1Ngexesha elo, utsho uyehova, baya kuku̔pa amatambo okumkani bakwa‐Juda namatambo enkosana zake, namatambo abaperisite, namatambo abaprofite, namatambo abemi base‐Yerusaleme, emancw̔abeni abo; 2bawaneke pambi kwelanga, napambi kwenyanga, napambi kwawo wonke umkosi wezulu; ezonto babezitanda, nababezikonza, nababezilandela, nababezifuna, nababezibedesha: akayi kubutwa, akayi kuncw̔atywa nokuncw̔atywa: oba njengomgquba ebusweni bomhlaba. 3Kwakuya kuqashwa ukufa pezu kwobomi siso sonke isisalela sabo baseleyo kwesisizalwane sikohlakeleyo, kuzo zonke indawo zabaseleyo apo ndibagxotele kona, utsho uyehova wemikosi.
4KANJAKO uya kuti kubo: Utsho uyehova ukuti: Baya kuwa, bangesuki na? baya kupambuka, bangabuyi na? 5Kunganina ukuba ababantu base‐Yerusaleme bapambukile ngempambuko engenakupela? bayabambelela kuyo inkohliso, bayala ukubuya. 6Ndapulapula ndeva ke; abateta ngokulungileyo; akwabiko namnye onosizi pezu kwenkohlakalo yake, esiti: Ndenze nto nina? Bonke bajikele ezihambeni zabo, njengehashe ligaleleka ekulweni. 7Kwa iṙaside emazulwini iyazi amaxesha ayo amisiweyo; kanjalo izuba, nenkonjane, nendwe, ziyagcina ixesha lokufika kwazo; kodwa abantu bam abazi isigwebo sikayehova. 8Ningati nina ukuti: Silumkile tina, umteto kayehova unati? Bona ke, ngenyaniso ufumane wawenza, usiba lwababa̔li lufumane lwawuba̔la. 9Abalumkileyo badanile, bamatisiwe, babanjiwe; bona ke, ilizwi likayehova balilahlile; bubulumko banina abanabo?
10Ngako oko ndiya kunika abafazi babo kwabanye, namasimi abo kwabaya kuwafuya; ngokuba kwa kuye omncinane kude kube kuye omkulu, bonke bebawele inzuzo engalungileyo; kwa kuye umprofite kude kube kuye umperisite, bonke bayenza ngobuxoki. 11Ngokuba bepilisa isapuko sentombi yabantu bam ngendawo elula, besiti: Uxolo, uxolo; nxa kungeko luxolo. 12Bebedanile na, ngokokuba benzile into eyintshontsho? Abake badana nakanye, abakwazi nokuva intloni: ngako oko baya kuwa pakati kwabo abawayo: ngexesha lokwohlwaywa kwabo boku̔beka, utsho uyehova. 13Ndogqibela ukubabubisa, utsho uyehova; akuyi kubako idreyive pezu kwomti weveyine, namakiwane pezu kwomkiwane, kwa igqabi liya kubuna; nento ndibanikile zona ziya kumka kubo. 14Yinina ukuba sisahlala? Zihlanganiseni, siye singene ezixekweni ezinqatyisiweyo, siti tu kona; ngokuba uyehova, utixo wetu, esenzile siti tu, wasiseza amanzi enyongo; ngokuba sonile ngakuye uyehova. 15Sakangela uxolo, kodwa bekungeko okulungileyo; sakangela ixesha lempiliso, kodwa nasi isituso. 16Kwa se‐Dane bekuvakala ukutimla kwamahashe ake; ngentlokoma yokukonya kwanamandla ake langcangcazela ilizwe lonke; ngokuba besiza bagqibe ilizwe nako konke okukulo, isixeko nabahlala kuso. 17Ngokuba, bona ke, ndiya kuzituma pakati kwenu inyoka, ibasiliske, ezingenakunyangwa; zaziya kuniluma, utsho uyehova. 18Ukucwayita kwam kum kulusizi, intliziyo yam kum icubukile. 19Nali ilizwi lesikalo sentombi yabantu bam, livela elizweni labakude, lisiti: Uyehova akako na e‐Ziyone? ukumkani wayo akako na kuyo? Yinina ukuba bandiqumbisile ngemifanekiso yabo eqingqiweyo, ngezinto ezingendawo zasemzini? 20Ixesha lokuvuna lidlulile, ihlobo lipelile, kanti tina asisindiswanga noko. 21Ngenxa yesapuko sentombi yabantu bam ndapukile mna; ndiyalila: ukuti nqa kundibambile. 22Itsori ayiko na e‐Gileyadi? umpilisi akako na apo? kunganina ngoko ukuba akubuyiswanga ukupila kwentombi yabantu bam?