1WABUYA wapendula u‐Elihu, wati:
2Pulapulani, nina zilumko! amazwi am; nani zazi! ndinikeleni indlebe. 3Ngokuba indlebe ilinga amazwi, njengokuba ikuhlangubo lisiva ukutya. 4Masizinyulele tina okufaneleyo; masazi pakati kwetu into elungileyo. 5Ngokuba ebesiti u‐Jobi: Ndilungile; utixo ususile ibango lam. 6Ndiya kuxoka ngakulo ibango lam na? inxeba lam lelingenakupoliswa, kungeko isigqito. 7Yiyipina indoda enjengaye u‐Jobi, osela ugxeko njengamanzi, 8ohambayo ngokukolana nabasebenzi benkohlakalo, nangokupeleka abantu bobumenemene? 9Ngokuba ebesiti: Umntu akancedwa, nxa avumelana notixo.
10Ngako oko, madoda okuqonda! pulapulani kum: Makube lé ubumenemene kutixo, nobono kusomandla! 11Ngokuba umsebenzi wabantu eya kuwubuyekezela kubo, enze ukuba bonke ngabanye bafumane njengokwemikwa yabo. 12Ewe, ngenyaniso, utixo akayi kwenza ngobumenemene, nosomandla akayi kutyekisa okufaneleyo. 13Ngubanina owampatisayo umhlaba? ngubanina omisileyo okumiwayo kona konke? 14Ukuba ebeya kumbekela intliziyo yake, afinyelisele kuye umoya wake nompefumlo wake; 15ngeluqauka uluntu lwonke kwa kunye, bati abantu babuyele elutulini, 16ngako ukuba kuko ukuqonda, kupulapule oku; nika indlebe elizwini lamazwi am.
17Kanene lowo otiya okufaneleyo angapata ubukosi na? nolungileyo, omkulu, uya kumgweba na? 18Kwotiwa kukumkani na: Ulinginingini? nakwinkosi na: Ningamamenemene? 19kancinane kangakananina ngakumbi kulowo ungabukiyo ubuso benkosi, nongaziyo isityebi ngapezu kwehlwempu? ngokuba bengumsebenzi wezandla zake bona bonke. 20Ekupanyazeni kweliso bayafa; kwa pakati kwobusuku abantu bayatutumela, badlule ke; kuyasuswa nonamandla, kungengesandla. 21Ngokuba amehlo ake epezu kwendlela zomntu; nawo onke amanyatela ake uyawabona. 22Akuko bumnyama, akuko nasitunzi sokufa, apo bangazimela kona abasebenzi benkohlakalo. 23Ngokuba engabuyi abeke inkumbulo pezu kwomntu, ukuze aye kutixo ekugwebeni. 24Uyabapula abakulu kungeko sifuniselo, nabanye uyabamisa esikundleni sabo. 25Ngako oko uyayazi imisebenzi yabo; uyabapenula ebusuku, batyunyuzwe ke. 26Ekubeni bengabakohlakeleyo uyababeta, endaweni yababoneli: 27ngenxa yokuba bapambuka ekumlandeleni, nokuba abanakana nanye yendlela zake; 28ukuze bakwenze ukukala kwehlwempu kuze kuye, nokukala kwababandezelweyo akuve. 29Akupumza yena, ngubanina ongapitizelisayo? akufihlela ubuso, ngubanina ongamkangelayo? nokuba sisizwe, nokuba ngumntu, kuyafana: 30kuze kungapati ubukosi umntu ongumginwa, kungabiko imigibe yabantu.
31Okunene ngekutshiwo kutixo ukuti: Senditwele ukwohlwaywa, andiyi kubuya ndenze ngokwonakeleyo: 32okungapandle kwokubona kwam ndifundise kona wena; ukuba ndenzile ngobumenemene, andiyi kupinda ukwenje njalo. 33Kunjengokuti kwako na aya kupindezela, ukuba uyala, — ukuba uya kunyula wena, ndinganyuli mna? ngako into uyaziyo yitete ke.
34Abantu bokuqonda baya kuti kum, nendoda enobulumko epulapula kum: 35u‐Jobi uyateta ngokungenakwazi; namazwi ake akanabuciko. 36Ndinga angalingwa u‐Jobi kude kube sekupeleni, ngenxa yempendulo zake ngesiko labantu abakohlakeleyo. 37Ngokuba esongeza esonweni sake imvukelo; uyenza intlombe pakati kwetu; uyandisa amazwi ake ngakuye utixo kanjalo.