1PULAPULANI kum, nina ziqiti! bekani indlebe, nina bantu bakude! Uyehova undibizile ndisesizalweni; kwa sembilini kama̔ ukankanyile igama lam. 2Uwenzile umlomo wam njengeṙele elibukali; esitunzini sesandla sake undifihlile; undenzile utolo olukazimlayo, wandizimeza empongolweni wake; 3wayesiti kum: Usisicaka sam wena; endiya kwenzelwa ubungcwaliswa kuwe, Sirayeli! 4Ndaza ndati: Ndifumane ndizama; amandla am ndiwapelisele okungendawo nokungento: noko, ibango lam linaye uyehova, nomvuzo wam u notixo wam. 5Nakaloku uti uyehova, owandidala kwa sesizalweni ukuba ndibe sisicaka sake, ukuze ndimbuyisele kuye u‐Yakobi: Nangona u‐Sirayeli angayi kubutwa, ndiya kubekwa noko emehlweni kayehova, ati utixo wam abe ngamandla am. 6Uti kanjalo: Yinto encinane ukuba ube sisicaka sam, ukumisa izizwe zika‐Yakobi, nokubuyisa abalondoloziweyo baka‐Sirayeli; ndikunikile nokuba ube sisikanyiso kubaheyideni, ukuze ube lusindiso lwam kude kube sekupeleni kwomhlaba. 7Utsho uyehova, umkululi ka‐Sirayeli, oyingcwele wake, kuye odelwayo ngabantu, kuye ozondwayo sisizwe, kuso isicaka sabapati, ukuti: Okumkani baya kubona, basuke beme; nenkosana, zibedeshe; ngenxa yake uyehova, onyanisekileyo, oyingcwele ka‐Sirayeli, okuqashileyo. 8Utsho uyehova ukuti: Ngexesha elikolekileyo ndikupendule, nangomhla wosindiso ndikuncedile; ndandiya kukulondoloza, ndikunike ube lucebano lwabantu, ukumisa umhlaba, ukwenza amafa acitakeleyo adliwe, 9ukuti kubabanjwa: Pumani! kubo abasebumnyameni: Bonakalani! Baya kudla ezindleleni, napezu kwazo zonke induli kwobako amadlelo abo. 10Abayi kulamba, abayi kunxanwa kanjalo; aluyi kubabeta ulwopu nelanga; ngokuba lowo onezibele ngakubo eya kubakokela, abakapele ngasemitonjeni yamanzi. 11Ndandiya kuzenza zonke intaba zam zibe yindlela, nemendo yam iya kupakanyiswa. 12Bona ke, aba bovela kwa kude; kanjako, bona ke, aba bovela enode, nasentshonalanga, naba elizweni le‐Sinime. 13Culani, mazulu! ugcobe, mhlaba! gqabukelani ekuculeni, zintaba! ngokuba uyehova etutuzela abantu bake, enezibele pezu kwababandezelwa bake.
14Kodwa i‐Ziyone iti: Uyehova undishiyile; inkosi yam indilibele. 15Umfazi angamlibala na umntwana wake owanyayo, ukuba angabi nabubele ngakuye unyana wesizalo sake? Ewe, aba bangalibala, kanti mna andisayi kukulibala. 16Bona ke, ndikuvambile pezu kwentende zezandla zam; indonga zako zipambi kwam futi. 17Onyana bako baya kunxama; abo bakucitayo, nabo bakutshabalalisayo, baya kumka kuwe. 18Pakamisa amehlo ako ngento engqongayo, ukangele: bona bonke bayazihlanganisa, beze kuwe. Ndihleli nje, utsho uyehova, bona bonke uya kubambata njengezihombo, ubanxibe kuwe njengokuba esenje njalo umtshakazi. 19Ngokuba indawo zako ezicitakeleyo, nendawo zako ezitshabaleleyo, nelizwe lako elicitiweyo, okunene ngoku liya kuba lixinene kwabemi; nabo ababekuginya boba kude. 20Onyana ububahlutiwe bobuya bati ezindlebeni zako: Indawo ixinene kum; ndikwelele ukuba ndihlale. 21Wauya kuti entliziyweni yako: Ngubanina ondizalele aba? ngokuba bendingohlutiweyo abantwana noligantuntu; bendingumtinjwa nogxotiweyo: ngubanina ke obakulisileyo aba? bona ke, bendishiyiwe ndedwa; aba, bebepina bona? 22Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kufunqulela kubaheyideni isandla sam, nebanile yam ndoyipakamisela ezizweni; babeya kuzisa onyana bako ezingalweni, nentombi zako ziya kutyatwa emagxalabeni. 23Okumkani boba ngabondli bako, nenkosikazi zabo zoba ngabanyisikazi bako; benobuso ngasemhlabeni baya kutoba pantsi kuwe, notuli lwenyawo zako bolukota; wauya kwazi ukuba ndi nguyehova; ngokuba bengayi kudana abo bandilindayo. 24Amaxoba aya kususwa na kwigoṙa? nabatinjwa bolungileyo baya kuhlangulwa na? 25Ngenyaniso utsho uyehova ukuti: Ewe, abatinjwa begoṙa baya kususwa, namaxoba esidlwengu aya kuhlangulwa: ngokuba lowo opika nawe ndiya kupika naye mna, nabantwana bako ndiya kubasindisa. 26Ndandiya kudlisa ababandezeli bako eyabo inyama; baya kunxila nangelabo igazi, njengeveyine entsha; lwaluya kukwazi uluntu lwonke, ukuba mna Yehova ndingumsindisi wako, nomkululi wako, usomandla ka‐Yakobi.