1BANDULA beza ku‐Yesu ababa̔li nabafarisi base‐Yerusaleme, besiti: 2Kunganina ukuba abadisipile bako bagqite isinikelo sabadala? ngokuba bengahlambi izandla zabo, okuya basitya isonka. 3Koko wapendula wati kubo: Nani kunganina ukuba nigqite umyalelo katixo ngenxa yesinikelwa senu? 4Ngokuba utixo eyalele, esiti: Beka uyihlo nonyoko; esiti kanjalo: Otukayo uyise, umhlaumbi unina, makafe ngokufa. 5Kanti nina niti: Osukuba esitsho kuyise, umhlaumbi kunina, ukuti: Ngumnikelo, into esukuba iyiyo ubungaba ngayo uncedwa ndim; akayi kwandula abeke uyise, umhlaumbi unina. 6Kwa njalo ke niwutshitshisile umyalelo katixo ngenxa yesinikelwa senu. 7Zihanahanisindini! ulungisile ukuprofitesha ngani u‐Yisaya, esiti: 8Ababantu bayasondela kum ngomlomo wabo, bandidumise ngenteto zabo, kanti intliziyo yabo iyakwelela kude kum: 9kodwa bafumana bendibedesha, befundisa ngezifundiso eziziziyalelo zabantu.
10Waza wabiza isihlwele, wati kubo: Yivani niqonde ke: 11oko kungena emlonyeni akunco̔lisi umntu; oko kupuma emlonyeni, kuko oku okunco̔lisayo umntu.
12Bandula beza abadisipile bake bati kuye: Uyazi na ukuba abafarisi badubuleka, bakuva elozwi? 13Koko wapendula wati: Zonke izityalo, ezingatyalwanga ngubawo wasezulwini, ziya kudonyulwa. 14Bayekeni; ngabakokeli bemfama abakwa zimfama: kekaloku imfama ukuba iyakokela imfama, ziya kweyela emnxu̔nyeni zombini.
15Waza wapendula u‐Petrosi wati kuye: Sityilele lomzekeliso. 16Wayesiti u‐Yesu: Kwa ngoku nisengabo abangenakuqonda nani na? 17Anikaqondi na, ukuba konke okungenayo emlonyeni kuyadlulela esiswini, kulahlelwe endaweni yasese? 18Kanti izinto ezipumayo emlonyeni zivela entliziyweni, ziti ezo ke zinco̔lise umntu. 19Ngokuba kuvela entliziyweni izicamango ezikohlakeleyo, izibulalo, iziṙexezo, imibulo, izibo̔, ukunqi̔na okubuxoki, izigxeko: 20zizo ezi izinto ezinco̔lisa umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga, akunco̔lisi umntu oku.
21Waza u‐Yesu wapuma apo, wemkela kwizahlulo zase‐Tire ne‐Tsidone. 22Kekaloku bona ke, um‐Kananekazi wavela kuleyomida wadandulukela kuye, esiti: Yiba netaṙu kum, Nkosi, nyana ka‐Davide! intombi yam ingenelwe yidemoni kakubi. 23Kodwa akampendula nalinye ilizwi. Bada beza abadisipile bake bamtandaza, besiti: Mndulule; ngokuba ekala emva kwetu. 24Koko wapendula wati: Nditunyelwe ezigusheni ezilahlekileyo zendlu ka‐Sirayeli kupela. 25Waselesiza wambedesha, esiti: Nkosi, ndisize! 26Koko wapendula wati: Akufanelekile ukuba kutatyatwe isonka sabantwana, siposwe ezinjeni. 27Wayesiti: Ewe, Nkosi! ngokuba nezinja zisitya kwimvutuluka eziwayo etafileni yabanini bazo. 28Wandula wapendula u‐Yesu wati kuye: Hai, mfazi! lukulu ukolo lwako; makube njalo kuwe njengokutanda kwako. Yaza intombi yake yapiliswa kwa ngeloxeshana.
29Kekaloku wesuka apo u‐Yesu weza ngaselwandle lwase‐Galili, wenyukela entabeni, wahlala pantsi kona. 30Zati izihlwele ezininzi zeza kuye, zizisa nazo iziqwala, imfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zabawisa pantsi ngasezinyaweni zika‐Yesu; waza wabapilisa; 31zada zati nqa izihlwele, zakubona izidenge ziteta, izilima zipilile, iziqwala zihamba, nemfama zibona; zaza zamdumisa utixo wo‐Sirayeli.
32Wandula u‐Yesu wabiza abadisipile bake, wati: Ndibetwa lusizi pezu kwesihlwele, ukuba kuse kuntsuku ntatu behlala nam, bengenanto yokutya; kanjalo anditandi ukubandulula bengatyanga, hleze bacubuke endleleni. 33Baza abadisipile bake bati kuye: Sozuza pina entlango izonka ezininzi kangaka, ukuba sihlutiswe isihlwele esingakanana? 34Wayesiti kubo u‐Yesu: Zingapina izonka eninazo? Bati ke: Zisixe̔nxe, nento encinane yentlanzana. 35Waza wayalela izihlwele ukuba zihlale pantsi emhlabeni. 36Waza watabata izonka zozixe̔nxe nentlanzi, wabulela, waqezula, wanikela kubadisipile bake, nabadisipile banikela kwisihlwele. 37Batya ke bonke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, ingobozi zazisixe̔nxe zizele. 38Kekaloku abo babesitya bebengamawaka mane amadoda, ngapandle kwabafazi nabantwana.
39Wati akuba ezindulule izihlwele, wangena enqanaweni, weza emideni yase‐Magadala.