1NGUBANINA lo ozayo evela e‐Edome, enengubo ezimbejembeje evela e‐Botsera; lo, oyingcwalisa ekuvateni kwake, ehamba kuhle ebukulwini bobomelelo bake?
Ndim, otetayo ngobulungisa, onamandla ukusindisa.
2Yinina ukuba ubomvu ekuvateni kwako, nengubo zako ukuba zinjengezalowo uxovulayo efatyeni yeveyine?
3Isincinezelo seveyine ndisixovulile ndedwa, nakubo abantu bekungeko namnye kunye nam; ndabaxovula ngengqumbo yam, ndabanyatela ngobuṙalaṙume bam; laza igazi labo lacapazelwa pezu kwengubo zam, nazo zonke izivato zam ndizidyobile. 4Ngokuba umhla wempindezelo ubusentliziyweni yam, nomnyaka wabakululweyo bam ubufikile. 5Ndakangela ke, koko bekungeko umncedi; ndati nqa ukuba bekungeko umsekeli: yaza eyam ingalo yandenzela usindiso, nobuṙalaṙume bam bona bandisekela. 6Ndanyatela pantsi abantu ekuqumbeni kwam, ndabanxilisa ekuṙaleni kwam; ndati igazi labo ndalihlisela emhlabeni.
7NDIYA kukankanya izibele zikayehova, indunyiswa zikayehova, njengokwako konke uyehova usenzele kona, nokulunga okukulu ngakuyo indlu ka‐Sirayeli, owabenzela kona njengokwenceba zake, nanjengokwobuninzi bezibele zake. 8Ngokuba ebesiti: Ngenyaniso bangabantu bam, usapo olungayi kuxoka; ngako waba ngumsindisi wabo. 9Kubo bonke ubunzima babo wanobunzima yena, yaza ingelosi yobuso bake yabasindisa; ngotando lwake nangobubele bake wabakulula; wabafunqula, wabatwala yonke imihla yakudala. 10Bala bona noko, bamqumbisa u‐Moya wake oyi‐Ngcwele; ngako waguqulwa waba lutshaba lwabo, walwa ngakubo. 11Koko wakumbula imihla yakudala, u‐Mosesi, nabantu bake. Upina lowo owabanyusayo elwandle, kunye nabalusi bomhlambi wake? Upina lowo owabekayo u‐Moya wake oyi‐Ngcwele pakati kwabo; 12lowo owenzayo ingalo yake ebungcwalisa iye ngasesandleni sokunene sika‐Mosesi, ecanda amanzi pambi kwabo, ukuba azenzele igama elingunapakade; 13lowo owabakokela ezinzulwini? njengehashe entlango, abaku̔beka. 14Njengokuba inkomo ihlela emhlanjeni, umoya kayehova wabanika ukupumla: kwa njalo wabukapa abantu bako, ukuba uzenzele igama elibungcwalisa.
15Kangela pantsi kwa sezulwini, ubone usekayeni lobungcwele bako nelenkazimlo yako: bupina ubukwele bako namandla ako, ukuxuxuzela kwombilini wako nenceba zako ngakum? zinyanzelekile na? 16Ngenyaniso wena ungubawo wetu, nakuba u‐Abrahame angenokusazi, ati u‐Sirayeli angasivumi: wena, Yehova! ungubawo wetu, umkululi wetu; igama lako lelingunapakade. 17Kunganina. Yehova! ukuba usilahlekisile ezindleleni zako, nokuba uyenze lukuni intliziyo yetu, size singakwoyiki? Buya ngenxa yezicaka zako, izizwe zelifa lako. 18Lixesha elincinane ababelifuya abantu bako abangcwele; intshaba zetu zinyatele pantsi eyingcwele indawo yako. 19Sibe sinjengabo ubungapati ubukosi pezu kwabo napakade, abangabizwanga ngegama lako.