1KWAYE kute, xeshekweni abezigqibile u‐Yesu iziteto ezi, wesuka e‐Galili, weza emideni yase‐Judeya, pesheya kwe‐Yoredane. 2Zaza zamlandela izihlwele ezininzi, wabapilisa abafayo apo ke.
3Kweza kuye nabafarisi bemlinga, besiti kuye: Kufanelekile emntwini ukulahla umfazi wake ngenxa yamatuba onke na? 4Wapendula wati kubo: Anileseshanga na ukuba umdali wabenza kwa sekuqalekeni indoda nomfazi, 5waza wati: Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake, baze abo babini babe yinyama nye? 6Ngako oko abasebabini, bayinyama nye. Ngoko ke, oko utixo akubandakanyileyo, makungahlulwa mntu. 7Bati kuye: Pofu ibiyinina ukuba u‐Mosesi waxelela ukunika incwadi yokwahlukanisa, nokumlahla? 8Wati kubo: u‐Mosesi, ngenxa yobulukuni bentliziyo zenu, wanivumela ukuba nilahle abafazi benu; koko kungabanga njalo kwa sekuqalekeni. 9Kodwa nditi kuni: Osukuba elahla umfazi wake, engamlahli ngambulo kupela, aze azeke omnye, uyaṙexeza; nalowo uzeka umfazi olahliweyo, uyaṙexeza naye.
10Bati kuye abadisipile bake: Ukuba iba njalo indawo yomntu kunye nomfazi wake, akumlungele ukuzeka. 11Koko wati kubo: Abalamkeli elilizwi bonke abantu; ngabanikiweyo abalamkelayo kupela. 12Ngokuba kuko abatenwa abazelweyo benjalo kwa sesizalweni sonina; kuko nabatenwa, abenziweyo abatenwa ngabantu; kuko nabatenwa, abazenzileyo abatenwa ngenxa yobukumkani bezulu. Ongamkela oku, makakwamkele.
13Kwandula kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla pezu kwabo, atandaze: bati ke abadisipile babatetisa. 14Kodwa u‐Yesu wati: Vumelani abantwana, ize ningabaleli, ukuza kum; ngokuba ubukumkani bezulu bubobabanjalo. 15Waza wabeka izandla pezu kwabo, wemka apo.
16Kekaloku bona ke, kweza umntu otile wati kuye: Mfundisi olungileyo! yiyipina into elungileyo endiya kuyenza, ukuze ndibe nabo ubomi obungunapakade? 17Wayesiti kuye: Yinina ukuba uti ndingolungileyo? akuko olungileyo, kupela umnye, o ngutixo. Kodwa ukuba unga ungangena ebomini, gcina imiyalelo. 18Wati kuye: Yipina? Wayesiti u‐Yesu: Le yokuti: Akuyi kubulala; akuyi kuṙexeza; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; 19beka uyihlo nonyoko; nalo wokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. 20Yati kuye indodana leyo: Zonke ezizinto ndizibambile kwa sebutsheni bam; ndisaswele nto nina? 21Wati u‐Yesu kuyo: Ukuba unga ungaba ufezekile, hamba, uye utengise ngempahla yako, upe amahlwempu, wauya kuba nendyebo ezulwini; uze ke, ulandele mna. 22Yati ke indodana leyo yakuva elozwi, yemka ilusizi; ngokuba ibe inazo imfuyo ezininzi.
23Waza u‐Yesu wati kubadisipile bake: Ngokwenene nditi kuni: Kunqabile kwisityebi ukuba singene ebukumkanini bezulu. 24Kananjalo nditi kuni: Kulula ukuba inkamela ipumele entunjeni yesinalite, pezu kwokuba isityebi singene ebukumkanini bukatixo. 25Bati ke bakuva abadisipile bake, bamangaliswa kakulu, besiti: Ngubanina pofu ongasindiswayo? 26Koko u‐Yesu ebakangele wati kubo: Ebantwini lento ayenzeki, kodwa kutixo zonke izinto ziyenzeka.
27Wandula wapendula u‐Petrosi wati kuye: Bona ke, tina sikushiyile konke, salandela wena; sesiya kuba nanto nina ke? 28Wayesiti u‐Yesu kubo: Ngokwenene nditi kuni: Nina nindilandeleyo, ekudalweni okutsha, xeshekweni ahleli unyana wesintu pezu kweterone yobungcwalisa bake, niya kuhlala nani pezu kweterone ezilishumi linambini, nigweba izizwe ezilishumi linazibini zo‐Sirayeli. 29Nabo bonke abashiyileyo izindlu, umhlaumbi abaninawe, umhlaumbi odade, umhlaumbi uyise, umhlaumbi unina, umhlaumbi umfazi, umhlaumbi abantwana, umhlaumbi amasimi, ngenxa yegama lam, baya kwamkela ngekulu, balidle ilifa lobomi obungunapakade. 30Kodwa baninzi abangabokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabangabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.