1Yihla, uhlale elutulini, wena ntombi ipela yase‐Babilone! hlala emhlabeni, ingeko iterone, wena ntombi yama‐Kaledine! ngokuba ungayi kubuya ubizwe ngokuba ngotambileyo nolibetyebetye. 2Tabata amatye okusila, usile umgubo; hluba isigqubutelo sako, funqula amasondo engubo, tyila umlenze, wela imilambo. 3Ubuzé bako buya kutyilwa, nobuhloni bako buya kubonwa; ndiya kutabata impindezelo, ndingabuki mntu namnye.
5Hlala uti tu, uye ebumnyameni, ntombi yama‐Kaledine! ngokuba ungayi kubuya ubizwe ngokuba yinkosikazi yezikumkani. 6Bendiqumbile ngasebantwini bam, ndanco̔lisa ilifa lam, ndabanikela esandleni sako: akwabenzela izibele; pezu kwabadala wabeka iyokwe yako ngento enzima kakulu. 7Wabusiti: Ndoba yinkosikazi kude kube ngunapakade; waza akwabekela ezizinto intliziyo yako, akwakumbulela ukupela kwazo. 8Ngako kaloku, yiva oku, wena ulahlelwe ebuyolweni, ohleli ngokunqaba! lowo oti entliziyweni yake: Ndim, akuko ongapandle kwam; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukuhlutwa kwabantwana. 9Kodwa ziya kuza pezu kwako ezizinto zombini, ngepanyazo, emhleni mnye, ukuhlutwa kwabantwana nobuhlolokazi: zoza pezu kwako ekufezekeni kwazo, ngenxa yobuninzi bobugqi bako, ngenxa yenani elikulu lezinyango zako. 10Ngokuba ubutemba ekukohlakaleni kwako; wati: Akuko ondibonayo. Ubulumko bako nokwazi kwako, oko kukutyekisile; wabusiti entliziyweni yako: Ndim, akuko ongapandle kwam. 11Ngako ububi boza pezu kwako; akuyi kukwazi ukusa emva kwabo: ilishwa liya kuwa pezu kwako, oya kukohlwa kukulisonga ngesizi; ewe, utshabalalo lwoza pezu kwako ngokuzuma, ongayi kulwazi. 12Hlala ke usekunyangeni kwako, nasebuninzini bobugqi bako, osebenzileyo ngabo kwa sebutsheni bako; ngati ungaba nokuncedwa, ngati ungomelezwa. 13Seludiniwe bubuninzi bamacebo ako: mabapakame kambe abahluli bamazulu, abakangeli benkwenkwezi, abalaulayo ekutwaseni kwenyanga, bakusindise kwezozinto eziya kuza pezu kwako. 14Bona ke, boba njengendiza; umlilo wobatshisa; abayi kuzikulula emandleni elangatye; akuyi kubako ilahle lokuba kufudunyezwe, nomlilo wokuba kuhlalwe pambi kwawo. 15Boba njalo kuwe, abo usebenzile nabo, abatengelani bako, kwa sebutsheni bako; baya kubadula abanye ngabanye baye ecaleni labo: akuko namnye oya kukusindisa.