1HAI ukuhlala sodwa kwaso isixeko esibe sizele ngabantu! siba njengomhlolokazi eso esibe sikulu pakati kwezizwe! eso esibe siyinkosikazi pakati kwamazwe siba sesinikelayo! 2Siyalila ngento enzima ebusuku, nenyembezi zaso zipezu kwezidlele zaso: akuko namnye ositutuzelayo pakati kwabo bonke abatandi baso; zonke izihlobo zaso zisipete ngenkohliso, ziba zintshaba kuso. 3I‐Juda yemkile ngokutinjwa ngenxa yembandezelo, nangenxa yobuninzi benkonzo: iyahlala pakati kwabaheyideni; ayizuzi ukupumla; bonke abasukeli bayo bayifumana pakati kwazo ingxingwa. 4Indlela zase‐Ziyone ziyalila, ngenxa yokuba kungeziwa emitendelekweni; onke amasango ayo acitakele; abaperisite bayo bayagula; intombi zayo zilusizi, inobuṙaṙa nayo ke. 5Abo bayimpi kuyo banobukulu, intshaba zayo zisekwonwabeni; ngokuba uyehova eyenze lusizi ngenxa yobuninzi bezigqito zayo: abantwana bayo bemkile ngokutinjwa pambi kwotshaba. 6Imkile kwintombi yase‐Ziyone yonke inkazimlo yayo: inkosana zayo ziba njengamaxama angafumaniyo idlelo, ahamba engenamandla pambi kwomzingeli. 7Yakumbula i‐Yerusaleme, emihleni yokubandezelwa kwayo nokutshutshiswa kwayo, zonke izinto zayo ezinqwenelekileyo ezibe ziko kwa semihleni yakudala; nxa abantu bayo bawa esandleni sotshaba, kungeko oyincedayo; intshaba zayibona, zahleka utshabalalo lwayo. 8I‐Yerusaleme yonile kakulu; kukona iyinto enco̔lileyo: bonke abebeyibeka bayayidela, ngokuba bebone ubuzé bayo: ewe, yona iyagula, iyabuya ngomva. 9Ukunco̔la kwayo kusemasondweni engubo yayo; ayikumbulelanga ukupela kwayo; ngako yabisihla ngento engummangaliso; ibingenaye umtutuzeli. Kangela, Yehova! imbandezelwa yam; ngokuba utshaba luzenze lukulu. 10Isandla salo lusitwabulule utshaba pezu kwazo zonke izinto zayo ezinqwenelekileyo: ngenyaniso ibonile abaheyideni ukuba bangenile endaweni yayo eyingcwele, obuyalela ngabo ukuba mabangangeni entlanganisweni yako. 11Bayagula bonke abantu bayo, bayafuna isonka; izinto zabo ezinqwenelekileyo bazananile ngokudla, ukuba kubuyiswe umpefumlo: bona, Yehova! ukangele; ngokuba ndiba ngodelekileyo. 12Asi nto na kuni, nonke nina badlulayo ngendlela? kangelani, nibone ukuba kuko ubuhlungu na njengobam ubuhlungu, obo bundenzelweyo mna, obo uyehova wandibulala ngabo ngomhla wobushushu bengqumbo yake. 13Utumile ematanjeni am umlilo uvela pezulu; uwoyisile kanjalo: utambo ulwanekele inyawo zam; undibuyisele emva; undenzile ocitakeleyo, ocubukayo imini yonke. 14Iyokwe yezigqito zam ibotshelelwe ngesandla sake; zijijene; zinyukile entanyeni yam: uwisile amandla am; inkosi indinikele ezandleni zabo ndikohlwa ukusuka kubo. 15Onke amaṙoti am iwalahlile inkosi pakati kwam; ibizile ngakum intlanganiso, ukwapula amadodana am; isincinezelo seveyine isixovulile inkosi, esentombi ipela ka‐Juda. 16Ngenxa yezizinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam liyahlisa amanzi, ngokuba umtutuzeli ekude kum, umbuyisi wompefumlo wam: abantwana bam bacitakele, ngokuba utshaba lweyisile. 17I‐Ziyone iyatwabulula izandla zayo; akuko umtutuzeli kuyo: uyehova ubayalele ngo‐Yakobi abo bamngqongayo, abo bayimpi kuye: i‐Yerusaleme iyinto enco̔lileyo pakati kwabo. 18Uyehova ulungile yena; ngokuba ndivukele ngakuwo umteto wake: kenive, nonke nina bantu! nibone ubuhlungu bam: zimkile ngokutinjwa intombi zipela zam, namadodana am. 19Ndabiza abatandi bam, kuloko bona bendikohlisile: abaperisite bam nabadala bam baqauka esixekweni, nxa babezifunela ukudla, ukuba babuyise imipefumlo yabo. 20Kangela. Yehova! ngokuba ndixinezekile; amatumbu am axapazele; intliziyo yam ipetukile pakati kwam; ngokuba ndivukele kakulu: ngapandle ndihlutiwe abantwana liṙele; pakati endlwini kunjengokufa. 21Bavile ukuba kugulwa ndim, kungeko umtutuzeli kum; bonke abazintshaba zam bavile ilishwa lam; bayagcoba ukuba wenje njalo: uya kuzisa umhla uwuxeleyo, bandule babe njengam. 22Maize yonke inkohlakalo yabo ebusweni bako; uze wenzele bona, njengokuba ubusenzela nam ngenxa yazo zonke izigqito zam: ngokuba izigulo zam zininzi, nentliziyo yam icubukile.