1KWAYE kute, okuya abezigqibile u‐Yesu zonke iziteto ezi, wati kubadisipile bake: 2Niyazi ukuba kuti emveni kwentsuku mbini kubeko ipasika; waye unyana wesintu eya kunikelwa ukuba akuruseshwe.
3Bandula bahlanganisana abaperisite abakulu, nababa̔li, nabadala babantu, endlwini yomperisite omkulu o‐kutiwa ngu‐Kayafasi, 4bacebisana ukuba bambambe u‐Yesu ngenkohliso, bambuiale. 5Bebesiti kodwa: Makungabi semtendelekweni, ukuze kungenziwa isipitipiti pakati kwabantu.
6Kekaloku xeshekweni u‐Yesu ebese‐Betaniya, endlwini ka‐Simone ileperi, 7kweza kuye umfazi eneqaka leyalabastere linamafuta mnandi axabiso likulu, wawagalela pezu kwentloko yake xa abehleli ekutyeni. 8Koko abadisipile bake, bakubona oko, baqumba kunene, besiti: Okukuci̔takala kokwento nina? 9ngokuba kunge kutengiwe into eninzi ngalamafuta mnandi, kwaza kwapiwa amahlwempu. 10Wazi kodwa u‐Yesu wati kubo: Yinina ukuba nimkataze umfazi? ngokuba umsebenzi olungileyo ewenzile kum. 11Ngokuba ninawo amahlwempu futi ekuni; kanti aninam futi. 12Ngokuba lo ewagalele nje amafuta mnandi la emzimbeni wam, wenzela ukuncw̔atywa kwam. 13Ngokwenene nditi kuni: Apo kusukuba kushunyayelwa kona ivangeli le kulo lonke ilizwe, kuya kutyelwa nalento ayenzileyo lo, ibe sisikumbuzo sake.
14Wandula wahamba owabalishumi linababini, o‐kutiwa ngu‐Jude Sikariyoti, waya kubaperisite abakulu, 15wati: Nivuma ukundinika nto nina? ndandiya kumnikela kuni. Baza bamlinganisela amaqosha esilivere angamashumi matatu. 16Wabesiti ke emveni kwoko wafuna ituba lokuba amngcatshe.
17Kekaloku ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abadisipile ku‐Yesu, besiti kuye: Utanda ukuba sikulungisele pina kutyiwe ipasika? 18Wayesiti: Yiyani esixekweni kumntu otile, niti kuye: Uti umfundisi: Ixesha lam likufupi; ipasika ndiya kuyenza kuwe kunye nabadisipile bam. 19Baza benza abadisipile njengokuba ebebayalele u‐Yesu, bayilungisa ipasika.
20Kwati ke kwakuhlwa, wabehleli ekutyeni nabalishumi linababini. 21Waza kekaloku, nxa bebesitya, wati: Ngokwenene nditi kuni: Omnye wakuni wondingcatsha. 22Babelusizi kakulu ke, baqala ukuti kuye abanye ngabanye: Ndim na. Nkosi? 23Waza wapendula wati: Ofaka isandla esityeni kunye nam, nguye lowo oya kundingcatsha. 24Unyana wesintu uyemka okunene, njengokuba kuba̔liwe ngaye; kodwa kwoba nzima kulowamntu unyana wesintu ungcatshwa nguye! bekumlungele, ukuba ebengazalwanga lowamntu. 25Waza wapendula u‐Jude, owamngcatshayo, wati: Ndim na, Rabi? Wati kuye: Utshilo wena.
26Kekaloku nxa bebesitya, watabata u‐Yesu isonka, wabulela, waqezula, wanika abadisipile, wati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam. 27Kanjalo watabata indebe, wabulela, wabanika, esiti: Selani kuyo nonke; 28ngokuba le iligazi lam, elocebano olutsha, elipalazelwa abaninzi kube kukuxolelwa kwezono. 29Kodwa nditi kuni: Andisayi kusela emveni kwoku kwesisiqa̔mo somti weveyine, kude kube yimini leyo, okuya ndisiselayo nani sisitsha ebukumkanini bukabawo.
30Baza bati, bakuba bevumile iculo, bapuma baya entabeni yeminquma. 31Wandula wati kubo u‐Yesu: Nina nonke niya kuxakaniswa ngam ngobubusuku; ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Ndiya kubeta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha zomhlambi. 32Kodwa emveni kwokuvuka kwam, ndiya kunandulela ukuya e‐Galili.
33Waza wapendula u‐Petrosi wati kuye: Nakuba bonke baya kuxakaniswa ngawe, andisayi kuza ndixakaniswe mna. 34Wati u‐Yesu kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Kwa ngobubusuku, ingekalili inkuku, uya kundikanyela katatu. 35Wati u‐Petrosi kuye: Nangona kundifanele ukuba ndife ndawonye nawe, andisayi kukukanyela. Batsho nabo bonke abadisipile kwa ngokunjalo.
36Wandula u‐Yesu weza nabo entsimini e‐kutiwa yi‐Getesemane, wati kubadisipile: Hlalani pantsi apa, nxa ndiyayo nditandaze paya.
37Waza watabata naye u‐Petrosi nonyana baka‐Zebedi bobabini, waqala ukuba lusizi nokudandateka kakulu. 38Wandula wati kubo: Umpefumlo wam ulusizi kakulu kude kube sekufeni; hlalani apa, nilinde nam. 39Waza waya umganyana ngapambili, wawa ngobuso bake, etandaza, esiti nokuti: Bawo! ukuba kungenzeka, makudlule kum indebe le: noko makungabi njengokuba nditanda mna, makube njengokuba utanda wena. 40Wayesiza kubadisipile, wabafumana belele, wati ku‐Petrosi: Kanene beningelinde nam iyure ibe nye na? 41Lindani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni: umoya okunene uyavuma, kodwa inyama ibutataka.
