U‐Jona 3
1ILIZWI likayehova leza ku‐Jona ngokwesibini, lisiti: 2Suka, uye e‐Nineve, esosixeko sikulu, ushumayele kuso isishumayelo endisityelayo kuwe. 3Wesuka ke u‐Jona, waya e‐Nineve, njengelizwi likayehova.
Kekaloku i‐Nineve ibisisixeko esikulu pambi kwotixo, esehambo yemihla mitatu. 4Waza u‐Jona waqala ukungena esixekweni, ihambo yamini nye; wayeshumayela, wati: Kuseko imihla imashumi mane, kuya kwand’ ukuci̔twa i‐Nineve.
5Baza abantu base‐Nineve bakolwa ngutixo, bashumayela inzilo, bambata intlakantlaka, kwa kubo abakulu kwada kwakubo abancinane. 6Ngokuba ilizwi elo lafikela kukumkani we‐Nineve, owesuka eteroneni yake, wasusa umnweba wake, wazigubungela ngentlakantlaka, wahlala pantsi elututwini. 7Kwaza kwadandulukwa kwaxelwa e‐Nineve, ngomteto wokumkani nabakulu bake, ukuti: Makungeva nto abantu nenkomo, inkabi negusha; mabangatyi ukutya, mabangaseli amanzi: 8mabati abantu nenkomo bagujungelwe ngentlakantlaka, babize kutixo ngamandla; kanjalo mabaguquke bonke ngabanye kuyo indlela yabo ekohlakeleyo, nakubo ubudlwengu obusezandleni zabo. 9Ngubanina owaziyo? angaguquka utixo abe nosizi, aguquke ebushushwini bengqumbo yake, size singabubi.
10Kekaloku utixo wabona izenzo zabo, zokuba baguquka kuyo indlela yabo ekohlakeleyo; waza utixo waba nosizi pezu kwobubi owabete uya kubenza kubo, akabenza ke.
Bible Society of South Africa 1902