1WANDULA u‐Yesu wateta kwizihlwele nakubadisipile bake, 2esiti: Ababa̔li nabafarisi bayahlala esihlalweni sika‐Mosesi: 3ngako zonke izinto abasukuba benixelela ukuba nizigcine, zigcineni nizenze; kodwa ningenzi ngayo imisebenzi yabo; ngokuba beteta, kanti abenzi. 4Ngokuba bebopa imitwalo enzima esindayo, bayibeke emagxalabeni abantu; kodwa abavumi nokuyishukumisa ngomnwe wabo. 5Kanjalo yonke imisebenzi yabo bayayenza ngokunga bangabonelwa ngabantu: bayenza zibanzi izibotshana zabo zokukumbuza, nemiqukumbelo yengubo zabo bayayenza mikulu; 6bayatanda indawo zobukulu ezidlweni, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, 7nezibuliso ezindaweni zentengo, nokubizwa ngabantu ngokutiwa, Rabi, Rabi! 8Kodwa nina maningabizwa ngokutiwa, Rabi! ngokuba emnye umpati wenu, u‐Kristu; nani ningabazalwana nonke. 9Kanjalo maningabizi mntu ngokuti unguyihlo emhlabeni apa; ngokuba emnye uyihlo, lowo usezulwini. 10Maniti kanjako ningabizwa ngokutiwa ningabapati; ngokuba emnye umpati wenu, u‐Kristu. 11Omkulu pakati kwenu makabe ngumkonzi wenu. 12Oya kuzipakamisa, uya kutotywa; noya kuzitoba, uya kupakanyiswa.
13Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nivalela abantu ubukumkani bezulu: ngokuba ningangeni nina, nabangenayo ningabavumeli ukuba bangene.
14Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nisenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: ngako oku niya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.
15Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nijikajikela ulwandle nomhlaba owomileyo, ukuze nenze libe linye ikolwa lobujuda, eniti, lakuba njalo, nilenze umntwana wesihogo somlilo ngento epindiweyo kabini ngapezu kwenu.
16Kwoba nzima kuni, bakokeli abazimfama! eniti: Osukuba efunga itempile, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga igolide yetempile, ufanelwe kukufeza. 17Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina enkulu, yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusinina? 18Eniti kanjalo: Osukuba efunga isibingelo, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga umnikelo opezu kwaso, ufanelwe kukufeza. 19Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina into enkulu, ngumnikelo, sisibingelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusinina? 20Ngako ofungayo isibingelo, uyafunga sona nento zonke ezipezu kwaso: 21nofungayo itempile, uyafunga yona nalowo umiyo kuyo: 22nofungayo izulu, uyafunga iterone katixo nalowo uhleli pezu kwayo.
23Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba ninika izishumi zetyeleba, nezedile, nezekumine, kanti niziyekile indawo ezinkulu zomteto, ubugwebo, nobubele, nokolo: bekufanele ezi ukuba zenzwe, neziya ukuba zingayekwa. 24Bakokeli abazimfama, abayihluzayo imbuzane, bayiginye inkamela!
25Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nihlambulula indebe nesitya ngapandle, kanti ngapakati zizele bubupanga nobuncwangu. 26Farisindini oyimfama! hlambulula tanci okupakati kwendebe nesitya, ukuze kuti nokupandle kwazo kube kuhlambulukile.
27Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nifana namancw̔aba aqatyiweyo ngobumhlope, ati ngapandle ke abonakale emahle, kodwa ngapakati azele ngamatambo abafileyo nakuko konke ukunco̔la. 28Kwa njalo nani niti ngapandle ke nibonakale ebantwini nilungile, kodwa ngapakati nizele luhanahaniso nakokungalungileyo.
29Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nibuya nake amancw̔aba abaprofite, nihombe amancw̔aba abalungileyo, 30niti: Ukuba besiko emihleni yobawo betu, ngesingabi nabukolwane nabo egazini labaprofite. 31Kwa njalo ke niyazinqi̔nela ngokwenu, ukuba nilusapo lwabo babulalayo abaprofite. 32Nani zalisani isilinganiso soyihlo benu. 33Zinyokandini, sizukulwana samaṙamba! ningati nina ukusinda emgwetyweni wesihogo somlilo?
34Ngako oko, bona ke, ndiyatuma kuni abaprofite, nezilumko, nababa̔li: naniya kuti inxenye kubo nibabulale nibakuruseshe, niti inxenye kubo nibabete ezindlwini zentlanganiso zenu, nibatshutshise kwisixeko ngesixeko; 35ukuba kuze pezu kwenu lonke igazi elilungileyo lipalazwa emhlabeni, kutabata egazini lika‐Abele olungileyo, kude kube segazini lika‐Zekariya unyana ka‐Berekiya, lowo nambulalayo pakati kwendawo eyingcwele nesibingelo. 36Ngokwenene nditi kuni: Ziya kuza zonke ezizinto pezu kwesisizukulwana.
37Yerusaleme, Yerusaleme, ebabulalayo abaprofite, ebagibisela ngamatye abo batunyiweyo kuyo! kufuti kangakananina ebendifuna ukulubutela ndawonye usapo lwako, njengokuba inkukukazi iwabutela ndawonye amatole ayo ngapantsi kwamapiko, anavuma ke! 38Bona ke, niyashiyelwa indlu yenu ici̔takele. 39Ngokuba ndisiti kuni: Anisayi kundibona emveni kwoku, nide niti: Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova.