U‐Jobi 6
1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Ayaba inkatazo yam yalinganiswa ipela, nelishwa lam lafunqulelwa ezintweni zokulinganisela kwa kunye! 3Ngokuba kaloku inge inzima pezu kwentlabati yolwandle: ngako oko amazwi am atetiwe ngokunxama. 4Ngokuba intolo zosomandla zipakati kwam, ezibuhlungu bazo bufincayo umoya wam; izoyikiso zikatixo ziyazicwangcisa ngakum. 5Iqwaṙa liyakonya na eluhlazeni? Inkabi iyalila na pezu kwokutya kwayo? 6Kuyadleka na okungenasongo ingeko ityuwa? kuko ukuvakala na ebumhlotsheni beqanda? 7Ezizinto umpefumlo wam walile ukuzipata; zinjengokutya kwam okutyeketyeke.
8Sanga singeza isicelo sam, ati utixo anike isilangazelelo sam: 9ukuba avume utixo ukundityumza, asombulule isandla sake, anditi nqam! 10Oko bekusaya kubako isonwabiso sam; ngendivuyelela ebuhlungwini, nakuba abengenanceba: ngokuba ndingasitelisanga amazwi oyingcwele. 11Ayinto nina amandla am, ukuba ndibe netemba? siyinto nina nesipelo sam, ukuba ndolule ubomi bam? 12Amandla am angamandla amatye na? inyama yam iyixina na? 13Asi kukuba aluko na uncedo lwam pakati kwam, nokuba usizo lugxotiwe kum?
14Onosizi ubang’ ububele kumhlobo wake; kanti ukwoyikwa kwosomandla uyakushiya. 15Abazalwana bam benze ngenkohliso njengomlanjana; njengomsinga wemilanjana bayadlula; 16ebutukutuku ngetuba leliqwa, ekukuyo iyazifihla ingqweqwe: 17ngexesha lokutsha kwayo inqamkile; ekufudumaleni kwayo icimekile ezindaweni zayo. 18Bayapambuka abahambi bendlela yayo; bayanyukela ebugxwayibeni, babube ke. 19Abahambi bakwa‐Tema baqolosela; abaṙatyazi bakwa‐Sheba bayilangazelela. 20Badana, ngokuba bebetembile; beza kufika kona, bamatiswa ke. 21Ngokuba kaloku niba yinto engento; niyabona isituso, nize noyike. 22Kanene kendatsho na ukuti: Ndipeni? nokuti: Ndikupeleni amabaso ebutyebini benu? 23nokuti: Ndisindiseni esandleni sotshaba? nokuti: Ndikululeni esandleni sababandezeli?
24Ndifundiseni, ndandiya kuti cwaka; nento ndiposisile ngayo ndiqondiseni. 25Hai ukuba namandla kweziteto ezifanelekileyo! kodwa kungati nina ukwohlwaya, ukwohlwaya okuvela kuni? 26Niyacinga ukwohlwaya amazwi na, zinjengomoya nje iziteto zoncamileyo? 27Ewe, niyeyelisa inkedama, nimbele isihlobo senu isihogo. 28Kodwa kaloku vumani nibeke ngakum; ngokuba ebusweni benu ndingayi kuxoka. 29Buyani ke, makungabiko inkohlakalo; he, buyani kanjako, ubulungisa bam bukona. 30Kuko elulwimini lwam na inkohlakalo? ikuhlangubo lam alingeqiqe na ubumenemene?
Bible Society of South Africa 1902