U‐Jobi 17
1Umoya wam wonakele, imihla yam inqamkile, amancw̔aba andihlalele. 2Asi ngabahleki abanam na? nasekucapukiseni kwabo alihlali iliso lam na? 3Kaubeke pantsi ke, ube ngumbambiseli wam pambi kwako; ngubanina lowo oya kubambana nam izandla? 4Ngokuba intliziyo yabo uyifihlile engqondweni; ngako oko akuyi kubapakamisa. 5Okilayo izihlobo zipangwe, kwa namehlo abantwana bake aya kupela. 6Kanti undimisile ndibe lilizwi lokuhlekisa pakati kwabantu; ndide ndaba ngotshicelwa ebusweni. 7Liluzizi iliso lam ngenxa yenkatazo, namalungu am anjengesitunzi wona onke. 8Boti nqa abalungisayo pezu kwoku; nongenatyala uya kuvuka ngakuye umginwa. 9Woti olungileyo abambe indlela yake, nozandla zimhlope andise amandla. 10Kodwa nina nonke, manibuye nize ke: ngokuba ndingafumani pakati kwenu olumkileyo.
11Imihla yam idlulile, amaqinga am akumkile, — izazelelelo zentliziyo yam. 12Bayabeka ubusuku esikundleni semini; ukukanya kukufupi, kuvela ebumnyameni. 13Ukuba ndiya kutemba, incw̔aba liyindlu yam; ndandlele uku̔ko lwam ebumnyameni. 14Ndibizile ekuboleni ngokuti: Ungubawo wena; nasempetwini ngokuti: Unguma̔ nodade wam. 15Lipina pofu kaloku itemba lam? he, itemba lam liya kubonwa ngubanina? 16Liya kuhlela emivalweni yencw̔aba, nxa kupunyulwa kunye elutulini.
Bible Society of South Africa 1902