1EZIZINTO ndizitetile kuni, ukuze ningaxakaniswa. 2Baya kuniku̔pa ezintlanganisweni; ewe kuyeza ixeshana, lokuba lowo usukuba enibulala woba uyanikela isikonzo kutixo. 3Nezizinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga ubawo, bengandazanga nam. 4Koko ezizinto ndizitetile kuni, ukuze niti, okuya ixeshana lifikayo, nizikumbule ukuba ndanixelela zona: kodwa andinixelelanga ezizinto kwa sekuqaleni, ngokuba bendiko nani.
5Kodwa kaloku ndiyemka ukuya kulowo wanditumayo; kanti akuko namnye kuni obuza kum ukuti: Uya pina? 6Koko ngokuba ezizinto ndizitetile kuni, usizi luzalisile intliziyo yenu.
7Noko ndiyanixelela inyaniso: Kulungele nina ukuba ndimke: ngokuba, xeshekweni ndingemki mna, umonwabisi engayi kuza kuni; kodwa xeshekweni ndiyayo, ndiya kumtuma kuni. 8Waeya kuti akufika yena eyise ilizwe ngaso isono, nangabo ubulungisa, nangako ukugwetywa: 9ngaso isono ke, ngokuba bengakolwa kum; 10nangabo ubulungisa, ngokuba ndimka ukuya kubawo, nize ningabi sandibona; 11nangako ukugwetywa, ngokuba inkosi yelilizwe igwetyiwe.
12Ndisenazo izinto ezininzi zokuteta kuni, koko ningezinyamezele ngoku. 13Kodwa okuya afikayo yena, kwa umoya wenyaniso, uya kunikapela kuyo yonke inyaniso: ngokuba engayi kuteta ngokwake; koko konke asukuba ekuva, uya kuteta kona; nezinto ezizayo uya kuzishumayela kuni. 14Oyena uya kundenzela ubungcwalisa; ngokuba eya kwamkela kokwam, akushumayele kuni. 15Zonke ezonto anazo ubawo, zizezam: ngenxa yoku ndatsho ukuti, uya kwamkela kokwam, akushumayele kuni.
16Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; ngokuba ndimka ukuya kubawo.
17Bati ngoko inxenye kubadisipile bake omnye kwomnye: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; nokuti: Ngokuba ndimka ukuya kubawo? 18Babesiti ngoko: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane? asazi ukuba uteta nto nina.
19Wazi kekaloku u‐Yesu ukuba bebefuna ukumbuza, waza wati kubo: Niyabuzana ngako oku na, ukuba ndati: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona? 20Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niya kulila nikale nina, kodwa ilizwe liya kuvuya; naniya kuba lusizi, koko usizi lwenu luya kwenziwa lube luvuyo. 21Umfazi okuya azalayo unosizi, ngokuba lifikile ixeshana lake; kodwa okuya amzeleyo umntwana, akasabukumbuli ubunzima, ngenxa yovuyo lwake lwokuba umntu uzalelwe elizweni. 22Nani ke kambe ninosizi kaloku; kodwa ndiya kunibona kanjako, yaiya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akuko namnye onihluta lona. 23Ngalomini ke aniyi kundibuza nto. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Oko enisukuba nikucela kubawo egameni lam, uya kunipa kona. 24Kwada kwakaloku anicelanga nto egameni lam: celani, naniya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu lube luzalisekile. 25Ezizinto ndizitetile kuni ngemizekeliso; kodwa ixeshana liyeza, oko ndingayi kuba sateta kuni ngemizekeliso, koko ndiya kushumayela kuni kwa sekuhleni ngaye ubawo. 26Ngalomini niya kucela egameni lam: anditsho ke kuni ukuti, ndiya kunitandazela ubawo: 27ngokuba ubawo ngokwake enitanda, kuba nitandile mna, nakolwa ukuba ndapuma kutixo. 28Ndapuma kubawo, ndize elizweni ke; kanjako, ndiyalishiya ilizwe, ndiye kubawo.
29Bati kuye abadisipile bake: Kangela, kaloku uyateta kwa sekuhleni, ungasateti ngomzekeliso ke. 30Kaloku siyazi ukuba uyazazi zonke izinto, ungasweli ukuba ubuzwe mntu kanjalo; ngako oku siyakolwa ukuba wapuma kutixo.
31Wati u‐Yesu ukubapendula: Niyakolwa kaloku nje na? 32Bona ke, ixeshana liyeza, ewe lifikile ngoku, lokuba niya kuci̔twa, nisiya nonke ngabanye emakayeni enu, niti mna nindishiye ndedwa: andindedwa noko, ngokuba ubawo enam. 33Ezizinto ndizitetile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Elizweni niya kuba nobunzima; kodwa yomelelani; ndiloyisile ilizwe mna.