1ILIZWI likayehova lalekela leza kum, lisiti:
2Akuyi kuzeka umfazi, kanjako akuyi kuba nonyana nentombi, kulendawo. 3Ngokuba esitsho uyehova ngabo onyana nangazo intombi, abazalwayo kulendawo, nangabo onina ababazalayo, nangabo oyise ababazalayo kwelilizwe, ukuti: 4Baya kufa ngezifo ezifisayo, abayi kulilelwa, abayi kuncw̔atywa kanjalo; boba njengomgquba ebusweni bomhlaba; babeya kugqitywa ngesiṙele nangendlala, nezidumbu zabo zoba kukutya kuzo intaka zezulu, nakuzo izilo zomhlaba. 5Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Ungangeni endlwini yokukala, ungayi ukubalilela, ungayi nokubaku̔za; ngokuba ndisusile uxolo lwam kubo ababantu, utsho uyehova, kwa nobubele nenceba. 6Kwa nabakulu nabancinane baya kufa kwelilizwe; abayi kuncw̔atywa; kanjalo abantu abayi kubalilela, abayi kuziqapula, abayi kuzenza bunqai ngenxa yabo. 7Abayi kubaqezulela isonka ekulileni, ukuba batutuzelwe pezu kwofileyo; kanjako abayi kubaseza ngendebe yotutuzelo, ngenxa yoyise nangenxa yonina.
8Akuyi kungena nasendlwini yomtendeleko, ukuze uhlale nabo ukutya nokusela. 9Ngokuba esitsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kupezisa kulendawo, pambi kwamehlo enu, nasemihleni yenu, ilizwi lomgcobo nelizwi lovuyo, ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi.
10Kwakuya kuti, nxa uya kuxela kwababantu onke lamazwi, baze bati kuwe: Kungenxa yanina alitetileyo uyehova lonke elilishwa likulu ngakuti? liyinto nina ityala letu? siyinto nina isono setu esonileyo ngaso ngakuye uyehova, utixo wetu? 11uya kwandula uti kubo:
Kungenxa yokuba oyihlo benu bandishiyile, utsho uyehova, nokuba balandela otixo bambi, babakonza bababedesha; kanti mna bandishiya, nomteto wam abawugcinanga. 12Nani nigqitisile oyihlo benu ngokwenza okungalungileyo; ngokuba, bona ke, nilandele omnye ngomnye ubulukuni bentliziyo yake ekohlakeleyo, engapulapuli kum. 13Ngako ndiya kunigxota kwelilizwe, niye elizweni eningalazanga, kwa nina noyihlo benu; nalapo niya kukonza otixo bambi imini nobusuku, ngokuba ndingayi kuninika ufefe.
14Noko, bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, ekungayi kubuya kutiwe: Uhleli uyehova, owenyusayo usapo luka‐Sirayeli ezweni le‐Jipete; 15koko kuya kutiwa: Uhleli uyehova, olunyusileyo usapo luka‐Sirayeli ezweni lasenode, nakuwo onke amazwe apo abelugxotele kona: ngokuba ndiya kulubuyisela kowalo umhlaba, endawunikayo koyise balo. 16Bona ke, ndiya kutumela abalobi abaninzi, utsho uyehova, abaya kubaloba: nasemva kwoko ndobatumela abazingeli abaninzi, abaya kubazingela, bapume kuzo zonke intaba, nakuzo zonke induli, nasemifanteni yamawa. 17Ngokuba amehlo am epezu kwendlela zabo zonke; azisitele ebusweni bam; kanjako inkohlakalo yabo ayifihliwe emehlweni am. 18Kodwa ukuqala ndiya kupindezela inkohlakalo yabo nesono sabo ngokupindiweyo; ngokuba benco̔lisile ilizwe lam ngezidumbu zezinto zabo ezitiyekileyo, nelifa lam balizalisile ngezinto zabo ezibuntshontsho.
19Yehova, mandla am, nenqaba yam, nendawo yam yokupepela ngomhla wobunzima! kwa kuwe abaheyideni baya kuza bevela ezipelweni zomhlaba, bati: Ngenyaniso obawo betu badlile ilifa lobuxoki, izinto ezingendawo, ekungeko nanye pakati kwazo enokunceda. 20Kanene umntu uya kuzenzela otixo na, abangenguye utixo noko? 21Ngako oko, bona ke, ndiya kubazisa ngelixesha, ndiya kubazisa isandla sam namandla am, babeya kukwazi okokuba igama lam li nguyehova.