1Uyalazi na ixesha lokuzala kwamagogo eliwa? uyagqala na akuza kuzala amaxamakazi? 2Uyabala na inyanga azifezayo? uyalazi na ixesha lokuzala kwawo? 3Ayazigoba, apumise amatole awo, apose inimba zawo. 4Ati amatole awo abonxe, akule ezindle; ayapuma ke, angabi sabuyela kuwo.
5Ngubanina olindululeyo iqwaṙa likululukile; nezinxibo zeqwaṙa ngubanina ozicumbululeyo; 6endenzayo intlango ibe likaya lalo, nendawo ezityuwa zibe zezokuhlala kwalo? 7Liyahleka isipitipiti sesixeko; izimemezo zomqu̔bi aliziva. 8Ukuhanjwa kwentaba kulidlelo lalo; nako konke okuluhlaza liyakufuna.
9Iya kuvuma inyati na ukuba ikonze kuwe, ilalise esibayeni sako? 10Ungayibopa inyati emseleni ngentambo yayo na? yoqwakanisa imihlambo emva kwako na? 11Uya kutemba yona na, ngokuba amandla ayo emakulu? wowushiyela kuyo umsebenzi wako na? 12Uya kukolwa yiyo na, ukuba yoyigodusa imbewu yako, iyibutele esibayeni sako sokubula?
13Ipiko lazo inciniba liyawambuzela ngovuyo: intsiba noboya zezeṙaside na? 14Ngokuba incinibakazi ishiyela amaqanda ayo emhlabeni, iwafudumalise elutulini; 15ilibala nje ukuba angancinezelwa lunyawo, nokuba anganyatelwa sisilo sasendle. 16Iyazenza lukuni ngakuwo amatole ayo, njengokungati akangawayo; ufumana uko umzamo wayo, ingenakwoyika nje. 17Ngokuba utixo eyilibalisile ubulumko, engayabelanga ingqondo kanjalo. 18Ngexesha izibetayo ngapezulu, iyahleka ihashe nokweleyo kulo.
19Uyalinika ihashe ubuṙoti na? uyavatisa intamo yalo ngodudumo na? 20Uyalitsibisa njengenkumbi na? Ubungangamsha bokutimla kwalo buyinto eyoyikekayo. 21Liyabeta ngempupu emhlanjeni, liyavuyelela ngamandla; liyapuma ukuya kukaulela izikali. 22Liyahleka ukwoyika, alinakutuswa; alibuyi napambi kweṙele. 23Umpongolo uyalikencezela, intshuntshe ebengezelayo, nomkonto. 24Ngobabamo nangobuṙalaṙume liyaginya umhlaba; alikolwa kukuba yintlokoma yexilongo. 25Nxa sukuba ixilongo lililiswayo, liti: He ke! liyasezela ukulwa kwa kude, ududumo lwenkosi, nokumemeza.
26Kungobulumko bako na apapazela untloyiya, atwabulula amapiko ake ngasesuyide? 27Kungelizwi lako na ixalanga libalekayo pezulu, liyenze pezulu indlu yalo? 28Liyahlala eweni, lilalisa kona; pezu kwetsolo leliwa, nendawo eyinqaba. 29Kwa lapo liyahlolela ukudla; amehlo alo ayakangela kude. 30Amatole alo ayafunxa igazi; nalapo bakoyo abahlatyiweyo, likwa kona lona.