42Wabuya wemka ngokwesibini, waya watandaza, esiti: Bawo! ukuba lendebe ayingedlule kum, nxa ndingayiseli, makwenziwe intando yako. 43Wayesiza wabafumana belele kanjako; ngokuba amehlo abo ebenzima.
44Waza wabashiya, wemka kanjako, waya watandaza ngokwesitatu, eteta wona lomazwi. 45Wandula weza kubadisipile bake, wati kubo: Lalani ixesha eliseleyo, nipumle; nantsi iyure isel’ ikufupi, xa unyana wesintu anikelwa ezandleni zaboni: 46vukani, sihambe; nanku esel’ ekufupi ondingcatshayo.
47Kekaloku nxa abesateta, bona ke, kweza u‐Jude, owabalishumi linababini, nesihlwele esikulu kunye naye sineziṙele nenduku, sivela kubo abaperisite abakulu nabadala babantu. 48Wayete obemngcatsha wabanika umqondiso, esiti: Lowo endiya kumanga, ukwa nguye; mbambeni yena. 49Waselesiza ku‐Yesu kwa oko, wati: A, Rabi! wamanga ke. 50Waza u‐Yesu wati kuye: Sihlobo! ufikele nina? Bandula beza, babeka izandla pezu kwake u‐Yesu, bambamba.
51Kekaloku bona ke, omnye wabo babenaye u‐Yesu wolula isandla, war̔ola isiṙele sake, wabeta isicaka somperisite omkulu, wasinqumla indlebe. 52Wandula wati u‐Yesu kuye: Sibuyisele endaweni yaso isiṙele sako; ngokuba bonke abasitabatayo isiṙele beya kububa ngesiṙele. 53Uba andingete na kwa kaloku nje ndikunge ubawo, waeya kundimisela amabandla amakulu engelosi apezu kwalishumi linamabini? 54Pofu singati nina ukuzaliseka isiba̔lo sokuti, kufanele ukuba nje?
55Kwa ngeloxeshana wati u‐Yesu kwizihlwele: Nipumile neziṙele nenduku ukuza kundibamba na, njengokungati nibe nipuma ngakulo ibada? Bendihleli imihla ngemihla kuni ndifundisa etempileni, anandibamba ke. 56Kodwa oku konke kwenzekile, ukuze zizaliseke iziba̔lo zabaprofite. Bandula bonke abadisipile bamshiya, babaleka.
57Bati kekaloku abo bambambayo u‐Yesu bamr̔olela ku‐Kayafasi umperisite omkulu, apo babehlanganisene kona ababa̔li nabadala.
58Waza u‐Petrosi wamlandela ekude, kwada kwasekusini lendlu yomperisite omkulu, wangena pakati, wahlala pantsi ndawonye namadindili, ukuba abone ukupela kwendawo.
59Kekaloku abaperisite abakulu, nabadala, nayo yonke intlanganiso yamapakati, bebefuna ubunqi̔na obubuxoki ngakuye u‐Yesu, ukuze bamfise; 60kanti abafumana ke: ewe, akufika amanqi̔na abuxoki amaninzi, abafumana ke. Ada afika amanqi̔na abuxoki emabini, 61ati: Watsho lo ukuti: Ndingayici̔ta itempile katixo, ndibuye ndiyake ngentsuku zibe ntatu. 62Waza wesuka umperisite omkulu, wati kuye: Akupenduli nto na? banqi̔na nto nina ngakuwe aba? 63Kuloko u‐Yesu wati tu.
Waza wapendula umperisite omkulu wati kuye: Ndiyakufungisa utixo opilileyo, uze usixelele ukuba unguye na u‐Kristu, unyana katixo. 64Wati u‐Yesu kuye: Utshilo wena. Kanjako nditi kuni: Emveni kwoku niya kubona unyana wesintu ehleli ngasekunene kwamandla, esiza nokuza emafini ezulu.
65Wandula umperisite omkulu waṙazula ingubo zake, esiti: Ugxekile u‐Tixo; sisafunela nina amanqi̔na? bona ke, nikuvile ngoku ukugxeka kwake; 66niti nina ke? Baza bapendula bati: Unetyala lokuba afe. 67Bandula bamtshicela ebusweni, bamntliteka; bati inxenye bamtywakaza, 68besiti: Silaulele, Kristundini! wabetwa ngubanina?
69Kekaloku u‐Petrosi ebehleli ngapandle ekusini; saza isicakazana esitile seza kuye, sisiti: Nawe ubuno‐Yesu wase‐Galili. 70Koko wakanyelayo ebusweni babo bonke, esiti: Andiyazi into oyitetayo. 71Kanjalo akupumela esangweni, sambona esinye, sati kwabakona: Naye lo ebeno‐Yesu wase‐Nazarete. 72Waza wabuya wakanyela ngesifungo, esiti: Andimazi umntu lowo. 73Kwati ke kwakuba mzuzwana, basondela abebemi kona bati ku‐Petrosi: Ngenyaniso nawe ungowakubo; ngokuba nokuteta kwako kukuhlakazela. 74Wandula waqala ukuqalekisa nokufunga, esiti: Andimazi umntu lowo. Yasuka yalila inkuku kwa oko. 75Waza u‐Petrosi wakumbula ilizwi lika‐Yesu, abelitshilo kuye ukuti: Ingekalili inkuku, uya kundikanyela katatu. Waselepuma ngapandle, walila ngento ebuṙaṙa.