1EKUQALENI kwobukumkani buka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, lavela elilizwi kuyehova, lisiti: 2Utsho uyehova ukuti: Yima ebaleni lendlu kayehova, uwatete kuzo zonke izixeko zakwa‐Juda, ezizayo ukubedesha endlwini kayehova, onke amazwi endikuyaleleyo ukuba uwatete kuzo: ungapunguli nalizwi. 3Umhlaumbi baya kuva, baguquke abanye ngabanye endleleni yabo ekohlakeleyo, ukuze ndibe nosizi pezu kwobubi endicingileyo ukubenzela bona, ngenxa yenkohlakalo yezenzo zabo. 4Wauya kuti kubo: Utsho uyehova ukuti: Ukuba aniyi kupulapula kum, ukuhamba ngomteto wam endiwumisileyo pambi kwenu; 5ukupulapula kuwo amazwi ezicaka zam abaprofite, endizitumileyo kuni, ndivuka kusasa nje ndizituma, koko ningapulapulanga; 6ndiya kwandula ndiyenze indlu le njenge‐Shilo, nesisixeko ndiya kusenza sibe sisiqalekiswa kuzo zonke izizwe zomhlaba.
7Kekaloku abaperisite, nabaprofite, nabo bonke abantu, bebesiva u‐Jeremiya eteta lamazwi endlwini kayehova. 8Kwaza kwati, nxa abegqibile u‐Jeremiya ukuteta konke uyehova abemyalele ukuba akutete kubo bonke abantu, bandula abaperisite, nabaprofite, nabo bonke abantu, bambamba, besiti: Uya kufa ngenyaniso. 9Yinina ukuba uprofiteshile ngegama likayehova, usiti: Lendlu yoba njenge‐Shilo, nesisixeko socitakaliswa, singabi nabemi? Baye bonke abantu behlanganisene ngakuye u‐Jeremiya endlwini kayehova.
10Zati inkosana zakwa‐Juda zakuva ezizinto, zenyuka kuyo indlu yokumkani zaya endlwini kayehova, zahlala pantsi emnyango wesango elitsha lendlu kayehoua. 11Baza abaperisite nabaprofite bateta kuzo inkosana, nakubo bonke abantu, besiti: Ifanelwe ngumgwebo wokufa indoda le; ngokuba iprofiteshile ngakuso esisixeko, njengokuba nivile ngendlebe zenu.
12Wandula wateta u‐Jeremiya kuzo zonke inkosana, nakubo bonke abantu, esiti: Uyehova wandituma ukuza kuprofitesha ngakuyo indlu le, nangakuso esisixeko, onke amazwi eniwavileyo. 13Ngako kaloku, lungisani indlela zenu nezenzo zenu, nipulapule ilizwi likayehova, utixo wenu, ukuba uyehova abe nosizi ngabo ububi abutetileyo ngakuni. 14Mna kambe, nanku ndisesandleni senu; yenzani kum njengokulungileyo nanjengokufaneleyo emehlweni enu. 15Kodwa qinisani ukwazi, okokuba, nxa nindifisayo, okunene igazi elingenatyala nolizisa pezu kwenu, napezu kwesisixeko, napezu kwabemi baso; ngokuba ngenyaniso uyehova enditumile kuni, ukuza kuteta onke lamazwi ezindlebeni zenu.
16Zaza zati inkosana, nabo bonke abantu, kubaperisite nakubaprofite: Lendoda ayifanelwe ngumgwebo wokufa, ngokuba itetile kuti ngegama likayehova, utixo wetu.
17Andula esuka amadoda akubo abadala belizwe, ateta kuyo yonke intlanganiso yabantu, esiti: 18u‐Mika, um‐Moreshete, ebeprofitesha emihleni ka‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, wateta kubo bonke abantu bakwa‐Juda, esiti: Utsho uyehova wemikosi ukuti: i‐Ziyone iya kuku̔tyelwa njengentsimi, ne‐Yerusaleme yoba zimfumba, nentaba yalendlu yoba yimimango ebuhlati. 19Kanene u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, nabo bonke o‐Juda, bake bamfisa na? akamoyikanga uyehova na, wabongoza ubuso bukayehova, wada uyehova waba nosizi ngabo ububi abebutetile ngakubo? Besiya kuyenza inkohlakalo enkulu ngakuyo eyetu imipefumlo.
20Kwaye kuko kanjalo indoda ebiprofitesha ngegama likayehova, u‐Huriya, unyana ka‐Shemaya wase‐Kiriyate‐yarime, owaprofitesha ngakuso esisixeko, nangakulo elilizwe, njengawo onke amazwi ka‐Jeremiya: 21wati akuva ukumkani u‐Yoyakime, nawo onke amaṙoti ake, nazo zonke inkosana, amazwi ake, wafuna ukumkani ukumfisa: kodwa kwakuviwa ngu‐Huriya, waza woyika, wesaba, wafika e‐Jipete. 22Koko ukumkani u‐Yoyakime wasusa amadoda ukuya e‐Jipete, u‐Elinatane unyana ka‐Hakebore, namadoda atile kunye naye, ukuya e‐Jipete. 23Ada ampumisa u‐Huriya e‐Jipete, amzisa kuye ukumkani u‐Yoyakime, owambulala ngesiṙele, waposa isidumbu sake emancw̔abeni osapo lwabantu.
24Kodwa isandla sika‐Ahikame, unyana ka‐Shafane, sibe sinaye u‐Jeremiya, ukuze anganikelwa esandleni sabantu ukuba bamfise.