1NGELOXESHANA beza abadisipile ku‐Yesu, besiti: Ngubanina ke omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu? 2Waza u‐Yesu wabiza umntwana, wammisa pakati kwabo, 3watsho ukuti: Ngokwenene nditi kuni: Xeshekweni ningaguqulwanga naba njengabo abantwana, anisayi kuza ningene ebukumkanini bezulu. 4Ngako osukuba ezitoba njengomntwana lo, nguye lowo omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu. 5Kanjalo osukuba esamkela umntwana onje emnye egameni lam, uyamkela mna: 6kodwa osukuba exakanisa omnye waba bancinane abakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lapezulu lokusila lixo̔nyelwe entanyeni yake, aze antywiliswe enzulwini yolwandle.
7Kwoba nzima elizweni ngetuba lezixakaniso! ngokuba kufanele ziya kuza izixakaniso; kodwa kwoba nzima kulowamntu isixakaniso siza ngaye! 8Ukuba ngoko isandla sako umhlaumbi unyawo lwako luyakuxakanisa, zinqumle, uzilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, umhlaumbi usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umhlaumbi unenyawo mbini, uposwe emlilweni ongunapakade. 9Kanjalo ukuba iliso lako liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo.
10Lumkani ukuba ningadeli namnye waba bancinane; ngokuba ndisiti kuni, ingelosi zabo ezulwini zimana zibona ubuso bukabawo osezulwini. 11Ngokuba unyana wesintu weza ukusindisa okulahlekileyo. 12Niti nina ke? Ukuba umntu uba nekulu legusha, ize ilahleke enye kuzo; akati na azishiye ezimashumi alitoba enesitoba, ahambe aye ezintabeni, ayifune leyo ilahlekayo? 13Nokuba kuti ayifumane, ngokwenene nditi kuni, uyavuyela yona leyo, ngapezu kwokuba uyavuyela ezo zimashumi alitoba enesitoba zingalahlekanga. 14Kwa njalo asi yintando yake uyihlo wenu osezulwini, ukuba kubube omnye waba bancinane.
15Ukuba ke umzalwana wako uyona ngakuwe, yiya umohlwaye kube pakati kwako naye yedwa: ukuba uyakuva, uzuzile umzalwana wako. 16Kodwa ukuba akeva, tabata kunye nawe kanjalo abe mnye, umhlaumbi babe babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu. 17Ukuba ke uyala ukuva bona, xelela iṙemente: kodwa ukuba uyala ukuva neṙemente, makabe njengomheyideni nombuti weminikelo kuwe. 18Ngokwenene nditi kuni: Into enisukuba nizinxiba emhlabeni, ziya kunxitywa ezulwini; nento enisukuba nizikulula emhlabeni, ziya kukululwa ezulwini. 19Kanjako nditi kuni: Ukuba ababini kuni baya kuvumelana emhlabeni apa ngayo enye indawo basukuba becela yona, iya kwenzelwa bona ngubawo osezulwini. 20Ngokuba apo bahlanganisene kona ababini umhlaumbi abatatu egameni lam, ndiko kwa kona pakati kwabo.
21Wandula weza u‐Petrosi kuye, wati: Nkosi! woba futi kangakananina umzalwana wam esona ngakum, ndimxolele? kude kube ngamaxesha asixe̔nxe na? 22Wati u‐Yesu kuye: Anditi kuwe, kude kube ngamaxesha asixe̔nxe, nditi, kude kube sisixe̔nxe samaxesha angamashumi asixe̔nxe. 23Ngako oku ubukumkani bezulu bufanekiswa nokumkani otile, owafuna ukubuza izicaka zake. 24Kwati, akuqala ukubuza, kwaziswa kuye esinye esinetyala letalente ezilishumi lamawaka. 25Kekaloku singenanto yokuhlaula nje, yaxela inkosi yaso ukuba kutengiswe ngaso, nangomfazi waso, nangabantwana, nangento zonke sinazo, kuhlaulwe ke. 26Sandula isicaka eso sawa pantsi, sayibedesha, sisiti: Nkosi! kaubeke kade pezu kwam, ndandiya kuhlaula konke kuwe. 27Yaza inkosi yesicaka eso yabetwa lusizi, yasikulula, yasixolela lonke elotyala. 28Kodwa sakupuma isicaka eso safumanana nesinye sezizizicaka naso, ebesinetyala kuso ledenari ezilikulu linye, sasibamba sasiti ṙintyi ngomqala, sisiti: Hlaula ityala lako kum. 29Sandula eso sibe sisisicaka naso sawa pantsi ngasezinyaweni zaso, sasibongoza, sisiti: Kaubeke kade pezu kwam, ndandiya kuhlaula konke kuwe. 30Asavuma ke; koko saya sasiposela entolongweni, side sihlaule elotyala. 31Zati kekaloku ezo zibe zizizicaka naso, zakubona oko kwenziweyo, zalusizi kakulu, zeza zatyela inkosi yazo konke oko kwenziweyo. 32Yandula inkosi yaso yasibiza, yati kuso: Sicaka esikohlakeleyo! Ndakuxolela lonke ityala elo, ngokokuba wabundibongoza: 33bekungafanele nawe na ukuba ube netaṙu kuso esisisicaka nawe, njengokuba nam bendinetaṙu kuwe? 34Yaza yaqumba inkosi yaso, yasinikela kubambeli, side sihlaule lonke ityala laso kuyo. 35Kwa nje ke nobawo wasezulwini uya kwenje njalo kuni, ukuba abazalwana benu anibaxoleli nonke ngabanye ngentliziyo zenu iziposo zabo.