ISAHLUKO I.
1KWAYE kute emveni kwokufa kuka‐Yoshuwa, lwandula usapo luka‐Sirayeli lwabuza kuyehova, lusiti: Ngubanina oya kusinyukela ngakubo aba‐Kanane ngokuqala, ukuya kulwa nabo? 2Wayesiti uyehova: u‐Juda uya kunyuka; bona ke, ndinikele ilizwe esandleni sake.
3Waza u‐Juda wati ku‐Simone umzalwana wake: Nyuka nam ukuya eqashisweni lam, silwe naba‐Kanane, ndandiya kuya nawe eqashisweni lako. Wasuka u‐Simone waya naye. 4Wenyuka ke u‐Juda; wandula uyehova wanikela aba‐Kanane nama‐Perizi esandleni sabo: babulala kubo e‐Bezeke amadoda angamawaka alishumi. 5Baza bamfumana u‐Adoni‐bezeke e‐Bezeke, balwa naye; babulala aba‐Kanane nama‐Perizi. 6Kodwa u‐Adoni‐bezeke wesaba; basuka bamputuma, bambamba, banqumla izitupa zake nobontsi bake. 7Wandula u‐Adoni‐bezeke wati: Okumkani abamashumi asixe̔nxe, abanqunyuliweyo izitupa zabo nobontsi babo, babebuta imvutuluka pantsi kwetafile yam; njengoko ndikwenzile mna, utixo upindezele kum ngokunjalo. Baza bamzisa e‐Yerusaleme, apo wabuba kona.
8Kekaloku usapo luka‐Juda lwalwa ngakuyo i‐Yerusaleme, lwayitimba, lwayibeta ngohlangoti lweṙele, lwasilahlela emlilweni isixeko eso. 9Nasemva kwoko lwehla usapo luka‐Juda ukuya kulwa naba‐Kanane, ababehleli ezintabeni, nasesuyide, nasezihlanjeni. 10Wasuka u‐Juda waya ngakubo aba‐Kanane ababehleli e‐Hebrone; (kodwa igama le‐Hebrone beliyi‐Kiriyate‐areba ngapambili;) baza babulala o‐Sheshai, no‐Ahimane, no‐Talemai. 11Wemka kona waya ngakubo abemi base‐Debire: (kodwa igama le‐Debire ngapambili beliyi‐Kiriyate‐sefere.)
12Wayesiti u‐Kalebi: Lowo obetayo i‐Kiriyate‐sefere, ayitimbe ke, sendiya kumnika u‐Hakesa, intombi yam, abe ngumfazi. 13Wasuka u‐Hotineli unyana ka‐Kenazi, umninawe ka‐Kalebi, wayitimba: waza wamnika u‐Hakesa, intombi yake, abe ngumfazi. 14Kwaye kute, ekuzeni kwake endodeni, wayivusa ukuba icele kuyise intsimi; wandul’ ukuhlika eqwaṙasheni; waza u‐Kalebi wati kuye: Ufuna nto nina? 15Wayesiti kuye: Ndipe itamsanqa; ngokuba undipile ilizwe lasesuyide; ndipe Kanjalo imitombo yamanzi. Waza u‐Kalebi wampa imitombo yasentla nemitombo yasezantsi.
16Kanjako usapo lwom‐Keni, usomfazi ka‐Mosesi, lwenyuka esixekweni semiti yepalime nosapo luka‐Juda ukuya entlango yakwa‐Juda, engasesuyide ye‐Haradi; lwaya lwahlala nabobantu.
17Wasuka u‐Juda waya no‐Simone umzalwana wake; baza babulala aba‐Kanane ababehleli e‐Tsefate, bayilahlela ekutshatyalalisweni: ngako kwabizwa igama lesixeko eso nge‐Horema. 18Wandula u‐Juda watimba i‐Gaza nomda wayo, ne‐Ashekelone nomda wayo, ne‐Hekrone nomda wayo. 19Waye uyehova ebeno‐Juda; waza wagqogqa abemi bentaba; kodwa ebekohlwa ukugqogqa abemi bomhlambo, ngokuba bebenenqwelo zesincete. 20Baye benika i‐Hebrone ku‐Kalebi, njengokuba u‐Mosesi ebetshilo; waza wagqogqa apo onyana bobatatu baka‐Hanaki.
21Kodwa ama‐Yebusi, abehleli e‐Yerusaleme, usapo luka‐Benjamine alwawagqogqa; koko ama‐Yebusi ahleli nosapo luka‐Benjamine e‐Yerusaleme kwada kwanamhla nje.
22Kekaloku indlu ka‐Josefe, benyuka nabo baya ngakuyo i‐Betele: waye uyehova ebenabo. 23Yatuma indlu ka‐Josefe kuhlolwe i‐Betele: (kodwa igama lesosixeko beliyi‐Luze ngapambili.) 24Zaza intlola zambona indoda ipuma esixekweni, zati kuyo: Sibonise ke indawo yokungena yesixeko, sasiya kwenza kuwe ububele. 25Zati, yakubonisa kuzo indawo yokungena yesixeko, zabeta isixeko ngohlangoti lweṙele; kodwa zayindulula indoda leyo nesizalwane sayo sonke. 26Yahamba londoda yaya ezweni lama‐Hiti, yaka isixeko, yabiza igama laso nge‐Luze; likwa ligama laso kwada kwanamhla nje.
27Kanjako u‐Manase akagqogqa abemi base‐Bete‐shane namagxamesi ayo, nabase‐Tahanaki namagxamesi ayo, nabemi base‐Doṙe namagxamesi ayo, nabemi base‐Yibelame namagxamesi ayo, nabemi base‐Megido namagxamesi ayo; kodwa aba‐Kanane bebetanda ukuhlala kwelozwe. 28Kwaza kwati, xeshekweni u‐Sirayeli ase womelele, wabenza aba‐Kanane babe ngabanikeli; kodwa akabagqogqa ngokugqibela.
29Kanjako u‐Frayime akabagqogqa aba‐Kanane abahlala e‐Gezere; kodwa aba‐Kanane bahlala pakati kwabo e‐Gezere.
30U‐Zebulone akabagqogqa abemi base‐Kitrone, nabemi base‐Nahaloli; kodwa aba‐Kanane bahlala pakati kwabo, baba ngabanikeli.
31U‐Ashere akabagqogqa abemi base‐Hako, nabemi base‐Tsidone, nabase‐Halabi, nabase‐Kazibe, nabase‐Heleba, nabase‐Afeki, nabase‐Rehobi: 32kodwa ama‐Ashere ahlala pakati kwaba‐Kanane, abemi belozwe; ngokuba ebengabagqogqanga.
33U‐Nefatali akabagqogqa abemi base‐Bete‐shemeshe, nabemi base‐Bete‐hanate; kodwa wahlala pakati kwaba‐Kanane, abemi belozwe: noko abemi base‐Bete‐shemeshe nabase‐Bete‐hanate baba ngabanikeli kubo.
34Nosapo luka‐Dane aba‐Amori balunyanzelela entabeni: ngokuba bebengaluvumeli ukuba luhlele emhlanjeni; 35kodwa aba‐Amori bebetanda ukuhlala entabeni ye‐Heresi, e‐Ajalone, nase‐Shahalabime: noko isandla sendlu ka‐Josefe besinzima pezu kwabo, baza baba ngabanikeli. 36Kekaloku umda waba‐Amori ubuvela eqineni lase‐Hakerabime, nase‐Sela, waya ngasentla.