1PAKAMA, kanya, ngokuba ukukanya kwako kufikile, nobungcwalisa bukayehova bupumile pezu kwako. 2Ngokuba, bona ke, ubumnyama bogubungela umhlaba, nesitokotoko abantu; kodwa pezu kwako uyehova uya kupuma, nobungcwalisa bake bobonakala pezu kwako.
3Babeya kuza abaheyideni ekukanyeni kwako, nokumkani ekukazimleni kwokupuma kwako. 4Pakamisa amehlo ako ngento engqongayo, ukangele; bona bonke bayazihlanganisa, bayeza kuwe: onyana bako bovela kwa kude, nentombi zako ziya kubelekwa ecaleni. 5Oko uya kukangela, ukanyiswe ke; intliziyo yako iya kuntontoza, yande; ngokuba ubuninzi bolwandle buya kuguqulelwa kuwe, ubutyebi babaheyideni bofika kuwe.
6Ingxokolo yenkamela yokugubungela, inkamela ezintsha zase‐Midiyane ne‐Hefa; ezase‐Sheba ziya kuza zonke; igolide nentlakamhlope zozitwala, nendunyiswa zikayehova ziya kuzishumayela. 7Zonke igusha zakwa‐Kedare zohlanganiselwa kuwe; inkunzi zegusha zakwa‐Nebayoti zokukonza; ziya kunyuka ngokubukwa pezu kwesibingelo sam, nendlu entle yam ndoyihomba.
8Ngobanina aba, ababalekayo njengelifu, nanjengamahobe ukuya ezindlwini zawo? 9Ngenyaniso iziqiti ziya kukangela kum, nenqanawa zase‐Tareshishe ukuqala; kuveliswe onyana bako kwa kude, isilivere yabo negolide yabo inabo, ukuza egameni likayehova, utixo wako, nakoyingcwele ka‐Sirayeli, okuhombileyo.
10Kanjalo abasemzini baya kwaka indonga zako, nokumkani babo bokukonza; ngokuba ngomsindo wam ndikubetile, kodwa ngembuko yam ndoba nezibele kuwe. 11Ngako amasango ako oba evulekile futi; emini nasebusuku akayi kuvalwa; kuze kungeniswe kuwe ubutyebi babaheyideni, nokumkani babo baqoqoziselwe kuwe. 12Ngokuba esosizwe nobobukumkani ezingayi kukonza kuwe ziya kutshabalala; ewe, ezozizwe zogqityelwa ukucitakaliswa.
13Ubungcwalisa be‐Lebanone boza kuwe, umti weberoshe, nowetidara, nowetashure kwa kunye; kuze kuhonjwe indawo eyingcwele yam; nendawo yenyawo zam ndoyenza bungcwalisa. 14Boti nonyana bababandezeli bako beze kuwe ngokuguqa; nabo bonke ababekudela boziqubuda ngasemizantsini zenyawo zako; babeya kukubiza ngokuti, sisixeko sikayehova, yi‐Ziyone, yoyingcwele ka‐Sirayeli.
15Ekubeni ubushiyiwe watiywa, kwada akwabiko mntu obecanda kuwe, sendiya kukwenza indluliselo engunapakade, uvuyiso lwezizukulwana ngezizukulwana. 16Wauya kwanya amasi abaheyideni; ewe, ibele labo okumkani uya kulanya; wauya kwazi ukuba mna Yehova ndingumsindisi wako, nomkululi wako, usomandla ka‐Yakobi. 17Endaweni yobedu, ndoyizisa igolide; nasendaweni yesincete, ndoyizisa isilivere; nasendaweni yemiti, ubedu; nasendaweni yamatye, isincete: ndandiya kubenza abongama bako babe noxolo, nabapati bako babe nobulungisa. 18Ubudlwengu abuyi kubuya buviwe elizweni lako, kwa nocitakalo notshabalalo pakati kwemida yako; koko uya kubiza indonga zako ngokuti lusindiso, namasango ako ngokuti ludumiso. 19Ilanga aliyi kubuya libe sisikanyiso kuwe ngemini; kanjalo inyanga ayiyi kukukanyisa ngenkazimlo; ngokuba uyehova eya kuba sisikanyiso esingunapakade kuwe, notixo wako woba bubuhle bako. 20Ilanga lako aliyi kubuya litshone, nenyanga yako ayiyi kuselwa; ngokuba uyehova eya kuba sisikanyiso esingunapakade kuwe, iti imihla yokulila kwako ibe nokupela. 21Nabantu bako, bona bonke boba ngabalungileyo; bolidla ilifa lelizwe ngonapakade; isebe lokutyala kwam, umsebenzi wezandla zam, ukuba ndenzelwe ubungcwalisa. 22Omncinane woba liwaka, nomkudlwana woba sisizwe esinamandla. Mna Yehova ndokukaulezisa oku exesheni lako.