U‐Jobi 12
1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Asi nokuba ningabantu ke nina! ubulumko bofa nani kambe! 3Kodwa nam ndinokuqonda njengani; andiwi mna pantsi kwenu; he, ngubanina ongenazo izinto ezinjalo? 4Ndinguye osisihlekiso esihlotyeni sake, obizayo kutixo, oti ampendule: usisihlekiso lowo ulungisayo, ofezekileyo. 5Isibane, esinokudelwa ekuzindleni kwonwabileyo, siyalungiselwa abanyawo zityibilikayo.
6Intente zabafaci zinqabile; nabo bamqumbisayo utixo banokupumla; ati utixo azise kubo ngesandla sake.
7Kodwa kaubuze izilo, zokufundisa ke; kwa nentaka zezulu, zokutyela ke; 8yiti umhlaumbi utete kumhlaba, wauya kukwazisa; zoti nentlanzi zolwandle zikubalisele. 9Ngubanina ongakwazanga ngezi zonke, ukuba isandla sikayehova senzile oku; 10okusesandleni sake umpefumlo wako konke okupilileyo, nomoya walo uluntu lwonke?
11Indlebe ayilingi amazwi na, njengokuba ikuhlangubo lisiva ukutya? 12Kuwo amaxego kuko ubulumko, nasebudeni bemihla kuko ukuqonda. 13Kuko naye ubulumko namandla; unecebo nokuqonda. 14Bona ke, uyacita yena, kungabuyi kwakiwa; uyamvalela umntu, kungavulwa ke. 15Bona ke, uyabamba amanzi, atshe ke; uyabuya awandulule, asuke apenule umhlaba. 16Kuko naye ubomelelo nobucebo: ngabake olahlekayo nolahlekisayo. 17Uyawemkisa amapakati ehlubulukile, nabagwebi uyabamatisa. 18Umbambo wokumkani uyawutukulula, nezinqe zabo uyazinxiba ngombinqo. 19Uyemkisa abaperisite behlubulukile, nabasemandleni uyabeyelisa. 20Uyabahluta abanyanisekileyo umlomo, nengqiqo yabadala uyayisusa. 21Uyapalaza udelo pezu kwazo inkosi, noqwemesha lwabanamandla uyaluxengaxengisa. 22Uyatyila izinto ezinzulu ezirelisa ebumnyameni, asiti gqi emhlotsheni isitunzi sokufa. 23Uyakulisa izizwe, andule azibubise; uyazitwabulula izizwe, andule azifuduse. 24Uyabahluta abazintloko zelizwe intliziyo, abadungudelise ebugxwayibeni obungenandlela. 25Bayaputaputa ebumnyameni, kungeko ukukanya; uyabagexisa njengenxila.
Bible Society of South Africa 1902