U‐Jobi 10
1Umpefumlo wam udiniwe bubomi bam: ndozilahlela ekukalazeni kwam; ndoteta ebuṙaṙeni bompefumlo wam. 2Ndiya kuti kutixo: Ungandigwebi; zundazise ukuba upikela nina nam. 3Kulungile kuwe na ukuba ubandezele, ukuba udele isetyenzwa lezandla zako, nokuba pezu kwecebo labakohlakeleyo ukanyile? 4Unamehlo enyama na? uyabona njengokubona kwomntu na? 5Injengemihla yomntu imihla yako na; neminyaka yako injengemihla yendoda na; 6ukuba ufunisele inkohlakalo yam, ubuzele nesono sam; 7usazi nje ukuba andinatyala, nokuba akuko ongahlangulayo esandleni sako?
8Izandla zako zindidalile, zandenza, ngamacala onke kunye; noko uyanditshabalalisa. 9Zukumbule ke, ukuba undenzile njengodongwe; woza undibuyisele elutulini na? 10Akunditululanga na njengamasi, wandikama njengenqaka? 11Undivatisile intlonze nenyama, wandibiya ngamatambo nemisipa. 12Undenzele ubomi nobubele; ukunonelela kwako kulondolozile umoya wam. 13Kanti ezizinto uzibekele entliziyweni yako; ndiyazi ukuba oku bekukuwe.
14Ukuba ndiyona, seuya kundigqala, nakuyo inkohlakalo yam akuyi kundikulula. 15Ukuba ndinetyala, kwoba nzima kum! nokuba ndilungile, andingepakamise intloko yam: ndincanyisiwe lihlazo, nakukubona ubunzima bam. 16Nakuba ibizipakamisa, njengengonyama enomsindo ubuya kundizingela, uze ubuye wenze ngokumangalisa ngakum. 17Ubuya kutwasisa amanqi̔na ako pambi kwam, wandise ingqumbo yako ngakum: imikosi ibiya kuba ngakum ngokupanjaniselwana.
18Kunganina ngoko ukuba wandipumisa esizalweni? Bendingaba ndiqaukile umxe̔lo, kungabangako liso elindibonileyo; 19bendingaba ndinjengokungati ndibe ndingeko; bendingaba ndisusiwe esizalweni ndasiwa encw̔abeni. 20Ayiyinto encinane na imihla yam? yeka ke, ukwebuke kum, ukuze ndizomeleze kancinane, 21ndingekayi apo ndingayi kubuya kona, elizweni lobumnyama nelesitunzi sokufa, 22elizweni lobumnyama obukulu, njengesitokotoko, elesitunzi sokufa, kungeko iziguqulelano, elikukanya kunjengesitokotoko.
Bible Society of South Africa 1902