ISAHLUKO I.
1KWAYE kute emveni kwokufa kuka‐Mosesi, isicaka sikayehova, wandula wateta uyehova ku‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, umkonzi ka‐Mosesi, esiti: 2u‐Mosesi isicaka sam ufile; uze usuke kaloku, uwele i‐Yoredane le, wena, nababantu bonke, ukuya elizweni endilinika kubo, kulo usapo luka‐Sirayeli. 3Zonke indawo uya kunyatela pezu kwazo umzantsi wonyawo lwenu, sendinipile zona, njengokuba ndabendisitsho ku‐Mosesi. 4Kwa sentlango nale‐Lebanone, nakude kube semlanjeni omkulu, emlanjeni ongum‐Ferate, lonke ilizwe lama‐Hete, nakude kube selwandle olukulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu. 5Akuko mntu oya kuba nokuma pambi kwako yonke imihla yokudla kwako ubomi: njengokuba bendiko no‐Mosesi, ndiya kubako kwa nawe; andiyi kukuyeka, andiyi kukushiya kanjalo. 6Yomelela ukalipe: ngokuba wena uya kubamkelisa ababantu ilifa lelizwe, elo ndafunga ngalo koyise babo ukuba ndiya kubapa lona. 7Kodwa yomelela ukalipe kakulu, ukuba ulumkele ukwenza njengawo wonke umteto ubuyalelwa ngawo ngu‐Mosesi, isicaka sam: ungapambuki kuwo nangasekunene nangasekohlo, ukuze ulungiseke apo usukuba usiya kona. 8Incwadi yalomteto ayiyi kumka emlonyeni wako; kodwa uya kucinga yona emini nasebusuku, ukuze ulumkele ukwenza njengako konke okuba̔liweyo kuyo: ngokuba oko uya kutamsanqelekisa indlela yako, naloko uya kulungiseka. 9Andikuyalelanga na? Yomelela ukalipe; ungankwantyi, ungatuswa nokutuswa: ngokuba uyehova, utixo wako, enawe, apo usukuba usiya kona.
10Waza u‐Yoshuwa wawayalela amagosa abantu, ngokuti: 11Candani pakati kwomnquba, nibayalele abantu, ngokuti: Zilungiseleni umpako; ngokuba pakati kwemihla isemitatu niya kuwela i‐Yoredane le, ukuya kufuya elozwe enilipiwayo nguyehova, utixo wenu, ukuba nilifuye.
12Nakuma‐Rubene, nakuma‐Gadi, nakuso isiqingata sesizwe sama‐Manase, watsho u‐Yoshuwa ukuti: 13Kumbulani elozwi u‐Mosesi, isicaka sikayehova, wabeniyalela ngalo, esiti: Uyehova, utixo wenu, unipumzile, unipile ilizwe eli. 14Abafazi benu, intsapo zenu, nenkomo zenu, ziya kuhlala ezweni abelinika kuni u‐Mosesi nganeno kwe‐Yoredane; kodwa nina niya kuwela nixo̔bile pambi kwabazalwana benu, onke amagoṙa abuṙoti, nibancede bona; 15ade uyehova abapumze abazalwana benu, njengokuba enipumzile nina, baze nabo balifuye elozwe uyehova, utixo wenu, ubapile lona; nandule nibuyele ezweni lemfuyo yenu, nilifuye, elo u‐Mosesi, isicaka sikayehova, ulinikile kuni nganeno kwe‐Yoredane ngasekupumeni kwelanga.
16Baza bampendula u‐Yoshuwa, besiti: Konke usiyaleleyo ngako, siya kukwenza, nalapo usukuba usitumela kona, siya kuya. 17Njengako konke sibe sipulapula ku‐Mosesi ngako, siya kupulapula njalo nakuwe: kodwa uyehova, utixo wako, wanga angako nawe, njengokuba ebeko no‐Mosesi! 18Umntu osukuba evukela ngakumlomo wako, ongayi kupulapula amazwi ako kuko konke umyalela ngako, makafiswe: kodwa yomelela ukalipe.