U‐Jobi 13
1Bona ke, oku konke likubonile iliso lam; ikuvile indlebe yam, yayiqonda. 2Into eniyaziyo nina, ndiyayazi nam; andiwi mna pantsi kwenu.
3Kodwa mna ndiya kuteta kusomandhla; ndinga ndingatetelela kutixo. 4Kanti ke nina ningabaqingi bobuxoki; ningabapolisi bokungento nina nonke. 5Akwaba nabenigqibela ukuti cwaka! ngekuba bubulumko benu oko.
6Kenive ke ukutetelela kwam, nipulapule ukupikisa kwomlomo wam. 7Niya kutetela utixo ngobumenemene na? nomtetela ngenkohliso na? 8Niya kubuka ubuso bake na? nompikela utixo na? 9Ngekulungile na ukuba anipengulule? niya kumhanahanisa na, njengokuba kuhanahaniswa umntu? 10Woqinisa ukunohlwaya, xeshekweni nibuka ubuso ngasese. 11Ubungangamsha bake abunitusi na, nesoyikeko sake asiniweli na? 12Izikumbuzo zenu ziyimizekeliso yotutu; indulana zenu zindulana zodaka. 13Yitini cwaka nindiyeke, ndandiya kuteta mna, nangona kuya kuhla pezu kwam okunjanina. 14Kunganina ukuba nditabate inyama yam ngamazinyo am, nobomi bam ndibubeke esandleni sam? 15Ukuba uya kundibulala, ndotembela kuye noko; kodwa indlela zam ndiya kuzitetelela pambi kwake. 16Kanjalo yena woba lusindiso lwam; ngokuba umginwa engezi ebusweni bake.
17Kutalani ukupulapula isiteto sam, nokuxela kwam ezindlebeni zenu. 18Bona ke, sendilungiselele ityala; ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa. 19Ngubanina lowo oya kupika nam? ukuba kaloku bendiya kuti cwaka, ngendiqauka umpefumlo. 20Kupela izinto ezimbini ungandenzeli zona: oko andiyi kuzimela ebusweni bako. 21Isandla sako sikwelelise kude kum; nesoyikeko sako masinganditusi. 22Wandule ukubiza wena, ndipendule mna; okanye nditete mna, undipendule wena.
23Zingapina izikohlakalo nezono endinazo? zundazise ukugqita kwam nokwona kwam. 24Kunganina ukuba undifihlela ubuso bako, nokuba undibala ngokuba lutshaba kuwe? 25Igqabi elipetshetwayo uya kulingcangcazelisa na? umququ owomileyo wowusukela na? 26Ngokuba uziba̔la ngakum into eziṙaṙa; nezikohlakalo zobutsha bam undenza ndilidle ilifa lazo. 27Uyazifaka inyawo zam amakamandela, nazo zonke indlela zam uyazihlola; pezu kwengcambo zenyawo zam uyasika impau. 28Yena lowo, njengento ebolileyo, uyalupala; njengengubo edliweyo linundu.
Bible Society of South Africa 1902