1KANJAKO ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya ngokwesibini, nxa abesavalelwa enkundleni yentolongo, lisiti:
2Utsho ukuti uyehova olenzayo icebo lake, uyehova olidalayo, ukuba aliqinise; nguyehova igama lake: 3Biza kum, ndandiya kukupendula, ndikuxelele izinto ezinkulu neziyimigushanxa, ezo ungazazanga. 4Ngokuba esitsho ukuti uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngazo izindlu zesisixeko, nangazo izindlu zokumkani bo‐Juda, ezicitiweyo ngenxa yendulana nangenxa yesiṙele, 5besiza ukulwa nama‐Kaledine, nokuzizalisa ngezidumbu zabantu, endibabuleleyo ngengqumbo yam nangobuṙalaṙume bam, nendibufihlileyo ubuso bam kwesisixeko ngenxa yayo yonke inkohlakalo yabo: 6Bona ke, ndiya kubuyisela kuso ukupola nokupila; ndandiya kubapilisa, ndibatyilele ubuninzi boxolo nenyaniso. 7Ngokuba ndiya kubuyisa ukutinjwa kwo‐Juda, nokutinjwa kwo‐Sirayeli, ndibake njengasekuqaleni. 8Ndiya kubahlanza kuko konke ukukohlakala kwabo, abandonileyo ngako; ndandiya kuxolela zonke izikohlakalo zabo, abandonileyo ngazo, nabagqitileyo ngazo ngakum. 9Soba ligama lomgcobo kum, indumiso nengcwalisa pambi kwazo zonke izizwe zomhlaba, eziya kuva konke okulungileyo endikwenzayo kubo; zaziya kwoyika zingcangcazele pezu kwako konke ukulunga, napezu kwako konke ukwonwaba, endisizuzisa kona.
10Utsho uyehova ukuti: Kwobuya kuviwe kulendawo, eniti nina ngayo: Icitakele, bengeko abantu, zingeko nazilo; ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme, ezicitakalisiweyo, zingenabantu, zingenabemi, zingenazilo, 11ilizwi lomgcobo nelizwi lovuyo, ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi, ilizwi labo abati: Bulelani kuyehova wemikosi, ngokuba uyehova elungile, ngokuba ububele bake bungunapakade; nelabazisayo umnikelo wokubulela endlwini kayehova: ngokuba ndiya kubuyisa ukutinjwa kwelizwe, njengasekuqaleni, utsho uyehova. 12Utsho uyehova wemikosi ukuti: Kwobuya kubeko kulendawo, ecitakeleyo, ekungeko abantu nezilo kuyo, nakuzo zonke izixeko zayo, intlalo zabalusi, bebutumisa imihlambi yabo. 13Ezixekweni zasezintabeni, ezixekweni zasezihlanjeni, nasezixekweni zasesuyide, naselizweni lakwa‐Benjamine, nasemizini engqongayo i‐Yerusaleme, nasezixekweni zakwa‐Juda, imihlambi yobuya idlule ngapantsi kwezandla zoyibalayo, utsho uyehova.
14Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ndiya kuqinisa elolizwi lilungileyo endilitetileyo kwindlu ka‐Sirayeli, nakwindlu ka‐Juda. 15Ngaleyomihla, nangeloxesha, ndiya kuhlumisela u‐Davide isebe lobulungisa; waeya kwenza ubugwebo nobulungisa elizweni. 16Ngemihla leyo i‐Juda iya kusindiswa, ne‐Yerusaleme yohlala ekunqabeni: negama iya kubizwa ngalo leli lokuti: Uyehova ubulungisa betu. 17Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Akuyi kunqamkela u‐Davide indoda ihleli pezu kweterone yendlu ka‐Juda. 18Kanjalo akuyi kunqamkela abaperisite abangaba‐Levi indoda ebusweni bam, inikela amadini okutshiswa, ivutisa iminikelo yokudla, isenza imibingo imihla yonke.
19Labuya leza ilizwi likayehova ku‐Jeremiya, lisiti: 20Utsho uyehova ukuti: Ukuba ningatshitshisa ucebano lwam lwemini, nocebano lwam lwobusuku, kuze kungabiko imini nobusuku ngexesha lazo; 21kuya kutshitshiswa nocebano lwam kunye no‐Davide isicaka sam, ukuba angabi nonyana epete ubukumkani pezu kweterone yake; nakunye naba‐Levi abangabaperisite, abakonzi bam. 22Njengokuba ungenakubalwa umkosi wezulu, nanjengokuba ingenakulinganiswa intlabati yolwandle, kwa njalo ndiya kwandisa inzalo ka‐Davide isicaka sam, naba‐Levi abandikonzayo.
23Kanjako ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya, lisiti: 24Akubonanga na oko kutetiweyo ngababantu, besiti: Izizalwane zozibini azinyuleleyo uyehova, uzilahlile bo? Kunjalo badelayo abantu bam, ukuze bangabi sesisizwe pambi kwabo. 25Utsho uyehova ukuti: Ukuba akuko ucebano lwam lwemini nolwobusuku; ukuba andimisanga imimiso yezulu neyomhlaba; 26ndiya kwandula ndilahle inzalo ka‐Yakobi, no‐Davide isicaka sam, ukuze ndingatabati kwinzalo yake abaya kupata pezu kwenzalo ka‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi: koko ndiya kubuyisa ukutinjwa kwabo, ndibe netaṙu ngakubo.