1WANDULA wahlanganisa u‐Yoshuwa zonke izizwe zo‐Sirayeli, e‐Shekeme, wabiza abadala bo‐Sirayeli, nentloko zabo, nabagwebi babo, namagosa abo; baye bezimisa ebusweni bukatixo.
2Waza u‐Yoshuwa wati kubo bonke abantu: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Oyihlo benu babehleli pesheya kwomlambo kudala, u‐Tera, uyise ka‐Abrahame, noyise ka‐Nahore; baye bekonza otixo bambi. 3Ndaza ndamtabata uyihlo wenu u‐Abrahame pesheya kwomlambo, ndamhambisa kulo lonke ilizwe le‐Kanane, ndayandisa inzalo yake, ndamnika u‐Yisake. 4No‐Yisake ndamnika u‐Yakobi no‐Esau: ndaza ndamnika u‐Esau intaba ye‐Sehire, ukuba ayifuye; kodwa u‐Yakobi nosapo lwake behla baya e‐Jipete. 5Ndaza ndatuma u‐Mosesi no‐Arone, ndabeta ama‐Jipete, njengoko bendikwenza pakati kwawo: ndati kamva ndanipumisa kona. 6Ndapumisa oyihlo benu e‐Jipete, naza nafika elwandle; ati ama‐Jipete aputuma oyihlo benu ngenqwelo nangabakweli bamahashe, kude kwaselwandle olubomvu. 7Bati bakukala kuyehova, wabeka ubumnyama pakati kwenu nama‐Jipete, wazisa ulwandle pezu kwawo, wawaselela; kanjalo amehlo enu abonile oko bendikwenza e‐Jipete: nandula nahlala entlango imihla yamininzi. 8Ndaza ndanizisa elizweni laba‐Amori, abebehleli pesheya kwe‐Yoredane; basuka balwa nani; kanti ndabanikela esandleni senu, ukuze nilifuye ilizwe labo; ndada ndabatshabalalisa pambi kwenu. 9Wandula wesuka u‐Balaki, unyana ka‐Tsipore, ukumkani wama‐Mowabi, walwa no‐Sirayeli, watuma wabiza u‐Bilame, unyana ka‐Behori, aze aniqalekise. 10Kodwa bendingavumi ukupulapula ku‐Bilame; ngako wazingisa ukunitamsanqelisa, ndada ndanihlangula esandleni sake. 11Nandula nawela i‐Yoredane, neza kufika e‐Jeriko; basuka abemi base‐Jeriko balwa nani, naba‐Amori, nama‐Perizi, naba‐Kanane, nama‐Hete, nama‐Giregashe, nama‐Hivi, nama‐Yebusi; kanti ndabanikela esandleni senu. 12Ndaza ndatuma onomeva pambi kwenu, ababagxotayo ebusweni benu, nokumkani bobabini baba‐Amori; kwakungengesiṙele sako, kwakungengesipeta sako kanjako. 13Kwa njalo ke ndinipile ilizwe eningazidiniselanga lona, nezixeko eningazakanga, enihleli kuzo: izitiya zemiti yeveyine nezeminquma eningazityalanga niyatya okwazo.
14Ngako kaloku yoyikani uyehova, nimkonze yena ngolungelelano nangenyaniso: kanjalo kwelelisani otixo ababekonza bona oyihlo benu pesheya kwomlambo, nase‐Jipete; nize nimkonze uyehova. 15Kodwa ukuba kubi emehlweni enu ukumkonza uyehova, ziqasheleni namhla oyena niya kumkonza; nokuba ngotixo ababekonza bona oyihlo benu, ababepesheya kwomlambo, nokuba ngotixo baba‐Amori, enimiyo elizweni labo: mna kodwa, nendlu yam, siya kumkonza uyehova.
16Baza bapendula abantu, bati: Makube lé kuti okokuba simshiye uyehova, ukuya kukonza otixo bambi: 17ngokuba uyehova ngutixo wetu; nguye obesinyusa tina nobawo betu elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka, nowenzayo emehlweni etu leyo imiqondiso mikulu, wasilondoloza kuyo yonke indlela sibe sihamba ngayo, napakati kwabo bonke abantu sacanda kubo: 18waye uyehova kanjalo wabagxota bonke abantu abo, kwa aba‐Amori, abemi belozwe, pambi kwetu: tina nati siya kumkonza uyehova; ngokuba nguye o ngutixo wetu.
19Waza u‐Yoshuwa wati ebantwini: Aningemkonze uyehova; ngokuba e ngutixo oyingcwele yena; u ngutixo onobukwele; akayi kuxolela ukugqita kwenu nezono zenu. 20Nxa nimshiya uyehova, niye nibakonze otixo basemzini, uya kwandula aguquke, anenzele okubi, anigqibele, emveni kwokuba unenzele okulungileyo.
21Baza abantu bati ku‐Yoshuwa: Hai; sesiya kumkonza uyehova.
22Wandula ukuti u‐Yoshuwa ebantwini: Nina ningamanqi̔na ngakuni okuba niziqashele uyehova, ukuze nimkonze.
Bati ke: Singamanqi̔na.
23Ngako kaloku kwelelisani otixo basemzini abapakati kwenu, nitobele intliziyo yenu ngakuyehova, utixo wo‐Sirayeli.
24Baye abantu besiti ku‐Yoshuwa: Uyehova, utixo wetu, siya kumkonza, nelizwi lake siya kuliva.
25Wandula u‐Yoshuwa wenza ucebano nabantu kwa ngalomini, wabamisela ummiso nesiko e‐Shekeme. 26Waza u‐Yoshuwa wawaba̔la lamazwi encwadini yomteto katixo, watabata ilitye elikulu, walipakamisela kona ngapantsi kweyeke, esendaweni engcwele kayehova. 27Wabuya wati u‐Yoshuwa kubo bonke abantu: Bona ke, ilitye eli loba linqi̔na ngakuti; ngokuba livile onke amazwi kayehova abewateta kuti: loba linqi̔na ngakuni ngoko, hleze nimkanyele utixo wenu. 28Wada u‐Yoshuwa wabandulula abantu, baye abanye ngabanye emafeni abo.
29KWAYE kute emveni kwezizinto, wafa u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, isicaka sikayehova, eyiminyaka elikulu lineshumi ubudala bake. 30Baza bamncw̔abela emdeni welifa lake e‐Timnate‐sera, esentabeni yakwa‐Frayime, ngecala lasenode lentaba ye‐Gahashe.
31Kekaloku o‐Sirayeli babekonza uyehova yonke imihla ka‐Yoshuwa, nayo yonke imihla yabadala ababesidla ubomi kade emva kwo‐Yoshuwa, nababesazi wonke umsebenzi kayehova, abewenzele o‐Sirayeli.
32Kanjalo amatambo ka‐Josefe, olwalute usapo luka‐Sirayeli lwenyuka nawo e‐Jipete, bawancw̔abela e‐Shekeme, esiqendwini sentsimi, owabesitengile u‐Yakobi elusatsheni luka‐Hamore, uyise ka‐Shekeme, ngekulu lamaqosha emali: zandula ezondawo zaba lilifa losapo luka‐Josefe.
33Wafa no‐Elezari, unyana ka‐Arone; baza bamncw̔aba pezu kwenduli ka‐Finehasi, unyana wake, ebinikiwe kuye entabeni yakwa‐Frayime.