Ngokuba, xeshekweni nitanda abo banitandayo nina, niba nomvuzo omnina? abenzi into ekwa yiyo na nababuti beminikelo? 47Naxeshekweni nibulisa abazalwana benu bodwa, niyenza nto nina egqitiseleyo? abenje njalo na nababuti beminikelo? 48Ize nina ngoko nibe nifezekile: njengokuba uyihlo osezulwini efezekile.